Eyokuqala KuTimoti 4:1-16

  • Kulumkiswa ngeemfundiso zeedemon (1-5)

  • Indlela yokumsebenzela kakuhle uKristu (6-10)

    • Ukuqeqesha umzimba kuthelekiswa nokuzinikela kuThixo (8)

  • Zigade izinto ozifundisayo (11-16)

4  Ilizwi eliphefumlelweyo lithi, ekuhambeni kwexesha abanye baza kululahla ukholo, bamamele amazwi alahlekisayo*+ neemfundiso zeedemon,  bamamele nokuhanahanisa kwabantu abathetha ubuxoki,+ abanezazela ezingasebenziyo ngathi zitshiswe ngentsimbi.  Banqanda abantu ukuba bangatshati,+ nokuba bangakutyi ukutya+ uThixo akudalele ukuba bakutye+ bevuya abo banokholo+ nabayazi kakuhle inyaniso.  Kaloku yonke into uThixo ayidalileyo ilungile,+ ngoko akukho nto imele ingamkelwa+ ukuba bayitya bevuya,  kuba xa uThixo ethe into ilungile, ibe nathi siyithandazele, iba ngcwele.  Xa ubaluleka ngezi zinto abazalwana, uza kube umsebenzela kakuhle uKristu Yesu, yaye wondliwe ngamazwi okholo nawemfundiso entle oye wanamathela kuyo.+  Uze uhambele kude kumabali obuxoki adelela uThixo,+ adla ngokubaliswa ngabafazi abadala. Kunoko ziqeqeshe, uzimisele ukuzinikela ngokupheleleyo kuThixo.  Kuba ukuqeqesha umzimba* kunceda kancinci, kodwa ukuzinikela kuThixo kunceda kuzo zonke izinto, kuba kusenza sibe nethemba lokuphila ngoku nakwixesha elizayo.+  Loo mazwi ayinyani, yaye afanele amkelwe ngokupheleleyo. 10  Ngoko sisebenza nzima yaye sizimisele,+ kuba sibeke ithemba lethu kuThixo ophilayo, onguMsindisi+ wazo zonke iintlobo zabantu,+ ingakumbi abo bathembekileyo. 11  Qhubeka uyalela yaye ufundisa ngezi zinto. 12  Makungabikho mntu ukujongela phantsi kuba umncinci. Kunoko, yiba ngumzekelo kwabo bathembekileyo, ngokuthetha, ngothando, ngokholo, nangokuziphatha kakuhle. 13  Qhubeka uzimisela xa ufunda phambi kwabantu,+ xa ukhuthaza naxa ufundisa, ndide ndifike. 14  Uze ungadlali ngesiphiwo owasifumanayo xa kwaprofetwa ngawe, baza abadala bakubeka izandla.+ 15  Zicingisise ezi zinto; namathela kuzo, ukuze bonke abantu babone ukuba uhambela phambili. 16  Hlala uzigadile, ugade nezinto ozifundisayo.+ Zimisele ukuzenza ezi zinto, kuba xa kunjalo, uza kuzisindisa wena, usindise nabo bakumamelayo.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “imimoya elahlekisayo.”
Okanye “ukujima.”