Numeri 14:1-45

  • Abantu bafuna ukubuyela eYiputa (1-10)

    • Ingxelo entle kaYoshuwa noKalebhi (6-9)

  • UYehova unomsindo, uMoses uyangenelela (11-19)

  • Isohlwayo: iminyaka eyi-40 entlango (20-38)

  • AmaSirayeli oyiswa ngama-Amaleki (39-45)

14  Emva koko ibandla lonke lenza isijwili, abantu bakhala ubusuku bonke.+  Onke amaSirayeli akhalaza, egxeka uMoses noAron,+ esithi: “Akwaba sasifele eYiputa, okanye sivele sifele kule ntlango!  Kutheni uYehova esizise kweli lizwe ukuze sibulawe ngekrele?+ Abafazi nabantwana bethu baza koxuthwa.+ Akungconwanga sibuyele eYiputa ke?”+  Axelelana le nto: “Masizikhetheleni umntu oza kusikhokela, sibuyeleni eYiputa!”+  Athi akutsho, uMoses noAron baqubuda emhlabeni, lonke ibandla lamaSirayeli libukele.  UYoshuwa+ unyana kaNun noKalebhi+ unyana kaYefune, ababeyokuhlola ilizwe, bazikrazula iimpahla zabo,  baza bathi kulo lonke ibandla lamaSirayeli: “Ilizwe ebesiye kulihlola, lilizwe elihle kakhulu.+  Ukuba uYehova uyakholwa sithi, nakanjani uza kusisa kwela lizwe ligcwele ubisi nobusi, asinike lona.+  Kufuneka nje ningamjikeli uYehova, yaye sanukuboyika abantu bela lizwe+ kuba siza kubathi nqwam nqwam.* Akukho nto ibakhuselayo ibe uYehova ukunye nathi,+ sanukuboyika.” 10  Kodwa ke, lonke ibandla lalizimisele ukubabetha ngamatye.+ Kwasuka kwabonakala uzuko lukaYehova ententeni yokuhlangana, lwabonwa ngabo bonke abantu bakwaSirayeli.+ 11  Emva koko uYehova wathi kuMoses: “Kuza kude kube nini aba bantu bendidelela?+ Kuza kude kube nini bengakholwa kum nangona ndibenzela imimangaliso* emininzi kangaka?+ 12  Ngoku ndicinga ukubabetha ngesifo esingubhubhani, ndibatshabalalise, ndize wena ndikwenze uhlanga olukhulu nolunamandla kunabo.”+ 13  Kodwa uMoses wathi kuYehova: “Laa maYiputa owabakhupha kuwo abantu bakho ngamandla akho, aza kuyiva loo nto,+ 14  aze athethe ngayo nabemi beli lizwe. Nabo sebevile ukuba uphakathi kwamaSirayeli+ yaye aye akubona wena Yehova ngamehlo awo.+ UnguYehova, ilifu lakho liphezu kwawo, kwaye emini uwakhokela uselifini, uze ebusuku uwakhokele usemlilweni.+ 15  Ukuba ubabulala bonke aba bantu, nakanjani iintlanga eziluvileyo udumo lwakho ziza kuthi: 16  ‘UYehova uye wohluleka ukubangenisa kwilizwe ebebafungele ukuba uza kubanika lona, yiyo loo nto ebabulalele entlango.’+ 17  Ndiyakucela Yehova, wenze acace ukuba makhulu amandla akho njengokuba wathembisayo xa wathi: 18  ‘UYehova ongakhawuleziyo ukucaphuka, ophuphuma luthando olungagungqiyo,+ oxolela isono nesiphoso, kodwa ongasoze angamohlwayi umntu owonileyo. Wohlwaya oonyana ngenxa yesono sootata babo, wohlwaya nesizukulwana sesithathu nesesine.’+ 19  Ndiyakucela ubaxolele aba bantu kuba unothando olungagungqiyo, njengokuba ubusoloko ubaxolela ukususela eYiputa kude kube ngoku.”+ 20  Emva koko uYehova wathi: “Xa usitsho ke, ndiyabaxolela.+ 21  Kodwa ke ndiphila nje, wonke umhlaba uza kugcwaliswa luzuko lukaYehova.+ 22  Kodwa bonke abantu abalubonayo uzuko lwam nemimangaliso*+ endayenza eYiputa nasentlango, sekunjalo baqhubeka bendidelela+ kwada kwakalishumi, bengalimameli ilizwi lam,+ 23  soze balibone ilizwe endalifungela ootata babo. Nangoku, akukho nomnye kwabo bandidelelayo oza kulibona.+ 24  Kodwa ngenxa yokuba uKalebhi+ isicaka sam eye wohluka kwabanye waza waqhubeka endilandela ngentliziyo yakhe yonke, nakanjani na ndiza kumsa kwilizwe ebeyokulihlola, ize inzala yakhe ihlale kulo.+ 25  Ngenxa yokuba ama-Amaleki namaKanan+ ehlala entlanjeni,* ngomso phindelani entlango nihambe ngendlela egqitha kuLwandle Olubomvu.”+ 26  Emva koko uYehova wathi kuMoses noAron: 27  “Kuza kude kube nini eli bandla labenzi bubi lindikhalazela?+ Ndiyivile indlela amaSirayeli andikhalazela ngayo.+ 28  Uze uthi kuwo, ‘uYehova uthi: “Ndiphila nje, yonke laa nto beniyithetha, ndiza kuyenza!+ 29  Niza kufela kule ntlango.+ Wonke umntu owabhaliswayo eneminyaka eyi-20 ukuya phezulu, uza kufela kule ntlango, nonke nina baye bandikhalazela.+ 30  Akukho nomnye kuni oza kungena kwilizwe endafungayo ukuba niza kuhlala kulo,+ ngaphandle kukaKalebhi unyana kaYefune noYoshuwa unyana kaNun.+ 31  “‘“Abantwana benu ebenisithi baza kuxuthwa,+ ngabo abaza kungena, balazi ilizwe eniye analifuna.+ 32  Kodwa nina niza kufela kule ntlango. 33  Oonyana benu baza kuba ngabelusi entlango iminyaka eyi-40,+ yaye baza kuva ubunzima ngenxa yokungathembeki kwenu, nide nife nonke.+ 34  Ekubeni ilizwe nalihlola ngeentsuku eziyi-40,+ usuku luza kumela unyaka, usuku lumele unyaka. Ngoko leyo yiminyaka eniza kuva ngayo ubunzima ngenxa yezono zenu, iminyaka eyi-40,+ nitsho nazi ukuba kwenzeka ntoni kumntu olwa nam.* 35  “‘“Mna Yehova ndikuthethile oku. Nantsi into endiza kuyenza kweli bandla labenzi-bubi abaye baqokelelana, bendikhalazela. Baza kuphelela kule ntlango, bafele kuyo.+ 36  Amadoda awayethunywe nguMoses ukuba ayokuhlola ilizwe, aza abuya abangela lonke ibandla ukuba limkhalazele ngenxa yezinto ezimbi awazithethayo ngelo lizwe,+ 37  loo madoda athetha izinto ezimbi ngelo lizwe, uYehova uza kuwabulala ngesibetho.+ 38  Kodwa uYoshuwa unyana kaNun noKalebhi unyana kaYefune, ababehamba nabo babeyokuhlola ilizwe, bona abazukufa.”’”+ 39  Uthe uMoses akuthetha la mazwi kuwo onke amaSirayeli, abantu benza isijwili esikhulu. 40  Ngaphezu koko, bavuka ekuseni bazama ukunyuka intaba besithi: “Sonile, kodwa ke ngoku sikulungele ukunyuka siye kulaa ndawo uYehova wayethethe ngayo.”+ 41  Kodwa uMoses wathi: “Kutheni nigqitha ngapha kwento uYehova ayithethileyo? Ayizukuphumelela le nto niyenzayo. 42  Sanukunyuka kuba uYehova akahambi nani; yaye niza koyiswa ziintshaba zenu.+ 43  Ama-Amaleki namaKanan anilindile,+ aza kunibulala ngekrele. UYehova akazukuba kunye nani, kuba niye nayeka ukumlandela uYehova.”+ 44  Sekunjalo, benyuka ngenkani+ kodwa ke ityeya yesivumelwano kaYehova ayizange imke enkampini, noMoses akazange emke.+ 45  Ngoko ama-Amaleki namaKanan awayehlala kuloo ntaba, ehla, abaxabela bathi saa bada bayokufika eHor­ma.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “bakukutya kuthi.”
Ngokoqobo, “imiqondiso.”
Ngokoqobo, “nemiqondiso.”
Okanye “ethafeni.”
Okanye “olutshaba lwam.”