IZenzo Zabapostile 25:1-27

  • Kuxoxwa ityala likaPawulos phambi koFesto (1-12)

    • “Ndibhenela kuKesare!” (11)

  • UFesto uthetha noKumkani uAgripa (13-22)

  • UPawulos phambi koAgripa (23-27)

25  Emva kweentsuku ezintathu ephethe kwelo phondo, uFesto+ wenyuka waya eYerusalem evela eKesareya.  Ababingeleli abaziintloko namadoda abalulekileyo kumaYuda bathetha noFesto betyhola uPawulos.+ Ngoko bamcenga uFesto  ukuba athumele uPawulos eYerusalem. Kodwa babecebe ukumlalela endleleni bambulale.+  Kodwa ke uFesto wathi uPawulos makagcinwe eKesareya, esithi naye sele eza kubuyela khona.  Wathi: “Abo banegunya kuni mabehle nam baze bammangalele, ukuba ikhona nyhani into embi ayenzileyo.”+  Emva kokuba ehleli nabo iintsuku ezisibhozo okanye ezilishumi, wehla waya eKesareya, ngemini elandelayo wahlala kwisihlalo sokugweba waza wayalela ukuba kuziswe uPawulos.  Akungena, amaYuda avela eYerusalem ema ngakuye, emmangalela ngezinto ezininzi ezinkulu awayengenabungqina bazo.+  Kodwa uPawulos wazithethelela wathi: “Andonanga Mthetho WamaYuda, andonanga tempile ndingonanga noKesare.”+  Ezama ukuzithandisa kumaYuda,+ uFesto wathi kuPawulos: “Awufuni na ukunyuka uye eYerusalem uyokugwetyelwa khona ngezi zinto?” 10  UPawulos wathi: “Apha ndimi phambi kwesihlalo sokugweba sikaKesare, apho ndifanele ndigwetyelwe khona. Andenzanga nto imbi kumaYuda, yaye nawe uyazibonela loo nto. 11  Ukuba nyhani ndenze into embi efanelwe sisigwebo sokufa,+ andithi mandingabulawa; kodwa ukuba akukho nto ibambekayo kwezi zityholo andibeka zona la madoda, akukho mntu unelungelo lokundinikela kuwo kuba nje efuna ukuzithandisa. Ndibhenela kuKesare!”+ 12  Emva kokuba uFesto ethethe neqela labacebisi, waphendula wathi: “Ubhenele kuKesare; uza kuya kuKesare ke.” 13  Emva kweentsuku ezimbalwa, uAgripa ukumkani noBhernike bafika eKesareya bezokubona uFesto. 14  Ekubeni babeza kuhlala iintsuku eziliqela, uFesto wachazela ukumkani ngetyala likaPawulos. Wathi: “Kukho indoda eshiywe nguFeliks ilibanjwa apha, 15  yaye xa bendiseYerusalem, ababingeleli abaziintloko nabadala bamaYuda baye bandichazela ngayo,+ becela ukuba yohlwaywe. 16  Kodwa ndiye ndabaxelela ukuba inkqubo yamaRoma ayiyivumi le nto bayicelayo, yokuba kugwetywe umntu engekazithetheleli phambi kwabantu abammangalelayo.+ 17  Bathe bakufika, andabi salibazisa, ngemini elandelayo ndahlala phantsi kwisihlalo sokugweba ndaza ndayalela ukuba iziswe le ndoda. 18  Bathe bakuqalisa ukuthetha, abayimangalela ngezinto ezimbi ebendicinga ukuba baza kuyimangalela ngazo.+ 19  Basuke nje baphikisana nayo ngezinto ezinokwenza nokukhonza uthixo wabo+ nangendoda egama linguYesu eyafayo, kodwa uPawulos ame ngelithi iyaphila.+ 20  Ndiye ndaxakwa ukuba mandithini ngale ngxabano, ndaza ndabuza le ndoda ukuba ingathanda na ukuya eYerusalem ukuze lixoxelwe apho ityala layo.+ 21  Kodwa uthe uPawulos akubhenela ekubeni agcinwe ukuze isigqibo senziwe nguLowo Uyingangalala,*+ ndiye ndathi makavalelwe de ndimthumele kuKesare.” 22  UAgripa wathi kuFesto: “Nam ndingathanda ukuzivela ukuba ithini le ndoda.”+ Yena wathi: “Uza kuyiva ngomso.” 23  Ngoko ngemini elandelayo, uAgripa noBhernike beza bembejembeje, bangena nabaphathi-mikhosi namadoda abalulekileyo esixeko, kwigumbi labaphulaphuli. UFesto wakhupha umyalelo, waza uPawulos waziswa. 24  UFesto wathi: “Kumkani uAgripa nani nonke madoda akhoyo, nantsi le ndoda ekhalazelwa ngawo onke amaYuda, kangangokuba aye andicenga eYerusalem nalapha, ekhwaza esithi mayibulawe.+ 25  Kodwa ndiye ndaqonda ukuba ayenzanga nto ifanelwe kukufa.+ Ngoko xa le ndoda iye yabhenela kuLowo Uyingangalala, ndiye ndagqiba kwelokuba ndiyithumele. 26  Kodwa akukho nto ibambekayo endinokuyibhala ndiyise kwiNkosi yam. Ngoko ke ndiyizise phambi kwenu, ngokukodwa wena Kumkani uAgripa, ukuze emva kokuba limanyelwe eli tyala, ndibe nento endinokuyibhala. 27  Kuba ayivakali ncam kum into yokuba ndithumele ibanjwa ndize ndingachazi ukuba limangalelwa ngantoni.”

Umbhalo osemazantsi

Indlela awayebizwa ngayo umlawuli wamaRoma.