IiNdumiso 115:1-18
115 Mayingabi sithi Yehova, mayingabi sithi,*Kodwa mayibe ligama lakho elizukiswayo+Ngenxa yothando lwakho olungagungqiyo nokuthembeka kwakho.+
2 Kutheni iintlanga zimele zide zithi:
“Uphi uThixo wabo?”+
3 UThixo wethu usemazulwini;Wenza nantoni na ayithandayo.
4 Izithixo zabo ziyisilivere negolide,Zenziwe ngabantu.+
5 Zinomlomo, kodwa azithethi;+Zinamehlo, kodwa aziboni;
6 Zineendlebe, kodwa aziva;Zinempumlo, kodwa azikwazi kunukisa;
7 Zinezandla, kodwa aziphathi;Zineenyawo, kodwa azihambi;+Akuphumi sandi emiqaleni yazo.+
8 Abantu abazenzileyo baza kuba njengazo kanye,+Kube njalo nakwabo bathembele ngazo.+
9 Owu Sirayeli, thembela ngoYehova;+Uluncedo lwakho nekhaka lakho.+
10 Owu ndlu ka-Aron,+ thembela ngoYehova;Uluncedo lwakho nekhaka lakho.
11 Nina enoyika uYehova, thembelani ngoYehova;+Uluncedo lwenu nekhaka lenu.+
12 UYehova usikhumbule ibe uza kusisikelela;Uza kuyisikelela indlu kaSirayeli;+Uza kuyisikelela indlu ka-Aron.
13 Uza kubasikelela abo boyika uYehova,Abancinci nabakhulu.
14 UYehova uza kunandisa,Nina nabantwana* benu.+
15 Wanga anganisikelela uYehova,+UMenzi wezulu nomhlaba.+
16 Amazulu ngakaYehova,+Kodwa umhlaba uwunike oonyana babantu.+
17 Abafileyo abamdumisi uYa;+Abamdumisi abo bathe cwaka ekufeni.+
18 Kodwa thina siza kumdumisa uYaNgoku nangonaphakade.
Dumisani uYa!*
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Akukho nto isifaneleyo Yehova, akukho nto isifaneleyo.”
^ Ngokoqobo, “noonyana.”
^ Okanye “Haleluya!” “UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.