Duteronomi 1:1-46
1 Nanga amazwi awathethwa nguMoses kuwo onke amaSirayeli, kummandla waseYordan entlango, kwintlango ephambi kweSufu, phakathi kweParan, iTofele, iLabhan, iHatseroti neDizahabhi.
2 Ziintsuku eziyi-11 ukusuka eHorebhe ukuya eKadeshe-bharneya+ xa uhamba ngendlela eya kwiNtaba ISehire.
3 Ngonyaka we-40,+ ngenyanga ye-11, ngosuku lokuqala, uMoses wathetha namaSirayeli ewaxelela yonke into uYehova awayemyalele ukuba awaxelele yona.
4 Wakwenza oku emva kokuba oyise uSihon+ ukumkani wama-Amori, owayehlala eHeshbhon, no-Ogi+ ukumkani waseBhashan, owayehlala eAshtaroti e-Edreyi.+
5 Kummandla waseYordan, kwilizwe lakwaMowabhi, uMoses wawacacisela amaSirayeli uMthetho,+ esithi:
6 “UYehova uThixo wethu wathi kuthi eHorebhe, ‘Lide eli xesha nihleli kulo mmandla weentaba.+
7 Jikani niye ngakummandla weentaba wama-Amori+ nakuzo zonke iindawo eziyijikelezileyo, eArabha,+ kummandla weentaba, eShefela, eNegebhi, kunxweme lolwandle,+ kwilizwe lakwaKanan, eLebhanon,*+ nide niyokufika kumlambo omkhulu, uMlambo UmEfrate.+
8 Jongani nali ilizwe phambi kwenu. Ngenani nilithathe ilizwe awafunga ngalo uYehova kookhokho benu, uAbraham, uIsake+ noYakobi,+ ukuba uza kulinika bona nenzala yabo eza kulandela emva kwabo.’+
9 “Ngelo xesha ndathi kuni, ‘Andikwazi ukunithwala ndodwa.+
10 UYehova uThixo wenu unandisile, yaye namhlanje nibaninzi oku kweenkwenkwezi zamazulu.+
11 Kwanga uYehova uThixo wookhokho benu anganandisa aniphindaphinde+ kaliwaka. Kwanga anganisikelela kanye njengoko enithembisile.+
12 Ndingawuthwala njani ndodwa umthwalo onini, neengxaki zenu nokuxabana kwenu?+
13 Kwizizwe zenu, zikhetheleni amadoda alumkileyo, aqondayo nanamava, yaye ndiza kuwamisela ukuba abe ziinkokheli zenu.’+
14 Nina nathi, ‘Le nto uthi masiyenze ilungile.’
15 Ngoko ndazithatha iinkokheli zezizwe zenu, amadoda alumkileyo nanamava, ndawamisela ukuba abe ziinkokheli zenu, iintloko zamawaka, iintloko zamakhulu, iintloko zamashumi amahlanu, iintloko zamashumi namagosa ezizwe zenu.+
16 “Ngelo xesha ndaziyalela iijaji zenu ndathi, ‘Xa kukho abantu abanengxaki baze bayizise kuni ukuze ixoxwe, nimele nigwebe ngobulungisa+ nokuba abo bantu ngamaSirayeli bobabini okanye omnye ngumntu wasemzini.+
17 Ityala lomntu ophantsi limameleni+ ngokulinganayo nelomntu obalulekileyo.+ Sanukuboyika abantu+ kuba nguThixo ogwebayo;+ yaye ukuba ityala liyanohlula, liziseni kum, ndilive.’+
18 Ngelo xesha ndaniyalela zonke izinto enifanele nizenze.
19 “Emva koko semka eHorebhe sanqumla la ntlango inkulu, yoyikekayo+ enayibonayo xa sasisiya kummandla weentaba wama-Amori,+ kanye njengokuba uYehova uThixo wethu wasiyalelayo, sada safika eKadeshe-bharneya.+
20 Ndathi kuni, ‘Nifikile kummandla weentaba wama-Amori, esiwunikwa nguYehova uThixo wethu.
21 Jongani, uYehova uThixo wenu ulinika nina eli lizwe. Ngoko nyukani, nilithathe ibe lelenu, kanye njengokuba uYehova uThixo wookhokho benu watshoyo.+ Sanukoyika.’
22 “Kodwa ke nonke neza kum naza nathi, ‘Masithumeleni amadoda ayokusihlolela eli lizwe, aze abuye asichazele ukuba sihambe ngeyiphi indlela ibe zinjani izixeko esiza kudlula kuzo.’+
23 Elo cebiso labonakala lilihle kum, ngoko ndakhetha amadoda ayi-12, ndathatha yanye kwisizwe ngasinye.+
24 Ahamba ke aya kummandla weentaba,+ afika kwiNtlambo Yase-Eshkoli, aza alihlola elo lizwe.
25 Athatha ezinye zeziqhamo zalo, asiphathela zona aza athi, ‘Lihle ilizwe uYehova uThixo wethu asinika lona’+
26 Kodwa zange nifune ukuya, anawuthobela umyalelo kaYehova uThixo wenu.+
27 Nanisoloko nikhalaza ezintenteni zenu nisithi, ‘UYehova wayesicaphukela le nto wasikhupha eYiputa ukuze asinikele kuma-Amori, asitshabalalise.
28 Injani le ndawo siya kuyo? Abantakwethu basoyikisa+ xa bathi: “Phaya kukho abantu abomeleleyo nabade kunathi, izixeko zabo zikhulu yaye zibiyelwe ngeendonga ezinde ezifikelela emazulwini,*+ yaye sibone nama-Anaki.”’+
29 “Ngoko ndathi kuni, ‘Mabanganothusi okanye banoyikise.+
30 UYehova uThixo wenu uza kuhamba phambi kwenu yaye uza kunilwela,+ kanye njengokuba nambonayo eYiputa enilwela.+
31 Nasentlango nazibonela ukuba uYehova uThixo wenu wanithwala ngendlela indoda emthwala ngayo unyana wayo, nada naza kufika apha.’
32 Kodwa phezu kwayo yonke loo nto, anizange nikholwe kuYehova uThixo wenu,+
33 owayehamba phambi kwenu ukuze anikhangelele indawo yokuhlala. Wayebonakala ngomlilo ebusuku nangomqulu welifu emini, ukuze anibonise indlela.+
34 “Ngalo lonke elo xesha uYehova waziva izinto enanizithetha, yaye zamcaphukisa kakhulu waza wafunga wathi,+
35 ‘Akukho nanye indoda ephuma kwesi sizukulwana sibi iza kulibona ilizwe elihle endafunga ukulinika ooyihlo,+
36 ngaphandle kukaKalebhi unyana kaYefune. Yena uza kulibona, ibe ilizwe awahamba kulo ndiza kulinika yena noonyana bakhe, kuba yena wamlandela uYehova ngayo yonke intliziyo yakhe.*+
37 (UYehova wacatshukiswa nandim lo ngenxa yenu, waza wathi, “Nawe awuzukungena phaya.+
38 UYoshuwa unyana kaNun omi phambi kwakho,+ nguye oza kungena kwela lizwe.+ Mkhuthaze*+ kuba nguye oza kukhokelela amaSirayeli kulo.”)
39 Ngapha koko, abantwana benu enathi baza koxuthwa+ noonyana benu abangayaziyo into elungileyo nembi, ngabo abaza kungena kwela lizwe, yaye ndiza kulinika bona, bahlale kulo.+
40 Kodwa ke nina phindelani entlango nihambe ngendlela eya kuLwandle Olubomvu.’+
41 “Nakuva loo mazwi nathi kum, ‘Simonile uYehova. Ngoku siza kunyuka siyokulwa, kanye njengokuba uYehova uThixo wethu esiyalele!’ Ngoko nonke nathatha izixhobo zemfazwe, kuba nicinga ukuba kuza kuba lula ukunyuka niyokuhlasela kuloo ntaba.+
42 Kodwa wathi uYehova kum, ‘Yithi kubo: “Sanukunyuka niyokulwa,+ kuba andizukuba nani. Ukuba niyenyuka niza koyiswa ziintshaba zenu.”’
43 Ngoko ndanixelela kodwa anizange nindimamele, nasuka anawuthobela umyalelo kaYehova, nazama ukunyuka ngenkani.
44 Ngoko ama-Amori awayehlala kuloo ntaba anihlangabeza aza anileqa ngathi ziinyosi, anichithachitha eSehire ukuya kutsho eHorma.
45 Ngoko nabuya naza kukhala kuYehova, kodwa uYehova zange animamele, futhi zange anihoye.
46 Yiloo nto nahlala ixesha elide kangaka eKadeshe.
Umbhalo osemazantsi
^ Kubonakala ukuba kuthethwa ngommandla weentaba waseLebanon.
^ Oko kukuthi, ezinde kakhulu.
^ Ngokoqobo, “ngokupheleleyo.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “UThixo uye wamomeleza.”