Yobhi 8:1-22
8 UBhiledadi+ umShuha+ waphendula wathi:
2 “Uza kushwaqa kude kube nini?+
Le nto uyithethayo ifana nje nomoya obhudlayo!
3 UThixo ukhe agwebe kakubi na kakade?USomandla ukhe abugqwethe na ubulungisa?
4 Ukuba oonyana bakho bamonile,Uye wabayekela bohlwaywa ngenxa yokuvukela kwabo;
5 Kodwa ukuba nje wena ubunokukhalela kuThixo,+Uze umcenge uSomandla ukuba akwenzele inceba,
6 Ukuba nyhani ubumsulwa, ulilungisa,+Ebeza kukuhoya,*Akubuyisele zonke izinto zakho.
7 Nangona isiqalo sakho besisincinci,Lona ikamva lakho beliza kuqaqamba.+
8 Khawubuze isizukulwana sangaphambili,Uze ujonge izinto ezabonwa ngootata baso.+
9 Kaloku thina sizelwe izol’ oku, asazi nto,Kuba imihla yethu emhlabeni sisithunzi nje.
10 Ngaba abayi kukuyalela,Bakuxelele izinto abazaziyo?*
11 Ungakhula na umzi kungekho mgxobhozo?
Yona ingcongolo ingakhula kungekho manzi?
12 Zingathi zingekakulungeli ukukhiwa,Zome kuqala kunezinye izityalo.
13 Siba njalo ke nesiphelo somntu omlibalayo uThixo,Kuba akukho themba kulowo umlahlileyo uThixo.
14 Kaloku yena ungqiyama ngendlu yesigcawu;Ithemba lakhe lilize.
15 Uya kuthi esayama ngendlu yakhe, suke iwohloke,Athi esabambelela kuyo, ingemi.
16 Ufana nesityalo esinkcenkceshelweyo esiselangeni,Esinamasebe anwenwela kwigadi yonke.+
17 Iingcambu zakhe zibhijeleke kwimfumba yamatye,Ulakhela kuwo ikhaya lakhe.*
18 Kodwa xa encothulwa* endaweni yakhe,Loo ndawo iza kumkhanyela ithi, ‘Zange ndakubona mna.’+
19 Leyo yindlela aza kunyamalala ngayo,+Kuthi gqi abanye eluthulini.
20 Kaloku uThixo akanakumlahla umntu omsulwa,Ibe akabaxhasi* abenzi-bubi,
21 Kuba useza kukwenza uhlale uhleka,Ukhwaze uvuya.
22 Abo bakucaphukelayo baza kuthiwa wambu ngehlazo,Nentente yabenzi-bubi ingabikho.”
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Ebeza kuphakama angenelele.”
^ Ngokoqobo, “Bakuxelele oko kusentliziyweni yabo?”
^ Okanye “Ujonga indlu yamatye.”
^ Okanye “eginywa.”
^ Ngokoqobo, “akababambi ngesandla.”