Daniyeli 7:1-28
7 Ngonyaka wokuqala kaKumkani uBheleshatsare+ waseBhabhiloni, uDaniyeli waphupha iphupha waza wabona imibono ngoxa wayelele ebhedini yakhe.+ Walibhala phantsi elo phupha.+ Wazibhala phantsi zonke izinto ezenzekileyo kulo.
2 UDaniyeli wathi:
“Ebusuku ndabona imibono, yaye jonga! umoya wawubhudla emhlabeni wonke, uzamazamisa ulwandle olukhulu.+
3 Kwaphuma amarhamncwa amane amakhulu+ kolo lwandle, ngalinye lahlukile kwelinye.
4 “Elokuqala lalinjengengonyama,+ linamaphiko okhozi.+ Ndisabukele njalo, asuka ancothulwa amaphiko alo yaye laphakanyiswa emhlabeni laza lamiswa ngeenyawo njengomntu, lanikwa nentliziyo yomntu.
5 “Ndithe ndisajongile, ndabona irhamncwa lesibini, elifana nebhere.+ Laliphakanyisiwe kwelinye icala, libambe ngamazinyo iimbambo ezintathu emlonyeni walo; yaye kwathiwa kulo, ‘Phakama, udle inyama eninzi.’+
6 “Ndaqhubeka ndijongile, yaye jonga! nalo elinye irhamncwa, linjengehlosi+ kodwa emqolo lalinamaphiko amane afana nawentaka. Eli rhamncwa lalineentloko ezine,+ ibe lanikwa igunya lokulawula.
7 “Ndisabukele njalo kule mibono yasebusuku, ndabona irhamncwa lesine, eloyikekayo nelingcangcazelisayo nelomelele ngokungaqhelekanga. Lalinamazinyo amakhulu entsimbi. Laliqwenga, lityumza yaye linyathela nantoni na eshiyekileyo.+ Lalingafani namanye amarhamncwa awayengaphambi kwalo, futhi lalineempondo ezilishumi.
8 Ndithe ndisaqwalasele ezi mpondo zalo, tyhini jonga! kuvela olunye uphondo, lona luncinci,+ luvela phakathi kwezinye, zaza ezintathu kwezi zokuqala zancothulwa phambi kwalo. Khawujonge! Olu phondo lwalunamehlo anjengawomntu, lunomlomo onekratshi.*+
9 “Ngoxa ndandisabukele, ndabona kubekwa iitrone ngeendawo zazo, waza Lowo Kanaphakade+ wahlala phantsi.+ Wayenxibe iimpahla ezimhlophe njengekhephu,+ iinwele zentloko yakhe zinjengoboya obucocekileyo. Itrone yakhe yayingamadangatye omlilo; amavili ayo engumlilo ovuthayo.+
10 Phambi kwakhe kwakuphuma umsinga womlilo.+ Kwakukho amawaka aliwaka awayelungiselela phambi kwakhe, neshumi lamawaka eliphindwe ngeshumi lamawaka elalimi phambi kwakhe.+ Yahlala phantsi iNkundla,+ kwavulwa iincwadi.
11 “Ndaqhubeka ndibukele ngenxa yamazwi ekratshi* ayethethwa lolu phondo.+ Ndabukela lada labulawa irhamncwa, nomzimba walo watshatyalaliswa waza watshiswa ngomlilo.
12 Kodwa wona amanye amarhamncwa,+ ahluthwa amagunya awo okulawula, baza bongezwa ubomi bawo okwethutyana.
13 “Ndaqhubeka ndibona emibonweni yasebusuku, jonga! nako kusiza ofana nonyana womntu,+ ngamafu amazulu. Wafikelela kuLowo Kanaphakade,+ bamsondeza phambi Kwakhe.
14 Wanikwa ulawulo,+ uzuko+ nobukumkani, ukuze akhonzwe ngabo bonke abantu, iintlanga neelwimi.+ Ulawulo lwakhe luza kuhlala ngonaphakade yaye aluzukuphela, nobukumkani* bakhe abuzukutshatyalaliswa.+
15 “Mna Daniyeli, yandikhathaza imibono yam kuba yandothusa.+
16 Ndasondela kwenye yeengelosi ezazimi kufutshane nalapho, ukuze ndiyibuze ukuba ithetha ukuthini yonke le nto. Yandiphendula, yandichazela ukuba zithetha ukuthini ezi zinto.
17 “‘La marhamncwa mane makhulu,+ ngookumkani abane abaza kuvela emhlabeni.+
18 Kodwa abangcwele baLowo uPhakamileyo+ baza kubuthatha ubukumkani,*+ bube bobabo+ ngonaphakade, ewe ngonaphakade kanaphakade.’
19 “Ndafuna ukwazi nezinye izinto ngerhamncwa lesine, elalahlukile kuwo onke amanye. Lalisoyikeka kakhulu, linamazinyo entsimbi, neenzipho zekopolo, liqwenga, lityumza, yaye linyathela nantoni na eshiyekileyo.+
20 Ndandifuna ukwazi nangeempondo ezilishumi+ ezazikwintloko yalo, nangolunye uphondo olwavelayo kwaza kwawa ezintathu phambi kwalo.+ Ndandifuna ukwazi ngolu phondo lunamehlo nomlomo onekratshi,* nolwalubonakala lulukhulu kunamanye.
21 “Ndalubona olo phondo lusilwa imfazwe nabangcwele yaye lwaluboyisa,+
22 kwada kwafika Lowo Kanaphakade+ wabagwebela abangcwele baLowo Uphakamileyo,+ lafika nexesha lokuba ubukumkani bube bobabo.+
23 “Yathi: ‘Eli rhamncwa lesine bubukumkani* besine obuza kuvela emhlabeni. Buza kwahluka kubo bonke obunye. Bona buza kuqwenga wonke umhlaba, buwunyathele buze buwutyumze.+
24 Zona ke iimpondo ezilishumi, ngookumkani abalishumi abaza kuvela kobo bukumkani;* yaye kuza kuvela omnye emva kwabo. Uza kwahluka kwaba bokuqala, yaye uza kuhlazisa ookumkani abathathu.+
25 Uza kuthetha amazwi amdelelayo Oyena Uphakamileyo,+ aze aqhubeke ebaphatha kakubi abangcwele baLowo Uphakamileyo. Uza kuzimisela ukutshintsha amaxesha nomthetho, baze banikelwe kuye kangangexesha, amaxesha nehafu yexesha.*+
26 Kodwa iNkundla yahlala phantsi, yamoxutha ulawulo, ukuze acinywe igama, atshatyalaliswe ngokupheleleyo.+
27 “‘Baza ke ubukumkani,* ulawulo nobukhulu bezizwe eziphantsi kwamazulu, banikwa abangcwele baLowo Uphakamileyo.+ Ubukumkani* babo bubukumkani obuhlala ngonaphakade,+ yaye bonke abalawuli baza kubakhonza baze babathobele.’
28 “Uphela apha ke lo mba. Izinto endandizicinga mna Daniyeli, zandothusa kangangokuba ndaphatsha.* Kodwa ndawugcina entliziyweni yam lo mba.”
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “oqhayisayo.”
^ Okanye “okuqhayisa.”
^ Okanye “urhulumente; ulawulo.”
^ Okanye “urhulumente; ulawulo.”
^ Okanye “oqhayisayo.”
^ Okanye “urhulumente; ulawulo.”
^ Okanye “urhulumente; ulawulo.”
^ Oko kukuthi, amaxesha amathathu anehafu.
^ Okanye “urhulumente; ulawulo.”
^ Okanye “urhulumente; ulawulo.”
^ Okanye “batshintsha ubuso bam.”