Isaya 30:1-33

  • Akukho yayo nje kwaphela iYiputa (1-7)

  • Abantu abasamkeli isiprofeto (8-14)

  • Bayomelela xa bethemba uYehova (15-17)

  • UYehova wenzelela abantu bakhe (18-26)

    • UYehova, umYaleli Ozukileyo (20)

    • “Nantsi indlela” (21)

  • UYehova uza kugweba iAsiriya (27-33)

30  “Baza kuyibek’ apha oonyana abaneenkani,”+ utsho uYehova,“Abenza izinto endingabayalelanga zona,+Abenza izivumelwano,* bengazenzi ngomoya wam,Nto leyo eyongeza isono phezu kwesinye.   Baya eYiputa,+ Ukuze bazifihle kwikhusi likaFaro,*Phofu bengakhange bagqithe kum,+Bebalekela kumthunzi weYiputa!   Niza kuphoxeka kukufuna kwenu ukukhuselwa nguFaro,Niza kuhlazeka ngenxa yokubalekela kwenu emthunzini weYiputa.+   Kuba iinkosana zakhe ziseTsowan,+Nabathunywa bakhe bafikelele naseHanes.   Bonke baza kuhlaziswaSisizwana esingenakubanceda nganto,Phofu, esingabancedi nganto,Kodwa esibaphathela nje iintloni nehlazo.”+  Nasi isigwebo esiya kumarhamncwa asemzantsi: Kwilizwe elithwaxwa yintlungu nobunzima,Kwilizwe lengonyama, ingonyama egqumayo,Kwilizwe lenyoka ebhabhayo ebumlilorha,Ubutyebi bawo abuthwalisa iidonki,Nemithwalo yawo ayibeka kumalunda eenkamela. Kodwa ezi zinto azizukubanceda nganto abantu.   Akukho yayo tu iYiputa.+ Ngoko lo ndimthiye igama elithi: “Rahabhi,+ wena uhleli nje wasonga izandla.”   “Ngoku ke wabhale elucwecweni la mazwi, bekhona nabantuUwabhale encwadini,+Ukuze ngenye imini,Abe bubungqina ngonaphakade.+   Kuba basisizwana esingathobeliyo,+ oonyana abangamamenemene,+Oonyana abangafuni nto yakwenza nomthetho* kaYehova.+ 10  Bathi kwiimboni, ‘Sanukubona,’ Bathi kwabo banemibono, ‘Sanukusixelela imibono eyinyani.+ Thina sifuna nisiqhathe; bonani imibono ebubuxoki.+ 11  Shiyani indlela; phumani endleleni. Yekani ukusixelela ngaLowo Ungcwele kaSirayeli.’”+ 12  Ngoko Lowo Ungcwele kaSirayeli uthi: “Ekubeni nilikhabele pha kude eli lizwi+Naza nathembela kubuqhetseba nakubumenemeneFuthi nayama ngezi zinto,+ 13  Eso siphoso siza kuba njengodonga oluqhekekileyo,Olude nolunokuwa nanini na. Luza kudilika ngephanyazo, kungalindelekanga. 14  Luza kuphahlazeka phantsi oku kwengqayi enkulu yombumbi,Licoleke kangangokuba kungabikho zingceba zisalayoOnokuzisebenzisa xa uthatha umliloOkanye ukhe ngazo amanzi emngxunyeni.”* 15  Kuba ithi iNkosi enguMongami uYehova, Lowo Ungcwele kaSirayeli: “Xa nibuyela kum nize niphumle, niza kusindiswa;Niza komelela ukuba nihlala nizolile yaye nindithemba.”+ Kodwa niye anafuna ukuyenza loo nto.+ 16  Nithe: “Hayi, siza kuqhwesha ngamahashe!” Nyhani ke niza kubaleka.“Siza kukhwela amahashe abaleka nyhani!”+ Ngoko ke abo banileqayo baza kwenza amatshe xa benileqa.+ 17  Iwaka liza koyikiswa ngumntu nje omnye;+Niza kubalekiswa nje ngabantu abahlanuDe abashiyekileyo kuni babe njengepali eme yodwa enkcochoyini yentaba,Njengepali eluphawu esendulini.+ 18  Kodwa uYehova ulinde ngomonde ukuba anenzelele,*+Ibe uza kunenzela inceba.+ Kuba uYehova nguThixo owenza ubulungisa.+ Bayonwaba abantu abaqhubeka belindele kuye.*+ 19  Xa abantu behlala eZiyon, eYerusalem,+ soze kukhale mntu.+ Nakanjani, uThixo uza kumnceda xa emva ekhalela uncedo; uza kuthi akukhala amphendule ngoko nangoko.+ 20  Nangona uYehova eza kuninika intlungu njengesonka nengcinezelo njengamanzi,+ umYaleli Ozukileyo wakho akazukuphinda azifihle, uza kumbona umYaleli Ozukileyo wakho.+ 21  Ukuba niyabhadula okanye niyaphuma endleleni, niye ekunene okanye ekhohlo,+ niza kuva ilizwi emva kwenu lisithi, “Nantsi indlela.+ Hambani ngayo.” 22  Kwaye nimele niwungcolise umphandle wesilivere egqunywe ngawo imifanekiso yenu eqingqiweyo nomphandle wegolide wemifanekiso yenu yesinyithi.+ Niza kuyilahla kude oku kwelaphu ebelisetyenziswa libhinqa elisexesheni, nize nithi kule mifanekiso, “Mkani apha!”*+ 23  Yaye imbewu oyityalileyo emhlabeni uza kuyinika imvula,+ nokutya okuveliswa ngumhlaba kuza kuba kuninzi yaye kutyebe.*+ Ngaloo mini imfuyo yakho iza kutya kumadlelo athe tyaba.+ 24  Kwaye iinkomo needonki ezilima umhlaba ziza kutya ukutya kwezilwanyana okunongwe ngomuncwane, okweliwe ngomhlakulo nefolokhwe. 25  Phezu kweentaba ezithe ncothu naphezu kwazo zonke iinduli eziphakamileyo, kuza kubakho imisinga nemijelo yamanzi,+ ngemini abulala ngayo inkitha yabantu ngokumasikizi, naxa kusiwa iinqaba ezinkulu. 26  Nokukhanya kwenyanga epheleleyo kuza kuba njengokukhanya kwelanga; yaye ukukhanya kwelanga kuza kuba namandla ngokuphindaphindwe kasixhenxe,+ njengokukhanya kweentsuku ezisixhenxe ngemini uYehova awabopha ngayo amanxeba anzulu abantu bakhe+ ababethwe nguye.+ 27  Jongani! Igama likaYehova liyeza livela kude,Linomsindo, linjengamafu angqingqwa. Ubebezelisa imilebe ngumsindo,Nolwimi lwakhe lunjengomlilo oqwengayo.+ 28  Umoya wakhe unjengomsinga* okhukula ude uthi gabhu entanyeni,Ukuze azisefe ngesefu yentshabalalo* iintlanga;Neentlanga ziza kuba nomkhala emihlathini yazo+ ozibangela zibhadule. 29  Kodwa ingoma yenu iza kuba njengengoma eculwa ebusukuXa nilungiselela itheko,*+Neentliziyo zenu ziza kuvuyaNjengomntu ohamba ekhalisa ifleyitiEsiya entabeni kaYehova, iLiwa likaSirayeli.+ 30  UYehova uza kubangela ilizwi lakhe elimangalisayo+ liviwe,Enomsindo,+ uza kuyehlisa ingalo yakhe,+Ngedangatye lomlilo+ ngeendudumo nangamatye esichotho.+ 31  Kuba isakuva ilizwi likaYehova, iAsiriya iza kunkwantya;+UThixo uza kuyibetha ngentonga.+ 32  Mvumbo ngamnye wentonga uYehova aza kohlwaya ngawo iAsiriya,Uza kukhatshwa ligubu nohadi+Njengoko eyiphakamisele ingalo edabini.+ 33  Kuba sele iyilungiselelwe iTofete;*+Ilungiselelwe nokumkani.+ Uyenze yanzulu yaza yabanzi,Wayigcwalisa ngomlilo neenkuni ezininzi. Impefumlo kaYehova, enjengomsinga wesalfure,Iza kuyitshisa.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “Abagalela umnikelo ogalelwayo,” kubonakala ukuba kuthethwa ngokwenziwa kwesivumelwano.
Ngokoqobo, “kwinqaba kaFaro.”
Okanye “nomyalelo.”
Okanye kusenokwenzeka, “equleni.”
Okanye “uhlala elindele ukunenzelelela.”
Okanye “bemlindele ngamehlo abomvu.”
Okanye kusenokwenzeka, “nize nithi ingcolile.”
Okanye kusenokwenzeka, “kube namafutha yaye kuchininike.”
Okanye “azihluze ngesihluzo sentshabalalo.”
Okanye “impefumlo injengomsinga.”
Okanye “xa nizingcwalisa ukuze nilungele itheko.”
Apha “iTofete” imela itipu ekutshiswa kuyo, nto leyo ethetha ukutshatyalaliswa.