Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intlanzi Iparrot—Ngaba Iyayenza Intlabathi?

Intlanzi Iparrot—Ngaba Iyayenza Intlabathi?

IVELA phi intlabathi? Ziliqela izinto ezenza intlabathi. Kodwa ke isenokukothusa le siza kuthetha ngayo kweli nqaku. Kaloku siza kuthetha ngentlanzi ecola izinto eziqinileyo ezifumaneka elwandle ize izenze intlabathi!

Le ntlanzi iphila kumanzi afudumeleyo kulo lonke ihlabathi. Emva kokuba iginye iingceba zezi zinto ziqinileyo, ifunxa ukutya kuzo ize yonke enye into iyikhuphe sele iyintlabathi. Le ntlanzi incedwa yimihlathi kunye namazinyo ayo asemva omeleleyo ukuze yenze lo msebenzi. Ezinye iintlobo zale ntlanzi zinokuphila iminyaka eyi-20 zisenamazinyo omeleleyo.

Kwezinye iindawo, le ntlanzi yenza intlabathi eninzi ngaphezu kwayo nayiphi na enye into evelisa intlabathi. Abanye abaphandi baqikelela ukuba intlanzi enye kwezi yenza amakhulu eekhilogram zentlabathi ngonyaka.

Iparrot enomlomo otsolo

Le ntlanzi yenza nomnye umsebenzi obalulekileyo. Njengoko isitya ezi zinto ziqinileyo nezinye izityalo eziphantsi kwamanzi olwandle, igcina ulwandle lucocekile. Xa ezi ntlanzi nezinye izinto ezitya izityalo zingekho, ulwandle luyangcola kuze kugcwale ukhula. Incwadi ethi Reef Life ithi, “abanye bathi ukuba bezingekho izinto ezitya izityalo, iinxalenye ezithile zolwandle ngezingekho ntle njengokuba zinjalo.”

Ukuze zenze lo msebenzi ungaka emini, kufuneka ezi ntlanzi ziphumle ngokwaneleyo ebusuku. Nale yenye yezinto ezimangalisayo ngezi ntlanzi. Ulwandle luyingozi ebusuku kuba zininzi izinto ezizingelayo. Ezi ntlanzi zidla ngokulala phantsi kwekhusi, kodwa ke loo nto ayisoloko izikhusela kookrebe abalambileyo.

Ukuze zizikhusele nangakumbi, ezi ntlanzi zinento ezizisongela ngayo. Zikhupha into engathi ngumfinya zize zizogqume ngayo. Oososayensi abaphanda ngezinto ezihlala emanzini bakholelwa ukuba le nto inukayo zizogquma ngayo ezi ntlanzi iyazikhusela kwizilwanyana eziyingozi.

Le yenye yezona ntlanzi zaselwandle zibonakala lula nezinomtsalane. Ezi ntlanzi zidla ngokuba nemibala-bala emihle, nedla ngokutshintsha njengoko zikhula. Kodwa ke phezu kwezinto zonke, ezi ntlanzi zidla ngokuba mbuna apho zingalotywa kakhulu. Ngoko ke, zezinye zezona ntlanzi kulula ukuzibukela.

Ukubukela ezi ntlanzi nokuziva xa zikrekretha ukutya kwazo, yenye yezinto ekumnandi ukuzibukela. Njengoko zicola ukutya kwazo, zigcina ulwandle lucocekile, nto leyo eluncedo kwezinye izidalwa zaselwandle nakuthi.