HLALANI NITHE QWA!
IRashiya Ihlasela I-Ukraine
Nge-24 kaFebruwari, 2022, ekuseni kusalelwe, iRashiya ithumele amajoni ayokuhlasela eUkraine, nangona iinkokeli zamazwe amaninzi beziyinqanda loo nto. Yintoni enokwenzeka ehlabathini ngenxa yale mfazwe? UAntónio Guterres ongunobhala jikelele weZizwe Ezimanyeneyo, uthethe la mazwi kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi kokwenzeka kwale nto: “Asikwazi nokuyicinga intlungu nomonakalo oza kwenziwa yile mfazwe. Iza kubangela amazwe aseYurophu nehlabathi lonke lizive lingakhuselekanga.”
Yintoni ezibaluleke ngayo ezi zinto zenzekayo ngokweBhayibhile?
UYesu wathi kuza kufika ixesha lokuba ‘iintlanga zilwe nezinye iintlanga namazwe alwe namanye amazwe.’ (Mateyu 24:7) Funda inqaku elithi “Yiyiphi Imiqondiso ‘Yemihla Yokugqibela’ Okanye ‘Eyexesha Lesiphelo’?” ukuze ubone ukuba iBhayibhile ithi senzeka njani isiprofeto sikaYesu namhlanje.
Incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo ifanisa imfazwe nomkhweli ohleli ‘kwihashe elinombala ofana nowomlilo’ ibe ‘uphelisa uxolo emhlabeni.’ (ISityhilelo 6:4) Ukuze ubone ukuba esi siprofeto sidibana njani neemfazwe zanamhlanje, funda inqaku elithi “Abakhweli Bamahashe Abane—Ngoobani?”
Incwadi yeBhayibhile kaDaniyeli yachaza ukuba “ukumkani wasemntla” ‘nokumkani wasemzantsi’ baza kuphikisana. (Daniyeli 11:25-45) Bukela ividiyo ethi, Ukuzaliseka KweziProfeto—UDaniyeli Isahluko 11 ukuze wazi ukuba kutheni iRashiya namazwe ayixhasayo kusithiwa ngukumkani wasemntla. a
ISityhilelo siphinda sichaze ‘imfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.’ (ISityhilelo 16:14, 16) Kodwa ke le imfazwe ayikho phakathi kwala mazwe siwabonayo namhlanje. Funda inqaku elithi “Yintoni Imfazwe YeArmagedon?” ukuze wazi izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo.
Kutheni unokuba nethemba lokuba izinto ziza kulunga kwixesha elizayo?
IBhayibhile ithi uThixo uza ‘kuphelisa iimfazwe emhlabeni wonke.’ (INdumiso 46:9) Ukuze wazi nezinye izinto athembisa ukuba uza kuzenza uThixo kwixesha elizayo, funda inqaku elithi, “Ithemba Lento Eza Kwenzeka Kwixesha Elizayo.”
UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandazele ukuba uBukumkani bukaThixo bufike. (Mateyu 6:9, 10) Obo Bukumkani ngurhulumente wasezulwini oza kwenza into efunwa nguThixo emhlabeni, ibe loo nto iza kwenza kubekho uxolo. Bukela ividiyo ethi, Yintoni UBukumkani BukaThixo? ukuze ubone indlela obunokukunceda ngayo obu Bukumkani
Angaphezu kwe-129 000 amaNgqina kaYehova ahlala eUkraine. NjengamaNgqina akwamanye amazwe, nawo ahlala engakhethi cala kwiipolitiki futhi akavumi ukuncedisa emfazweni. (Yohane 18:36) AmaNgqina kaYehova asemhlabeni wonke ayaqhubeka eshumayela ‘iindaba zilungileyo ezingoBukumkani,’ futhi achaza ukuba le yeyona ndlela yokulungisa iingxaki zabantu neemfazwe. (Mateyu 24:14) Sicela ukuba usibhalele okanye usifowunele ukuze ufunde ngethemba eliseBhayibhileni.
a Ukuze ufumane inkcazelo epheleleyo ngesi siprofeto, funda inqaku elithi “Ukumkani Wasemntla Ngexesha Lesiphelo” nelithi “Ngubani Ukumkani Wasemntla Namhlanje?”