Yobhi 16:1-22

  • Impendulo kaYobhi (1-22)

    • “Ningabathuthuzeli abayinkathazo!” (2)

    • Uthi uThixo ujolise iintolo zakhe kuye (12)

16  UYobhi waphendula wathi:   “Kudala ndaziva izinto ezinje. Nonke ningabathuthuzeli abayinkathazo!+   Uza kuyeka nini ukuthetha izinto ezingekhoyo?* Yintoni ekwenza uthethe ngolu hlobo?   Nam ndiyakwazi ukuthetha njengani. Ukuba benisezihlangwini zam,Nam bendinokunigxeka,Ndinikine intloko.+   Kunoko, bendiza kunomeleza ngamazwi am,Ndinithuthuzele ngemilebe yam.+   Ukuba ndiyathetha, intlungu yam ayipheli,+Nokuba ndithule, kusafana.   Kodwa ngoku uThixo undityhafisile;+Uyichithe yonke indlu yam.   Undibamba ngesixhanti, ibe loo nto ibonakala nakubani na,Kuba ukubhitya kwam kuyandimangalela.   Umsindo wakhe undidlakazile, ibe uyandizonda.+ Unditshixizela amazinyo. Utshaba lwam lundijamele.+ 10  Iintshaba zam zivule imilomo yazo zifuna ukundiginya;+Zindiqhwabe ngempama zindithuka;Zindipakanyela ziligquba.+ 11  UThixo undihlaselisa ngamakhwenkwe;Undiphosa ezandleni zabantu abanobubi.+ 12  Ndandizonwabele, kodwa yena wandidlakazelisa;+Wandithi nqaku entanyeni, wandityumza,Wajolisa iintolo zakhe kum. 13  Abatoli bakhe bandirhangqile;+Ugqobhoza izintso zam+ engenalusizi;Uyiphalazela emhlabeni inyongo yam. 14  Ugqobhoza kum ngathi ndiludonga;Undihlasela oku kwekroti. 15  Ndinxibe ilaphu lokwenza ingxowa;+Isidima sam ndisingcwabile.+ 16  Ubuso bam bubomvu kukulila,+Neenkophe zam zide zamnyama,* 17  Nakuba izandla zam zingazange zanabundlobongela,Nomthandazo wam umsulwa. 18  Owu mhlaba, sukuligquma igazi lam!+ Masivakale isikhalo sam! 19  Nangoku nje ingqina lam lisemazulwini;Lowo unokundithethelela ukude lee phezulu. 20  Oogxa bam bahlekisa ngam,+Ngoxa ndililela kuThixo.*+ 21  Makubekho umlamli phakathi kwam noThixo,Njengaphakathi kwabantu ababini.+ 22  Kuba kushiyeke iminyaka embalwa,Ndihambe endleleni yabangabuyiyo.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ezihlabayo.”
Okanye “zaba nethunzi lokufa.”
Okanye kusenokwenzeka, “ndijonge kuThixo ndiphuthelwe.”