INtshumayeli 2:1-26
2 Ndaza ndathi entliziyweni yam: “Yiza khe ndingcamle ulonwabo ndize ndibone ukuba yintoni entle eza kuphuma apho.” Kodwa jonga! naleyo yayililize.
2 Ndathi ngokuhleka: “Yimpambano nje le!”
Ndathi ngokonwaba: “Kunceda ngantoni?”
3 Ndakhangela entliziyweni yam ngokuzonwabisa ngewayini,+ kodwa ndisakhokelwa bubulumko bam, ndada ndazenza nesidenge ukuze nje ndibone ukuba yintoni eyona nto ilungele abantu kwezi ntsuku zimbalwa baziphila phantsi kwamazulu.
4 Ndazenzela imisebenzi emikhulu.+ Ndazakhela izindlu;+ ndazityalela namasimi eediliya.+
5 Ndazenzela imiyezo neepaki, ndatyala iintlobo ngeentlobo zemithi yeziqhamo.
6 Ndazenzela amadama amanzi okunkcenkceshela ihlathi elinemithi echumileyo.
7 Ndaba nezicaka nezicakakazi,+ ndaba nazo nezicaka ezazalelwa kwam.* Ndaba nenqwaba yemfuyo, iinkomo nemihlambi emininzi+ ngaphezu kwakhe nabani na owayengaphambi kwam eYerusalem.
8 Ndaziqokelelela isilivere negolide,+ ubutyebi bookumkani* nobamaphondo.+ Ndazifunela iimvumi neemvumikazi, ndazifunela nento ebonwabisa ngeyona ndlela oonyana babantu: umfazi, ndithi, abafazi abaninzi.*
9 Ngoko ndaya ndisiba mkhulu ngaphezu kwakhe nabani na owakha wakho ngaphambi kwam eYerusalem.+ Yaye ubulumko bam bahlala ibobam.
10 Andizange ndizivimbe nantoni na endandiyifuna.*+ Zange ndiyivimbe intliziyo yam naluphi na uhlobo lolonwabo, kuba kwakundivuyisa ukusebenza kwam nzima, yaye le nto yaba ngumvuzo wokusebenza* kwam nzima.+
11 Kodwa xa ndicinga ngawo wonke umsebenzi owenziwe zizandla zam, nomsebenzi endibile ndisoma ndiwenza,+ ndabona ukuba yonke into yayililize, ukuleqana nomoya;+ kwakungekho nto ibaluleke nyhani* phantsi kwelanga.+
12 Emva koko, ndajika ndajongana nobulumko, impambano nobudenge.+ (Kuba yintoni enokwenziwa ngumntu wasemhlabeni olandela emva kokumkani? Angenza nje kuphela into esele yenziwe.)
13 Ndabona ukuba kuyanceda ukuba nobulumko kunokuba sisidenge,+ kanye njengokuba kunceda ukukhanya kunobumnyama.
14 Avulekile amehlo esilumko,*+ kodwa isidenge sihamba ebumnyameni.+ Ndiye ndaqaphela nokuba bonke bafikelwa sisiphelo esinye.+
15 Emva koko ndathi entliziyweni yam: “Into eyehlela isidenge iza kundehlela nam.”+ Yintoni ke endiyifumeneyo ngokuba sisilumko ngokugqithiseleyo? Ngoko ndathi entliziyweni yam: “Nale into ililize.”
16 Kuba akukho mntu uhlala ekhunjulwa, nokuba usisilumko okanye usisidenge.+ Wonke umntu uza kulityalwa kwimihla ezayo. Khona, siza kufa njani isilumko? Siza kufa njengesidenge.+
17 Ngoko ndaye ndabucaphukela ubomi,+ kuba yonke into eyenziwa phantsi kwelanga yayindikhathaza, kuba yonke into yayililize+ nokuleqana nomoya.+
18 Ndazicaphukela zonke izinto endizisebenzele nzima phantsi kwelanga,+ kuba kufuneka ndizishiyele umntu oza kubakho emva kwam.+
19 Ibe ngubani owaziyo ukuba loo mntu uza kuba sisilumko okanye isidenge?+ Kodwa uza kufumana izinto endizisebenzele nzima phantsi kwelanga. Naleyo ikwalilize.
20 Zasuka zandikhathaza entliziyweni izinto endizisebenzele nzima, ndibila ndisoma phantsi kwelanga.
21 Kuba umntu usebenza nzima, esenza izinto ngobulumko, ngokwazi nangobuchule, kodwa kufuneke zonke azinike* umntu ongazisebenzelanga.+ Naleyo into ililize nolona sizi lungathethekiyo.*
22 Yintoni ayifumanayo umntu ngokusebenza nzima nokuzimisela, le ide imqhubele* ukuba abile esoma phantsi kwelanga?+
23 Kuba umsebenzi wakhe umzisela intlungu nokukhathazeka+ yonke imihla ayiphilayo, ibe intliziyo yakhe ayiphumli nasebusuku.+ Kwanale into ililize.
24 Akukho nto imnandi emntwini ngathi kukutya, ukusela, nokonwabela ukusebenza nzima.+ Kuba ndibonile ukuba nale isuka esandleni soThixo wokwenene,+
25 kuba ngubani otya nosela bhetele kunam?+
26 UThixo umnika ubulumko, ulwazi nolonwabo umntu owenza izinto azithandayo,+ kodwa umoni umnika umsebenzi wokuqokelela, ukuze anike umntu owenza izinto ezithandwa nguThixo wokwenene.+ Kwanale into, ililize nokuleqana nomoya.
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “ndaba nabo noonyana bendlu yam.”
^ Okanye “izinto ezifanele ookumkani.”
^ Okanye “inenekazi, ndithi amanenekazi.”
^ Okanye “sisabelo sokusebenza.”
^ Ngokoqobo, “amehlo am awayeyicela.”
^ Okanye “iluncedo.”
^ Okanye “Amehlo esilumko asentloko.”
^ Okanye “neyona ntlekele.”
^ Okanye “isabelo sakhe sonke asinike.”
^ Ngokoqobo, “nokuzimisela kwentliziyo yakhe.”