IiNdumiso 94:1-23
94 Owu Thixo wempindezelo Yehova,+Owu Thixo wempindezelo, khazimla!
2 Phakama, Mgwebi womhlaba.+
Benze into ebafaneleyo abo banekratshi.+
3 Kuza kude kube nini na Yehova,Kuza kude kube nini na bevuya abenzi-bubi?+
4 Behleli nje bayaloqa, bathetha benekratshi;Baqhayisa ngeziqu zabo bonke abenzi-bubi.
5 Batyumza abantu bakho Yehova,+Bacinezela nelifa lakho.
6 Babulala umhlolokazi nomntu wasemzini,Bagwinta nabantwana abangenatata.
7 Bathi: “UYa akaboni;+UThixo kaYakobi akayijonganga yonke le nto.”+
8 Yazini le nto ke nina bangaqiqiyo;Zidengendini, niza kuyisebenzisa nini ingqondo?+
9 Angangeva na Lowo udale* indlebe?
Angangaboni na Lowo udale ilihlo?+
10 Angangakwazi ukululeka na Lowo uqeqesha iintlanga?+
Kaloku nguye ofundisa abantu!+
11 UYehova uyazazi izinto ezicingwa ngabantu,Uyazi ukuba zingumphunga nje.+
12 Yonwabile indoda oyilungisayo Ya,+Leyo uyifundisa umthetho wakho,+
13 Ukuze uyinike ukuzola ngeemini zentlekele,De ambelwe umngxuma umenzi-bubi.+
14 Kuba uYehova akazukubalahla abantu bakhe,+Engazukulilahla nelifa lakhe.+
15 Kuba kuza kubuyelwa kwizigwebo zobulungisa,Bonke abaneentliziyo ezilungileyo baza kuzithobela.
16 Ngubani oza kundilwela kubenzi-bubi?
Ngubani oza kundimela kwabo bangalunganga?
17 Ukuba bendingancedwa nguYehova,Ngendatshabalala kudala.+
18 Xa ndathi: “Unyawo lwam luyatyibilika,”
Owu Yehova, ndaqhubeka ndixhaswa luthando lwakho olungagungqiyo.+
19 Xa amaxhala ayengaphezu kwamandla am,Wena wandithuthuzela waza wandenza ndazola.+
20 Ungaze ube nento yokwenza na wena netrone* yamaqhingaYakuba ibangela inkathazo egameni lomthetho?*+
21 Balihlasela kabukhali ilungisa+Baze bamgwebele ukufa umntu omsulwa.*+
22 Kodwa uYehova uza kuba yindawo yam ekhuselekileyo yokubalekela,*UThixo wam liliwa lam lokubalekela.+
23 Uza kwenza zibuyele kubo izinto ezimbi abazenzileyo.+
Uza kubacima igama* kwangobubi babo.
UYehova uThixo wethu uza kubagqiba baphele tu.*+
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “utyale.”
^ Okanye “nabalawuli; nabagwebi.”
^ Okanye “lemiyalelo.”
^ Ngokoqobo, “bathi linetyala (lingcolile) igazi lomntu omsulwa.”
^ Okanye “ephakamileyo nekhuselekileyo.”
^ Ngokoqobo, “kubathulisa.”
^ Ngokoqobo, “uza kubathulisa.”