Eyokuqala YooKumkani 16:1-34
16 Kwafika ilizwi likaYehova kuYehu+ unyana kaHanani+ lithetha ngoBhahasha, lisithi:
2 “Ndakuphakamisa eluthulini, ndakwenza inkokheli yabantu bam amaSirayeli,+ kodwa wena waqhubeka uhamba endleleni kaYerobhoham, wabenza bona abantu bam amaSirayeli, baza bandicaphukisa ngezono zabo.+
3 Ngoko ndiza kumtshayela uBhahasha nendlu yakhe, ndize ndiyenze indlu yakhe ibe njengendlu kaYerobhoham+ unyana kaNebhati.
4 Nabani na ongokaBhahasha ofela esixekweni uza kudliwa zizinja; yaye nabani na ongowakhe ofela entsimini uza kudliwa ziintaka zezulu.”
5 Enye imbali kaBhahasha, oko wakwenzayo nobukhulu bakhe, akubhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli?
6 UBhahasha walala kookhokho bakhe, wangcwatyelwa eTirtsa,+ waza uElaha unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe.
7 Laphinda lafika ilizwi likaYehova ngomprofeti uYehu unyana kaHanani, lithetha ngoBhahasha nendlu yakhe, ngenxa yabo bonke ububi awabenzayo emehlweni kaYehova, emcaphukisa ngomsebenzi wezandla zakhe njengendlu kaYerobhoham, nangenxa yokumxabela* kwakhe.+
8 Ngonyaka we-26 kaKumkani uAsa wakwaYuda, uElaha unyana kaBhahasha waba ngukumkani wakwaSirayeli eTirtsa, waza walawula iminyaka emibini.
9 Isicaka sakhe uZimri, intloko yesiqingatha seenqwelo zomkhosi, samenzela iyelenqe ngoxa wayeseTirtsa enxilile endlini ka-Arza, owayephethe indlu kakumkani eTirtsa.
10 Wangena uZimri+ wamxabela wambulala ngonyaka we-27 kaKumkani uAsa wakwaYuda, waza waba ngukumkani endaweni yakhe.
11 Uthe akuba ngukumkani, zisuka nje akuhlala etroneni yakhe, wayixabela yonke indlu kaBhahasha. Akazange ashiye kwamntu uyindoda,* enoba sisizalwana sakhe* okanye umhlobo wakhe.
12 Ngaloo ndlela uZimri watshabalalisa yonke indlu kaBhahasha, ngokwelizwi awalithethayo uYehova ngoBhahasha esebenzisa uYehu umprofeti.+
13 Oku kwakungenxa yazo zonke izono awazenzayo uBhahasha noElaha unyana wakhe, nezono ababangela ukuba uSirayeli azenze, ecaphukisa uYehova uThixo kaSirayeli ngezithixo zabo ezingancedi nganto.+
14 Enye imbali kaElaha, zonke izinto awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli?
15 Ngonyaka we-27 kaKumkani uAsa wakwaYuda, uZimri waba ngukumkani iintsuku ezisixhenxe eTirtsa, ngoxa abantu babemise inkampu ukuze balwe neGibheton+ yamaFilisti.
16 Ekuhambeni kwexesha abantu ababemise inkampu beva kusithiwa: “UZimri umenzele iyelenqe waza wamxabela ukumkani.” Kwangaloo mini apho enkampini, wonke uSirayeli wamisela uOmri,+ intloko yomkhosi, wangukumkani wakwaSirayeli.
17 UOmri naye wonke uSirayeli owayekunye naye benyuka besuka eGibheton baza barhangqa iTirtsa.
18 Uthe akubona uZimri ukuba isixeko sithinjiwe, waya kwinqaba ekhuselekileyo yendlu kakumkani waza wayitshisa, wafela apho.+
19 Oku kwakungenxa yezono awazenzayo ngokwenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, wahamba endleleni kaYerobhoham, wabangela ukuba uSirayeli enze isono.+
20 Enye imbali kaZimri neyelenqe lakhe, azibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli?
21 Ngelo xesha abantu bakwaSirayeli bahlukana baba ngamaqela amabini. Elinye iqela lalandela uTibheni unyana kaGinati, lifuna ukumenza ukumkani, elinye lalandela uOmri.
22 Kodwa abantu ababelandela uOmri baboyisa abo babelandela uTibheni unyana kaGinati. Ngoko wafa uTibheni, waza uOmri waba ngukumkani.
23 Ngonyaka we-31 kaKumkani uAsa wakwaYuda, uOmri waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula iminyaka eyi-12, emithandathu kuyo eseTirtsa.
24 Wathenga intaba yaseSamariya ngeetalente* ezimbini zesilivere kuShemere, waza wakha isixeko kuyo. Wasibiza eso sixeko ngokuthi yiSamariya,*+ esithiya ngoShemere umnini waloo* ntaba.
25 UOmri waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, wathi kratya kunabo bonke abo babengaphambi kwakhe.+
26 Wenza yonke into eyenziwa nguYerobhoham unyana kaNebhati, ebangela uSirayeli ukuba one, emcaphukisa uYehova uThixo kaSirayeli ngezithixo ezililize.+
27 Enye imbali kaOmri, izinto awazenzayo nokoyisa kwakhe kwiimfazwe, akubhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli?
28 UOmri walala kookhokho bakhe waza wangcwatywa eSamariya; yaye uAhabhi unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe.+
29 UAhabhi unyana kaOmri waba ngukumkani wakwaSirayeli ngonyaka we-38 kaKumkani uAsa wakwaYuda, ibe uAhabhi unyana kaOmri walawula uSirayeli eSamariya+ iminyaka eyi-22.
30 UAhabhi unyana kaOmri wenza izinto ezimbi kakhulu emehlweni kaYehova kunabo bonke abo babengaphambi kwakhe.+
31 Akazange anele nje ukwenza izono zikaYerobhoham+ unyana kaNebhati, kodwa wathatha noIzebhele+ intombi kaEtebhahali ukumkani wamaSidon,+ wamenza umfazi wakhe, waza waqalisa ukukhonza uBhahali,+ equbuda kuye.
32 Wenzela uBhahali isibingelelo endlini*+ awamakhela yona eSamariya.
33 UAhabhi wenza nepali engcwele.*+ Wamcaphukisa kakhulu uYehova uThixo kaSirayeli kunabo bonke ookumkani bakwaSirayeli ababengaphambi kwakhe.
34 Ngemihla yakhe, uHiyeli umBheteli waphinda wayakha iYeriko. Walahlekelwa nguAbhiram izibulo lakhe xa wayesakha isiseko sayo, walahlekelwa nanguSegubhi iphelo lakhe xa wayefaka iingcango zayo, njengokuba wayetshilo uYehova ngoYoshuwa unyana kaNun.+
Umbhalo osemazantsi
^ Oko kukuthi, uNadabhi, unyana kaYerobhoham.
^ Ngokoqobo, “nabani na ochamela eludongeni.” Intetho yesiHebhere enyembayo ebhekisela kumadoda.
^ Okanye “ngumphindezeli wegazi lakhe.”
^ Ngokoqobo, “inkosi yaloo.”
^ Ethetha ukuthi “Yeyentsapho KaShemere.”
^ Italente ilingana ne-34,2 kg. Funda Isihlomelo B14.
^ Okanye “etempileni.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.