Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Utywala

Utywala

Ngaba kukho into embi ngokusela utywala?

“Iwayini iyivuyise intliziyo yomntu, bukhazimle ubuso ngeoli, isonka siyixhase intliziyo.”INdumiso 104:15, “iBhayibhile YesiXhosa ka-1996.”

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Kumakhaya amaninzi kuqhelekile ukusela utywala xa kutyiwa. Kwamanye amakhaya, utywala abufunwa nokubonwa. Kutheni bujongwa ngeendlela ezahlukeneyo nje? Oko kubangelwa yindlela abantu abakhule ngayo, impilo nonqulo.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ayikufuni ukunxila nokuzinkcinkca kodwa iyakuvumela ukuselwa kakuhle kotywala. (1 Korinte 6:9, 10) Eneneni, kwakudala amadoda nabafazi abakhonza uThixo babesela iwayini, ekhankanywe izihlandlo ezingaphezu kwamakhulu amabini eBhayibhileni. (Genesis 27:25) INtshumayeli 9:7 ithi: ‘Yitya ukutya kwakho unemihlali uze usele iwayini yakho unentliziyo elungileyo.’ Ekubeni iwayini isonwabisa intliziyo, yayiselwa kwizihlandlo zolonwabo njengasemitshatweni. Kulapho uYesu Kristu wenza khona ummangaliso wakhe wokuqala—ukujika amanzi abe ‘yiwayini entle.’ (Yohane 2:1-11) Kwakhona iwayini yayisiba liyeza.Luka 10:34; 1 Timoti 5:23.

 Ngaba iBhayibhile iyasilinganisela utywala emasibusele?

“Bangakhotyokiswa yiwayini eninzi.”Tito 2:3.

KUTHENI UMELE UBE NOMDLA?

Nyaka ngamnye iintsapho ezininzi ziphila kabuhlungu ngenxa yokuba umzali omnye okanye bobabini benxila. Ukusela kakhulu kubangela iingozi ezininzi nezendlela. Ibe ekuhambeni kwexesha, ukusela kakhulu kunokuyonakalisa ingqondo, intliziyo, isibindi nesisu.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

UThixo ufuna sibe ngcathu etywaleni nasekutyeni. (IMizekeliso 23:20; 1 Timoti 3:2, 3, 8) UThixo akathandi xa sizibaxa izinto. IBhayibhile ithi: “Ingumgculeli iwayini, singumxokozelisi isiselo esinxilisayo, yaye wonk’ ubani ohamba ebhaduliswa yiyo akalumkanga.”IMizekeliso 20:1.

Enye indlela utywala obunokubabhadulisa ngayo abangalumkanga, kukuba baziphathe kakubi. UHoseya 4:11 uthi: “Uhenyuzo newayini enencasa zisusa intshukumisa elungileyo.” Indoda enguJohn yakufunda kabuhlungu oku. * Emva kokuxabana nomfazi wayo, yaya ehotele, yasela kakhulu yaza yakrexeza—kamva yazisola kakhulu yaza yazimisela ukuba ayisoze iphinde. Ukusela kakhulu kusenokusenzakalisa kakhulu emzimbeni, ngokuziphatha size singamkhonzi kakuhle uThixo. IBhayibhile ithi amanxila awasoze abufumane ubomi obungunaphakade.1 Korinte 6:9, 10.

Kunini apho ukusela utywala kungafunekiyo?

“Umfo ohlakaniphileyo uthi akuyibona isiza ingozi ayiphephe; ke yena ongaqondiyo uthwabaza aye kungena kuyo, aze ke ave ubuhlungu yiloo nto.”IMizekeliso 22:3, “IBhayibhile yesiXhosa ka-1996.”

KUTHENI UMELE UBE NOMDLA?

IWorld Book Encyclopedia ithi: “Utywala sisiyobisi esinamandla.” Ngenxa yoko, kusenokubakho iimeko namaxesha apho nokusela ngomlinganiselo ofanelekileyo kusenokungabi bubulumko.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Abantu ‘bathwabaza bayokungena [engxakini]’ ngenxa yokuba basela ngexesha elingelilo. IBhayibhile ithi: “Yonke into inexesha layo elimisiweyo” ibe kukho nexesha lokungaseli. (INtshumayeli 3:1) Ngokomzekelo, umntu usenokungakufanelekeli ukusela ngenxa yeminyaka, mhlawumbi ngenxa yokuba wayelikhoboka lotywala, okanye usebenzisa amayeza angavumelaniyo notywala. Ibe kwabaninzi ‘ixesha elimisiweyo’ lokungaseli kuphambi kokuba baye emsebenzini naxa besemsebenzini, ingakumbi ukuba basebenza ngoomatshini abayingozi. Kubantu abazizilumko, ubomi nempilo zixabiseke njengezipho ezivela kuThixo. (INdumiso 36:9) Nathi siyazixabisa ezo zipho xa utywala sibusebenzisa ngendlela eyamkelekileyo eBhayibhileni. 

^ isiqe. 11 Amagama atshintshiwe.