IMizekeliso 10:1-32

  • Unyana osisilumko uyamvuyisa utata wakhe (1)

  • Izandla zokhutheleyo zizisa ubutyebi (4)

  • Ukuthetha amazwi amaninzi kuzisa isono (19)

  • Intsikelelo kaYehova iyatyebisa (22)

  • Ukoyika uYehova kuya kongeza ubomi (27)

10  Imizekeliso kaSolomon.+ Unyana osisilumko uyamvuyisa utata wakhe,+Kodwa unyana osisidenge uyintlungu kumama wakhe.   Ubutyebi obufunyenwe ngondlela-mnyama abuncedi nganto,Kodwa ubulungisa busindisa ekufeni.+   UYehova akazukubangela ilungisa lilambe,+Kodwa abantu ababi uza kubavimba izinto abazirhalelayo.   Izandla zevila ziya kubangela indlala,+Kodwa izandla zokhutheleyo zizisa ubutyebi.+   Unyana onengqondo uqokelela isivuno ehlotyeni,Kodwa unyana owenza into elihlazo ulala yoyi ngexesha lokuvuna.+   Iintsikelelo zikwintloko yelungisa,+Kodwa umlomo womenzi-bubi, ufihla ubundlobongela.   Igama elihle lelungisa liza kufumana intsikelelo,+Kodwa igama labenzi-bubi liza kubola.+   Onentliziyo enobulumko uza kwamkela imiyalelo,*+Kodwa othetha ubudenge uza kunyathelwa.+   Umntu ohamba ngokungenakusoleka uza kuhamba ekhuselekile,+Kodwa owenza iindlela zakhe zitenxe uza kubhaqwa.+ 10  Oqwabaza ilihlo eqhatha ubangela intlungu,+Nothetha ubudenge uza kunyathelwa.+ 11  Umlomo welungisa ngumthombo wobomi,+Kodwa umlomo wabenzi-bubi ufihla ubundlobongela.+ 12  Iingxabano zibangelwa kukucaphukelana,Kodwa uthando logquma zonke izono.+ 13  Ubulumko bufumaneka emilebeni yomntu osebenzisa ingqondo,+Kodwa intonga yeyomqolo womntu ongayisebenzisiyo ingqondo.*+ 14  Izilumko zilugcina njengobutyebi ulwazi,+Kodwa umlomo wesidenge ubiza nje intshabalalo.+ 15  Ubutyebi* besinhanha busisixeko esikhuselekileyo. Intshabalalo yehlwempu kukungabi nanto kwalo.+ 16  Umsebenzi welungisa usa ebomini;Kodwa imveliso yomenzi-bubi isa esonweni.+ 17  Othobela ingqeqesho uyindlela yobomi,*Kodwa ongasikhathalelanga isohlwayo ubhadulisa abanye. 18  Umntu ofihla inzondo ulixoki,+Nomntu osasaza iindaba ezingcolisa igama lomnye umntu* sisidenge. 19  Xa amazwi emaninzi, nesono soba lapho nakanjani,+Kodwa nabani na oyilawulayo imilebe yakhe wenza ngobulumko.+ 20  Ulwimi lwelungisa lufana nesilivere yodidi,+Kodwa intliziyo yomenzi-bubi inexabiso elincinci. 21  Imilebe yelungisa yondla* abaninzi,+Kodwa isidenge sibulawa kukungabi nangqondo.+ 22  Yintsikelelo kaYehova etyebisayo,+Ibe akongezi ntlungu* kuyo. 23  Isidenge sikubona njengomdlalo ukwenza izinto ezilihlazo,Kodwa ubulumko bobomntu onengqondo.+ 24  Umenzi-bubi uza kwehlelwa zizinto azoyikayo;Kodwa ilungisa liza kuyifumana yonke into eliyinqwenelayo.+ 25  Xa kudlula isaqhwithi, abenzi-bubi baza kudlula naso,+Kodwa ilungisa lisisiseko esimi ngonaphakade.+ 26  Njengeviniga emazinyweni, nomsi emehlweni,Linjalo ivila kulowo ulithumayo.* 27  Ukoyika uYehova kuya kongeza ubomi,+Kodwa iminyaka yabenzi-bubi iza kwenziwa mifutshane.+ 28  Ithemba lamalungisa lizisa uvuyo,+Kodwa elabenzi-bubi liza kuphelela emoyeni.+ 29  Indlela kaYehova yinqaba kwabangenatyala,+Kodwa ithetha intshabalalo kwabo benza izinto ezimbi.+ 30  Ilungisa alisoze liwiswe,+Kodwa abenzi-bubi abazukuphila emhlabeni.+ 31  Umlomo welungisa uvelisa ubulumko,Kodwa ulwimi oluthetha izinto ezigqwethekileyo luza kusikwa. 32  Imilebe yelungisa iyayazi into evuyisayo,Kodwa umlomo wabenzi-bubi ugqwethekile.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “imithetho.”
Ngokoqobo, “oswele intliziyo.”
Okanye “Into exabisekileyo.”
Okanye kusenokwenzeka, “usendleleni yobomi.”
Okanye “osasaza iindaba zolwimi.”
Okanye “ikhokela.”
Okanye “ntlupheko; kusokola.”
Okanye “kumqeshi walo.”