Eyokuqala YeziKronike 4:1-43
4 Oonyana bakaYuda yayinguPeretse,+ uHetseron,+ uKarmi, uHure+ noShobhali.+
2 URehaya unyana kaShobhali, wazala uYahati, uYahati wazala uAhumayi noLahadi. Ezi ziintsapho zamaTsorati.+
3 Aba ngoonyana bakatata kaEtam:+ uYizereli, uIshma noIdabhashe (igama likadadewabo yayinguHatseleleponi),
4 yena uPenuweli wayengutata kaGedore, uEtsere wayengutata kaHusha. Aba yayingoonyana bakaHure,+ izibulo likaEfratha notata kaBhetelehem.+
5 UAshure+ utata kaTekowa+ wayenabafazi ababini, uHela noNahara.
6 UNahara wamzalela uAhuzam, uHefere, uTemeni noHahashitari. Aba yayingoonyana bakaNahara.
7 Bona oonyana bakaHela yayinguTsereti, uItsare noEtenan.
8 UKotse wazala uAnubhe, uTsobhebha neentsapho zika-Ahareli unyana kaHarum.
9 UYabhetse wayehloniphekile kunabantakwabo, yaye umama wakhe wamthiya ngokuba nguYabhetse,* esithi: “Ndimzele ndisezintlungwini.”
10 UYabhetse wabiza kuThixo kaSirayeli, esithi: “Akwaba ubunokundisikelela, uwandise ummandla wam, nesandla sakho sibe nam, undikhusele kwintlekele ukuze ingandenzakalisi!” Ngoko ke uThixo wamenzela loo nto wayeyicela.
11 UKelubhi umntakwaboShuha, wazala uMehire, owayengutata kaEshton.
12 UEshton wazala uBhete-rafa, uPaseha noTehina utata kaIre-nahashe. La ngamadoda aseReka.
13 Bona oonyana bakaKenazi yayinguOteniyeli+ noSeraya, unyana* kaOteniyeli yayinguHatati.
14 UMeyonotayi wazala uOfra. USeraya, wazala uYowabhi, utata wamaGe-harashim* kuba aba babebizwa ngokuba ngabakhandi abangamachule.
15 Oonyana bakaKalebhi+ unyana kaYefune yayinguIru, uElaha noNayam, yaye unyana* kaElaha, yayinguKenazi.
16 Oonyana bakaYehaleleli yayinguZifi, uZifa, uTiriya noAsareli.
17 Oonyana bakaEzraha yayinguYetere, uMeredi, uEfere noYalon.* Umfazi wakhulelwa waza wazala uMiriyam, uShamayi noIshbha utata kaEshtemowa.
18 (Umfazi wakhe ongumYuda, wazala uYerede utata kaGedore, uHebheri utata kaSoko noYekutiyeli utata kaZanowa.) Aba yayingoonyana bakaBhitiya, intombi kaFaro, eyatshatwa nguMeredi.
19 Oonyana bomfazi kaHodiya, udadeboNaham, babengootata bakaKeyila umGarmi noEshtemowa umMahakati.
20 Bona oonyana bakaShimon yayinguAmnon, uRina, uBhen-hanan noTilon. Oonyana bakaIshi yayinguZohete noBhen-zohete.
21 Oonyana bakaShela+ unyana kaYuda yayinguEre utata kaLeka, uLahada utata kaMareshaha neentsapho zabasebenza ngelaphu lodidi bendlu ka-Ashbheya,
22 uYokim, amadoda aseKozebha, uYowashe noSarafi, ababa ngabayeni bamabhinqa akwaMowabhi, noYashubhi-lehem. Ezi ngxelo zezakudala.*
23 Babengababumbi ababehlala eNetayim naseGedera. Babehlala apho, besebenzela ukumkani.
24 Oonyana bakaSimeyon+ yayinguNemuweli, uYamin, uYaribhi, uZera noShawule.+
25 UShalum unyana wakhe, uMibhesam unyana wakhe noMishma unyana wakhe.
26 Bona oonyana bakaMishma yayinguHamuweli unyana wakhe, uZakure unyana wakhe noShimeyi unyana wakhe.
27 Yena uShimeyi wayenoonyana abayi-16 neentombi eziyi-6, kodwa abantakwabo zange babe nabo oonyana abaninzi, ibe akukho nanye kwiintsapho zabo eyaba noonyana abaninzi njengamadoda akwaYuda.+
28 Babehlala eBher-shebha,+ eMolada,+ eHatsare-shuwali,+
29 eBhiliha, e-Etsem,+ eToladi,
30 eBhetuweli,+ eHorma,+ eTsikelage,+
31 eBhete-markabhoti, eHatsare-susim,+ eBhete-bhiri naseShaharayim. Ezi yayizizixeko zabo de kwalawula uDavide.
32 Iindawo ababehlala kuzo yayiyiEtam, iAyin, iRimon, iToken neAshan,+ izixeko ezihlanu,
33 kunye neendawo zabo zokuhlala ezazikufutshane nezi zixeko, ukuyokutsho eBhahali. Le yiminombo yabo ngokokubhaliswa kwabo neendawo ababehlala kuzo.
34 UMeshobhabhi, uYamleki, uYosha unyana ka-Amatsiya,
35 uYoweli, uYehu unyana kaYoshibhiya unyana kaSeraya unyana ka-Asiyeli,
36 noEliyohenayi, uYahakobha, uYeshohaya, uAsaya, uAdiyeli, uYesimiyeli, uBhenaya,
37 noZiza unyana kaShifi unyana ka-Alon unyana kaYedaya unyana kaShimri unyana kaShemaya.
38 Aba babizwe ngamagama babeziinkosi kwiintsapho zabo, yaye izindlu zookhokho babo zanda.
39 Bahamba ngegeyithi yaseGedore, bayokufika kwintlambo esempuma, beyokufunela imihlambi yabo amadlelo.
40 Ekugqibeleni bafumana amadlelo atyebileyo namahle, umhlaba otyebileyo, othe tyaba futhi kuthe cwaka, kungekho siphazamiso. Kwakukade kuhlala amaHam apho.+
41 Aba banamagama akuludwe, beza ngemihla kaKumkani uHezekiya+ wakwaYuda, baza bazixabela iintente zamaHam namaMehun ezazilapho. Bazitshabalalisa njengokuba unokubona namhlanje, baza bahlala kwiindawo zabo, kuba apho kwakukho amadlelo ababenokutyisa imihlambi yabo kuwo.
42 Abanye kumaSimeyon, amadoda ayi-500, uPelatiya, uNeyariya, uRefaya noUziyeli, abangoonyana bakaIshi ababekhokela, baya kwiNtaba YeSehire.+
43 Bawaxabela ama-Amaleki+ awayeqhweshile, ibe bahlala apho de kwayile mini.
Umbhalo osemazantsi
^ Igama elithi Yabhetse lisenokuba liyelele kwigama lesiHebhere elithetha “intlungu.”
^ Ngokoqobo, “oonyana.”
^ Othetha ukuthi “iNtlambo Yabakhandi Abangamachule.”
^ Ngokoqobo, “oonyana.”
^ Ekusenokwenzeka ubhekisa kuBhitiya okwivesi 18.
^ Okanye “La mazwi ngawesithethe samandulo.”