Hezekile 14:1-23

  • Kugwetywa abantu abakhonza izithixo (1-11)

  • Akunakuphetshwa ukugwetywa kweYerusalem (12-23)

    • Ilungisa uNowa, uDaniyeli noYobhi (14, 20)

14  Kwafika abanye abadala bakwaSirayeli kum baza bahlala phambi kwam.+  Emva koko kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:  “Nyana womntu, la madoda azimisele ukulandela izithixo zawo ezenyanyekayo,* ibe amise umqobo obangela ukuba abantu bone. Ngaba ndimele ndiwavumele ukuba abuze kum?+  Thetha nawo ke uthi, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ukuba umSirayeli uzimisele ukulandela izithixo zakhe ezenyanyekayo, amise umqobo obangela ukuba abantu bone, aze eze kubuza kumprofeti, mna Yehova, ndiza kumphendula ngenxa yezithixo zakhe ezininzi ezenyanyekayo.  Ndiza kuzenza zingcangcazele iintliziyo zendlu kaSirayeli,* kuba bandishiye bonke baza balandela izithixo zabo ezenyanyekayo.”’+  “Ngoko ke yithi kwindlu kaSirayeli, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Buyani, nishiye izithixo zenu ezenyanyekayo nize nizifulathele zonke izenzo zenu ezicekisekayo.+  Ukuba nawuphi na umSirayeli okanye umntu wasemzini ohlala kwaSirayeli wahlukana nam aze azimisele ukulandela izithixo zakhe ezenyanyekayo, amise umqobo obangela ukuba abantu bone aze eze kubuza kumprofeti wam,+ mna Yehova, ndiza kumphendula ngokwam.  Ndiza kujongisa ubuso bam kuloo ndoda ndize ndiyenze into yokulumkisa abanye, ndenze umzekelo ngayo, ndiyinqumle phakathi kwabantu bam;+ nitsho nazi ukuba ndinguYehova.”’  “‘Kodwa ukuba umprofeti uyaqhatheka aze aphendule, iza kube indim, uYehova, omqhathileyo loo mprofeti.+ Ndiza kusolulela kuye isandla sam ndize ndimtshabalalise phakathi kwabantu bam amaSirayeli. 10  Kuza kufuneka balithwale ityala labo; ityala lalowo ubuzayo liza kulingana netyala lomprofeti, 11  ukuze abendlu kaSirayeli bayeke ukundishiya nokuzingcolisa ngazo zonke iziphoso zabo. Baza kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.” 12  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 13  “Nyana womntu, ukuba ilizwe lindona ngokungathembeki, ndiza kusolulela kulo isandla sam ndize ndikutshabalalise ukutya kwalo,*+ ibe ndiza kuthumela indlala+ ndize ndinqumle umntu nesilwanyana kulo.”+ 14  “‘Nokuba la madoda mathathu, uNowa,+ uDaniyeli+ noYobhi,+ ebephakathi kulo, ebeza kuzisindisa wona kuphela ngenxa yokuba engamalungisa,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.” 15  “‘Okanye masithi ndidlulisa izilwanyana zasendle ezikhohlakeleyo elizweni zize zilitshabalalise* libe yindawo ephanzileyo, kungabikho mntu udlulayo kulo ngenxa yezi zilwanyana,+ 16  ndiphila nje,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘nokuba la madoda mathathu ebephakathi kulo, ebengayi kusindisa nkqu noonyana neentombi zawo; ebeya kusindisa iziqu zawo kuphela, lize ilizwe libe yindawo engahlali bantu.’” 17  “‘Okanye ukuba ndingazisa ikrele kwelo lizwe,+ ndize ndithi: “Makudlule ikrele kweli lizwe,” ndinqumle kulo umntu nesilwanyana,+ 18  nokuba la madoda mathathu ebephakathi kulo, ndiphila nje,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘ebengayi kusindisa nkqu noonyana neentombi zawo; ebeya kusindisa iziqu zawo kuphela.’” 19  “‘Okanye ukuba ndingathumela isifo esingubhubhani kwelo lizwe+ ndize ndiwukhuphele kulo umsindo wam ngokuchitha igazi, ndinqumle kulo umntu nesilwanyana, 20  nokuba uNowa,+ uDaniyeli+ noYobhi+ bebephakathi kulo, ndiphila nje,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘bebengazukusindisa nkqu noonyana neentombi zabo; bebeza kusindisa iziqu zabo kuphela ngenxa yokuba bengamalungisa.’”+ 21  “Kuba ithi iNkosi enguMongami uYehova, ‘Kuza kuba njalo ke xa ndithumela izohlwayo zam ezine,*+ ikrele, indlala, isilwanyana sasendle esikhohlakeleyo nesifo esingubhubhani,+ phezu kweYerusalem ukuze ndinqumle umntu nesilwanyana kuyo.+ 22  Kodwa ke, abanye abashiyekileyo baza kubaleka baphume,+ oonyana neentombi. Beza kuni, yaye xa nibona iindlela zabo nezenzo zabo, niza kuthuthuzeleka kwintlekele endiya kube ndiyizise eYerusalem, kuyo yonke into endiza kube ndiyenzile kuyo.’” 23  “‘Baza kunithuthuzela xa nibona iindlela zabo nezenzo zabo, ibe niza kwazi ukuba yonke into endiyenze kuyo andiyenzanga ngaphandle kwesizathu,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”

Umbhalo osemazantsi

Kusenokwenzeka ukuba igama lesiHebhere liyelelene nelo lithetha “ubulongwe,” yaye lisetyenziswa xa kuthethwa ngento eyenyanyekayo.
Ngokoqobo, “Ndiza kuyibamba entliziyweni indlu kaSirayeli.”
Ngokoqobo, “ndaphule iintonga zalo zezonka.” Kusenokwenzeka ukuba kubhekiselwa kwiintonga ekwakugcinwa kuzo izonka.
Okanye “ziqwenge abantwana balo.”
Okanye “izigwebo zam ezine ezenzakalisayo.”