Genesis 39:1-23
39 Ngoku uYosefu wayesiwe eYiputa,+ waza umYiputa onguPotifare,+ igosa lasebukhosini likaFaro, umphathi woonogada, wamthenga kumaIshmayeli+ awayemse apho.
2 Kodwa uYehova wayekunye noYosefu.+ Loo nto yamenza waphumelela waza waphatha endlini yenkosi yakhe engumYiputa.
3 Inkosi yakhe yabona ukuba uYehova wayenaye ibe yonke into awayeyenza uYosefu, uYehova wayeyenza iphumelele.
4 UYosefu waya ethandwa yinkosi yakhe, waza waba sisicaka sayo esithembileyo. Ngoko yammisela ukuba ajongane nendlu yayo, aze aphathe yonke into yayo.
5 UYehova waqhubeka eyisikelela indlu yomYiputa ngenxa kaYosefu, ukususela ngexesha awammisela ngalo ukuba aphathe indlu yakhe nayo yonke into yakhe, waza uYehova wayisikelela yonke into awayenayo endlini nasentsimini.+
6 Ekugqibeleni waziphathisa uYosefu zonke izinto awayenazo, ibe wayengaziqhekezi ntloko ngayo yonke enye into ngaphandle nje kokutya akutyayo. UYosefu ke wayemile kakuhle, eyinzwana.
7 Emva kwayo yonke loo nto, umfazi wenkosi yakhe wamncwasa uYosefu waza wathi: “Ndilale.”
8 Kodwa wala waza wathi kumfazi wenkosi yakhe: “Inkosi yam ayazi nokuba kukho ntoni kule ndlu, ibe indibeke ukuba ndijongane nayo yonke into yayo.
9 Akukho namnye umntu omkhulu kunam kule ndlu, ibe inkosi yam ayindibandezanga nantoni na ngaphandle nje kwakho, kuba ungumfazi wayo. Ngoko ndingathini ukwenza into embi kangaka ndize ndone uThixo?”+
10 Yonke imihla wayezithethela kuYosefu, kodwa yena akazange avume ukulala naye okanye ahlale ekunye naye.
11 Kodwa kwathi ngenye imini xa wangena endlini eyokwenza umsebenzi wakhe, kwabe kungekho nesinye isicaka endlini.
12 Ngoko wamthi nqaku ngesambatho sakhe, wathi: “Ndilale!” Kodwa wasishiya isambatho sakhe apho esandleni sakhe waza wabaleka waphuma.
13 Uthe lo mfazi akubona ukuba uYosefu ushiye isambatho sakhe waza wabaleka,
14 wakhalela amadoda endlu yakhe esithi: “Jongani! Usizisele lo mHebhere ukuba asenze intlekisa. Uze kum ukuze andilale, kodwa ndasithula phezulu isikhalo.
15 Uthe akundiva ndikhwaza, ndikhala, wasishiya apho isambatho sakhe ecaleni kwam waza wabaleka waphuma.”
16 Wasibeka ecaleni kwakhe eso sambatho de yafika inkosi yakhe endlini.
17 Wayixelela laa nto ebeyithethile wathi: “Esa sicaka somHebhere usizisele sona, size kum sizokundenza intlekisa.
18 Ndithe ndakukhala, ndikhwaza, sashiya isambatho saso ecaleni kwam, sabaleka saphuma.”
19 Ithe nje yakumva umfazi wayo esithi: “Isicaka sakho senze ezi zinto kum,” yacaphuka kakhulu.
20 Ngoko inkosi kaYosefu yamthatha yamfaka ejele, apho kwakuvalelwa amabanjwa kakumkani, waza wahlala apho.+
21 Kodwa ke uYehova akazange amshiye uYosefu, embonisa uthando olungagungqiyo waza wamenza wathandwa ligosa eliyintloko lejele.+
22 Ngoko igosa eliyintloko lejele labeka uYosefu ukuba aphathe onke amabanjwa, ibe yonke into awayeyenza apho, yayijongwe nguye.+
23 Igosa eliyintloko lasejele lalingazikhathazi ngayo nantoni na eyayiphethwe nguYosefu, kuba uYehova wayekunye noYosefu ibe uYehova wayesenza yonke into awayeyenza iphumelele.+