Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMILES NORTHOVER | IBALI LOBOMI

UYehova Wandisikelela Ngokusebenza Nzima Ngezandla Zam

UYehova Wandisikelela Ngokusebenza Nzima Ngezandla Zam

 Abazali bam babesoloko beyixhasa intlangano kaYehova. Ngokomzekelo, xa intsapho yaseBheteli eLondon yayidinga ubisi, utata wam wanikela ngenkomo yobisi. Sasidla ngokuyihleka sisithi, le nkomo lilungu lokuqala “lentsapho” ukuya eBheteli. Umzekelo wabazali bam wandikhuthaza ukuba ndimenzele yonke into endifuna ukumenzela yona uYehova, ‘ndingasiphumzi isandla sam.’ (INtshumayeli 11:6) Enyanisweni, uYehova wandivulela ithuba lokungaziphumzi izandla zam, ngendlela endingazange ndiyilibale enkonzweni yakhe, ibe wandisikelela. Makhe ndikubalisele ibali lam.

 Ndakhula nosisi wam omdala nobhuti wam kwiifama zamaNgesi ezikufutshane nedolophu yaseBicester eUnited Kingdom. Abazali bam baberenta indlu encinci kuloo fama. Xa ndandineminyaka eyi-19, nam ndaba nguvulindlela njengabantwana basekhaya. Emva kwexesha, ndacelwa ukuba ndibe nguvulindlela okhethekileyo eScotland. Ngo-1970, xa ndandineminyaka eyi-23, ndamenywa ukuba ndikhonze eBheteli eLondon. Xa ndandilapho ndeva ngolwimi lwabantu abangevayo. Loo nto yabutshintsha kakhulu ubomi bam yandenza ndavuya ndaneliseka.

Ndafunda Intetho Yezandla

 Xa ndandiseBheteli, ndathunyelwa kwibandla lamaNgqina kaYehova i-Mill Hili, apho ndadibana khona nabantu abangevayo. Nangona babengeva ndandifuna sibe ngabahlobo. Ngoko ndagqiba ekubeni ndihlale nabo kwiintlanganiso.

 Ngelo xesha ayengekho amabandla entetho yezandla eBritani. Abazalwana abangevayo babesiya kwibandla lesiNgesi, apho abazalwana babeguqulela into ethethwayo esiNgesini, beqiniseka ukuba abashiyi nalinye igama. Kodwa njengokuba abazalwana noodade babendifundisa ulwimi lwabo, ndabona ukuba banendlela yabo yokulandelelanisa amagama eyahlukileyo kweyethu. IsiNgesi yayilulwimi abangalwaziyo. Ndathi ndisoyazi loo nto, ndabathanda ibe ndabahlonipha kakhulu kuba babesiya kwiintlanganiso zamaKristu nangona babenale ngxaki. Ndasebenza nzima ndizimisele ukuyazi le ntetho yezandla.

 EBritani, ulwimi olusemthethweni lwabantu abangevayo yiNtetho Yezandla yaseBritani, ekuthiwa yi-BSL. Ekuhambeni kwexesha abatoliki kwiintlanganiso zethu basebenzisa le ndlela ibhetele kunokuba balandele isiNgesi. Ngenxa yaloo nto, abazalwana abangevayo bancedakala kakhulu kwiintlanganiso batsho basondelelana nabazalwana noodade abevayo. Ngoku, xa ndijonge kwiminyaka engaphezu kweyi-50 eyadlulayo, ndiye ndabona indlela uYehova aye wabasikelela ngayo abazalwana abangevayo. Ngoku makhe ndikubalisele ngezinye izinto ezivuyisayo eziye zenzeka uYehova aye wandivumela ukuba ndincedise kuzo.

Baye Besiba Baninzi Abantu Abakwintetho Yezandla

 Ngo-1973, emva konyaka ndimiselwe njengomdala, omnye umzalwana ongevayo, uMichael Eagers, wacebisa ukuba sibe neentlanganiso zentetho yezandla yaseBritani. Isebe lasivumela ukuba mna nalo mdala siqhube iintlanganiso zentetho yezandla eDeptford, esemzantsi mpuma weLondon.

 Imiphumo yaba mihle! Abazalwana noodade baseLondon nabanye ababevela kwiindawo ezikumzantsi mpuma weNgilani, babekhona kwintlanganiso yokuqala yentetho yezandla yaseBritani. Ekugqibeleni abazalwana noodade abangevayo bakwazi ukufundiswa ngoYehova ngolwimi lwabo. Emva kocwangciso saye sabaliselana amava ibe saye sonwabela nezinto ezityiwayo neziselwayo. Ndaye ndafumana nethuba lokukhuthaza abazalwana noodade abangevayo.

 Ekuhambeni kwexesha, iintlanganiso zentetho yezandla zaqhutyelwa kwidolophu saseBirmingham naseSheffield. Abazalwana noodade abaninzi ababefuna ukufunda intetho yezandla yaseBritani baya kwiintlanganiso. Bonke abo babenomdla bancedisa ekushumayeleni ngentetho yezandla emhlabeni wonke.

Ndafumana Umfazi Ondixhasayo

Ngemini yomtshato wethu

 Ngo-1974, ndadibana nodade omhle uStella Barker, owayekhonza njengovulindlela okhethekileyo kwibandla elikufutshane naseBheteli. Saye sathandana saza satshata ngo-1976, emva koko saba ngoovulindlela abakhethekileyo. Ibandla lethu lalise-Hackney, kuMntla weLondon. Apho, uStella waqalisa ukusebenza nam kwintsimi yabantu abasebenzisa intetho yezandla. Xa ndijonga ngasemva, ukuba ngoovulindlela kwethu kwaba sisiqalo esihle somtshato wethu.

 Kungadlulanga xesha lide, mna noStella samenywa ukuba sincedise iintsuku ezithile eBheteli. Sasixakeke kakhulu! Ndandibambela nakwisiphaluka, ndiqhuba iZikolo ZoBukumkani Zabadala, ibe kamva ndandincedisa ekuguquleleni kwintetho yezandla xa kuqhutywa indibano yesiNgesi. Sasidinwa kodwa sasivuya sihlaziyekile.—Mateyu 11:28-30.

 Ngo-1979 nango-1982, kwazalwa oonyana bethu ababini uSimon noMark. Savuya kakhulu ukuba ngabazali kodwa loo nto yongeza kumsebenzi omkhulu esasinawo. Sakwazi njani ukuyenza loo nto? Mna noStella sagqiba ekubeni xa sinikwe isabelo sihambe sonke njengentsapho. Sasikwazi ukufumana ithuba lokuba kunye nelokuzonwabisa. Waba yintoni umphumo? Njengoko oonyana bethu babekhula, zange bafunde nje intetho yezandla kodwa baba ngoovulindlela. Emva kweminyaka eyi-40 inkomo yasekhaya iye ‘eBheteli’, uSimon noMark nabo baya eBheteli, ibe sasivuya kakhulu!

Ndikunye noStella noonyana bethu ababini ngo-1995

Ukuzama Ukunceda Abantu Abangevayo

 Ngoo-1990 babengekho abadala abangevayo eBritani, kodwa kwakukho izicaka zolungiselelo kuphela. Ngenxa yaloo nto, abadala abangakwaziyo ukusebenzisa intetho yezandla kwakufuneka bajonge ukuba abo bazalwana ‘bayakwazi ukufundisa,’ ibe bangakwazi ukumiselwa njengabadala na. (1 Timoti 3:2) Omnye umzalwana ongevayo owayesisicaka solungiselelo, uBernard Austin wayekwibandla lesiNgesi. Wayengumzalwana owayehlonitshwa ibe wayebakhathalele abantu bakaYehova. Ndavuya kakhulu ukuva ukuba uBernard uye wamiselwa njengomdala! Wayengumdala wokuqala ongevayo eBritani.

 Ngo-1996, kwenzeka into evuyisayo—isebe lavuma ukuba kubekho ibandla lokuqala eBritani. Eli bandla lalise-Ealing, kwiMpuma yeLondon. Kwaye kwabakho ulwando.

Zandinceda Zonke Iindibano ZamaKristu

 Ngeminyaka yoo-1980 noo-1990, ndandisebenza ndisekhaya kwiSebe Lenkonzo eBheteli, ndiphendula imibuzo yentsimi yentetho yezandla. Ngamanye amaxesha abazalwana babebhalela isebe bebuza ukuba bangabanceda njani abazalwana abangevayo baziqonde iintetho ezinikelwa kwiintlanganiso, nakwiindibano ngesiNgesi. Ngeloo xesha, lalingekho ilungiselelo lokutolika intetho yezandla kwiindibano ibe zazingekho neevidiyo zabantu abangevayo. Ndandidla ngokukhuthaza abazalwana abevayo nabangevayo ukuba babe nomonde, balindele kuYehova.

 UYehova wasisikelela ngokuba nomonde! Ngokukhawuleza emva koko, isebe lalungiselela ukuba kutolikwe iintetho zesiNgesi kwiintlanganiso nakwiindibano. apho abantu abangevayo babehlala ngaphambili ukuze bakwazi ukubona isithethi nomntu otolikayo. Abazalwana abangevayo babona ukuba uYehova ubathanda nyhani, ibe baxabisekile kwintsapho yakhe.

 Ngo-Aprili 1, 1995, kwabakho indibano ekhethekileyo yentetho yezandla yokuqala eyaba kwiHolo yeNdibano eDudley kwiNtshona Midlands. Ukuze sikwazi ukulungiselela le ndibano, ndancedisa uMzalwana uDavid Merry, owayengumveleli wesiphaluka. Abazalwana noodade abangevayo bahamba iikhilomitha ezininzi, abanye besuka kumntla Scotland naseCornwall ekumzantsi ntshona, ukuze bakwazi ukumamela ucwangciso. Ndisayikhumbula indlela wonke umntu owavuya ngayo xa kweza abantu abangaphezu kwe-1 000 kule ndibano ivuyisayo.

Ndikunye noMzalwana uDavid Merry kwindibano yokuqala Yentetho Yezandla YaseBritani, ngo-1995

 Ngo-2001, isebe lacela ukuba ndincedisane noMzalwana uMerry silungiselele Indibano Yengingqi Yentetho Yezandla YaseBritani eyayiza kubakho kunyaka olandelayo. Sasebenza nzima ukulungiselela lo msebenzi! Kodwa uYehova wayisikelela imizamo yamavolontiya ibe indibano yaphumelela yaye ayisoze ilibaleke! Emva koko, ndaba nelungelo lokulungiselela iindibano zentetho yezandla iminyaka emininzi de uYehova wenza ukuba kubekho abazalwana abafanelelekayo abasebatsha ukuze benze lo msebenzi.

Iividiyo Zabantu Abangevayo

 Ngo-1988, savuya kakhulu xa intlangano kaYehova yakhulula incwadana yokuqala Yentetho Yezandla YaseBritani—incwadana ethi Yintoni Ayifunayo UThixo Kuthi?—ngeVidiyokhasethi. Sisebenzisa yona, saqhuba izifundo zeBhayibhile ezininzi.

 Ngo-2002 kwindibano, kwakuqalwa ukutolikwa iingoma zoBukumkani zentetho yolwimi lwezandla lwaseBritani. Abazalwana noodade abangevayo ngoku babekwazi ukubonisa indlela abacula ngayo amazwi engoma, beboniswa ingoma ibe loo nto yabenza bakuvuyela ukucula kunye. Ndisayikhumbula ibe isandivuyisa indlela omnye umdala owakhala ngayo xa wayeqala “ukucula” iingoma zoBukumkani!

 Kwaphinda kwenzeka enye into evuyisayo ngo-2002. Ibandla Lentetho Yezandla laseLondon lacelwa ukuba lenze idrama. Kodwa sasiza kuyenza njani lento? Zange khe sayenza ngaphambili! UYehova waphinda wasinceda—wasinceda safumana abazalwana ababeqhelile ukwenza iidrama. Lo drama yaphumelela yaba semagqabini. Enye into eyasivuyisayo kukuba ininzi into esayifunda kwaba bazalwana, ibe yandinceda. Phakathi kuka-2003 no-2008, ndaba nelungelo elikhethekileyo lokuba ndincedise xa kwakusenziwa iividiyo needrama eBheteli ezaziza kunceda kwiindibano Zentetho Yezandla yaseBritani.

 Mna noStella sasikuvuyela ukuba seBheteli noonyana bethu. Kodwa umsebenzi esasiwenza wawunzima. Emva kweeveki ezimbalwa ziqhelisela idrama abazalwana ababesebenza kwelo qela babedinwe kakhulu. Kodwa kwakumnandi kakhulu! Sasivuya gqitha. Abazalwana noodade abangevayo babe nenyembezi zovuyo kuba yayingathi amabali aseBhayibhileni enzeka ngokoqobo.

 UYehova waqhubeka esisikelela. Ngo-2015, safumana iividiyo zeMboniselo efundwayo ngeNtetho Yezandla yaseBritani. Incwadi kaMateyu yakhutshwa ngendlela efanayo ngo-2019. Ngoku sinazo zonke iZibhalo ZamaKristu ZesiGrike—ibe iZibhalo zesiHebhere sele siza kuzifumana. Abazalwana noodade abangevayo bambulela kakhulu uYehova!

 UTata wethu osezulwini uthanda bonke abantu, ibe akakhethi yilonto njengentsapho yakhe sifuna ukumlinganisa. (IZenzo 10:34, 35) Mna nentsapho yam siyamangaliswa yindlela intlangano esebenza nzima ngayo ukuze incede bonke abantu—kuquka abangevayo nabangaboniyo. a

 UYehova uye wawusikelela lo msebenzi. Ngoku eBritani kukho amabandla aliqela eNtetho Yezandla yaseBritani. Kundivuyisa kakhulu ukubona intsimi yentetho yezandla ikhula nangona ‘yayineziqalo ezincinci.’ (Zekariya 4:10) NguYehova owenze ukuba lo msebenzi uphumelele. Uyayikhokela intlangano yakhe. Ubanika zonke izinto abazidingayo abakhonzi bakhe ukuze bakwazi ukushumayela iindaba ezilungileyo kubo bonke abantu ibe unceda abo bafanelekayo ukuba bayamkele inyaniso.

Ndikunye noStella, ngo-2023