Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Incwadi YeMizekeliso

Izahluko

Oko kuqulethweyo

  • 1

    • Isizathu sokubhalwa kwemizekeliso (1-7)

    • Iingozi zokuba nabahlobo abangalunganga (8-19)

    • Ubulumko butsho ngesikhalo esikhulu phambi kwabantu (20-33)

  • 2

    • Indlela obubaluleke ngayo ubulumko (1-22)

      • Khangela ubulumko njengobutyebi obufihliweyo (4)

      • Ukuzikisa ukucinga kuyakhusela (11)

      • Ukuziphatha kakubi kuzisa intlekele (16-19)

  • 3

    • Yiba sisilumko uze uthembele ngoYehova (1-12)

      • Mnike imbeko uYehova ngezinto zakho ezixabisekileyo (9)

    • Ubulumko buzisa ulonwabo (13-18)

    • Ubulumko buyakhusela (19-26)

    • Indlela efanelekileyo yokuphatha abantu (27-35)

      • Benzele izinto ezintle abanye xa ukwazi (27)

  • 4

    • Icebiso lobulumko likatata (1-27)

      • Funa ubulumko ngaphezu kwayo yonke into (7)

      • Ziphephe iindlela zobubi (14, 15)

      • Indlela yamalungisa iya ikhanya (18)

      • “Khusela intliziyo yakho” (23)

  • 5

    • Kulumkiswa ngabafazi abaziphethe kakubi (1-14)

    • Yonwaba nomfazi wakho (15-23)

  • 6

    • Kulumkele ukunikela isibambiso sento ebolekiweyo (1-5)

    • “Yiya embovaneni, vilandini” (6-11)

    • Umntu ongungantweni nongalunganga (12-15)

    • Izinto ezisixhenxe azicaphukelayo uYehova (16-19)

    • Mlumkele umfazi ongalunganga (20-35)

  • 7

    • Yithande imiyalelo kaYehova uze uphile (1-5)

    • Kuhendwa umfana ongalumkanga (6-27)

      • “Njengenkunzi yenkomo isiya kuxhelwa” (22)

  • 8

    • Ubulumko buyathetha (1-36)

      • ‘Ndingowokuqala kwizinto ezenziwe nguThixo’ (22)

      • ‘Ndandingumsebenzi onobuchule ecaleni kukaThixo’ (30)

      • ‘Ndandibathanda oonyana babantu’ (31)

  • 9

    • Isimemo sobulumko bokwenene (1-12)

      • “Ngam uza kuphila imihla emininzi” (11)

    • Isimemo somfazi osisidenge (13-18)

      • “Amanzi abiweyo amnandi” (17)

  • IMIZEKELISO KASOLOMON (10:1–24:34)

    • 10

      • Unyana osisilumko uyamvuyisa utata wakhe (1)

      • Izandla zokhutheleyo zizisa ubutyebi (4)

      • Ukuthetha amazwi amaninzi kuzisa isono (19)

      • Intsikelelo kaYehova iyatyebisa (22)

      • Ukoyika uYehova kuya kongeza ubomi (27)

    • 11

      • Ubulumko bobabo bathobekileyo (2)

      • Umwexuki wenzakalisa abanye (9)

      • “Kubakho impumelelo xa bebaninzi abacebisi” (14)

      • Umntu onobubele uza kuphumelela (25)

      • Othembela ngobutyebi bakhe uza kuwa (28)

    • 12

      • Osicaphukelayo isohlwayo akayisebenzisi ingqondo (1)

      • “Amazwi omntu othetha engacinganga ahlaba okwekrele” (18)

      • Ukukhuthaza uxolo kuzisa ulonwabo (20)

      • UYehova uyayicaphukela imilebe exokayo (22)

      • Amaxhala ayayityhafisa intliziyo (25)

    • 13

      • Abantu abafuna amacebiso bazizilumko (10)

      • Ithemba elibanjezelweyo ligulisa intliziyo (12)

      • Umthunywa othembekileyo uyaphilisa (17)

      • Ukuhamba nezilumko kwenza umntu abe sisilumko (20)

      • Ukuqeqesha yindlela yokubonisa uthando (24)

    • 14

      • Intliziyo iyabazi ubukrakra bayo (10)

      • Indlela ebonakala ilungile isenokuzisa ukufa (12)

      • Abantu abangalumkanga bakholelwa yonke into (15)

      • Isityebi sinabahlobo abaninzi (20)

      • Intliziyo ezolileyo inika umzimba ubomi (30)

    • 15

      • Impendulo ezolileyo iphelisa umsindo (1)

      • Amehlo kaYehova akuyo yonke indawo (3)

      • UThixo uyawuthanda umthandazo welungisa (8)

      • Amacebo awaphumeleli xa kungacetyiswana (22)

      • Cingisisa ngaphambi kokuba uphendule (28)

    • 16

      • UYehova uhlolisisa iinjongo zomntu (2)

      • Thembela ngoYehova kuyo yonke into oyenzayo (3)

      • Izikali ezithembekileyo zisuka kuYehova (11)

      • Ikratshi liphambi kwentlekele (18)

      • Izimvi sisithsaba sobuhle (31)

    • 17

      • Sukuphindezela okuhle ngobubi (13)

      • Hamba ingekaqali ingxabano (14)

      • Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke (17)

      • “Intliziyo evuyayo iliyeza” (22)

      • Umntu oqondayo uyawabamba amazwi akhe (27)

    • 18

      • Umntu ozikhethayo uzicingela yedwa yaye akasosilumko (1)

      • Igama likaYehova liyinqaba eyomeleleyo (10)

      • Engqondweni yesityebi ubutyebi buyakhusela (11)

      • Ubulumko bokumamela amacala omabini (17)

      • Umhlobo usondele ngaphezu komntakwenu (24)

    • 19

      • Ingqiqo imenza angakhawulezi acaphuke umntu (11)

      • Umfazi onochuku unjengophahla oluvuzayo (13)

      • Umfazi osebenzisa ingqondo uvela kuYehova (14)

      • Mqeqeshe umntwana ngoxa kusekho ithemba (18)

      • Bubulumko ukumamela icebiso (20)

    • 20

      • Iwayini iyagezisa (1)

      • Amavila awalimi ebusika (4)

      • Iingcinga zomntu zinjengamanzi anzulu (5)

      • Kulumkiswa ngokwenza isivumelwano ngokungxama (25)

      • Uzuko lwabafana ngamandla abo (29)

    • 21

      • UYehova ukhokela intliziyo kakumkani (1)

      • Ubulungisa bubhetele kunombingelelo (3)

      • Ukukhuthala kwenza umntu aphumelele (5)

      • Umntu ongammameliyo umntu osweleyo akazukumanyelwa (13)

      • Akubobulumko ukuchasana noYehova (30)

    • 22

      • Igama elihle lingcono kunobutyebi obuninzi (1)

      • Ukuqeqeshwa usemtsha kukunceda ubomi bakho bonke (6)

      • Ivila loyika ingonyama ephandle (13)

      • Ingqeqesho isusa ubudenge (15)

      • Umntu olichule usebenzela ookumkani (29)

    • 23

      • Zibambe xa usenzelwa ububele (2)

      • Sukuleqa ubutyebi (4)

      • Ubutyebi bunokubhabha bukushiye (5)

      • Sukuba phakathi kwabantu abasela kakhulu (20)

      • Utywala buza kukuluma njengenyoka (32)

    • 24

      • Sukubamonela abenzi-bubi (1)

      • Indlu yakhiwa ngobulumko (3)

      • Ilungisa lisenokuwa kodwa liza kuphakama (16)

      • Sukuziphindezela (29)

      • Ukuthanda ukulala kuzisa ubuhlwempu (33, 34)

  • IMIZEKELISO KASOLOMON EKHUTSHELWE NGAMADODA KAKUMKANI UHEZEKIYA (25:1–29:27)

    • 25

      • Ukugcina iimfihlo (9)

      • Amazwi akhethwe kakuhle (11)

      • Ukungaxhaphaki kwammelwane (17)

      • Ukufumba amalahle phezu kwentloko yotshaba (21, 22)

      • Ingxelo entle injengamanzi abandayo (25)

    • 26

      • Kuchazwa abantu abangamavila (13-16)

      • Sukungena ingxabano engakufuniyo (17)

      • Sukudlala ngabantu (18, 19)

      • Xa zingekho iinkuni, uyacima umlilo (20, 21)

      • Amazwi omntu ongcolisa amagama abanye anjengentwana yokutya okumnandi (22)

    • 27

      • Ukohlwaywa ngumhlobo kuyanceda (5, 6)

      • Nyana wam, yivuyise intliziyo yam (11)

      • Intsimbi ilolwa ngentsimbi (17)

      • Wazi umhlambi wakho (23)

      • Ubutyebi abuhlali bukho (24)

    • 28

      • Umthandazo womntu ongathobeliyo uyenyanyeka (9)

      • Umntu ozivumayo izono zakhe wenzelwa inceba (13)

      • Akukho mntu ukhawuleza abe sisityebi engonanga (20)

      • Ukohlwaywa kubhetele kunokunconywa uqhathwa (23)

      • Umntu ophayo akadingi nto (27)

    • 29

      • Umntwana oyekelelwayo uyahlazisa (15)

      • Xa kungekho mbono, abantu abalawuleki (18)

      • Umntu onomsindo udala ingxabano (22)

      • Umntu othobekileyo ufumana uzuko (23)

      • Ukoyika abantu ngumgibe (25)

  • 30

    • AMAZWI KA-AGURE (1-33)

      • Sukundinika ubuhlwempu okanye ubutyebi (8)

      • Izinto ezingoneliyo (15, 16)

      • Izinto ezibhidayo (18, 19)

      • Umfazi oziphethe kakubi (20)

      • Izilwanyana zilumke ngethuku (24)

  • 31

    • AMAZWI KAKUMKANI ULEMUWELI (1-31)

      • Ngubani onokumfumana umfazi ofanelekileyo? (10)

      • Ukhuthele yaye usebenza nzima (17)

      • Ububele buselulwimini lwakhe (26)

      • Abantwana nomyeni wakhe bayamdumisa (28)

      • Umtsalane nobuhle ziyaphela (30)