INQAKU ELIFUNDWAYO 30
INGOMA 36 Masikhusele Iintliziyo Zethu
Ziintoni Ezibalulekileyo Esinokuzifunda Kookumkani BakwaSirayeli?
“Niza kuphinda niwubone umahluko phakathi kwelungisa nomntu owenza ububi, phakathi kwalowo ukhonza uThixo nalowo ungamkhonziyo.”—MAL. 3:18.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngendlela uYehova awayebajonga ngayo ookumkani bakwaSirayeli, ukuze sibone ukuba yintoni ayilindeleyo kubantu abamkhonzayo kule mihla.
1-2. Ithini iBhayibhile ngabanye ookumkani bakwaSirayeli?
EBHAYIBHILENI kuthethwa ngamadoda angaphezu kwayi-40 awayengookumkani bakwaSirayeli. a Akukho nto iyifihlayo xa isixelela ngezinye zezinto abazenzayo aba kumkani. Ngokomzekelo, nababelungile kubo zikhona izinto ezimbi abazenzayo. Cinga ngomnye ukumkani owayelungile, uKumkani uDavide. UYehova wathi: ‘Umkhonzi wam uDavide. . . wandilandela ngentliziyo yakhe yonke, esenza izinto ezilungileyo kuphela emehlweni am.’ (1 Kum. 14:8) Kodwa uDavide wakhe wakrexeza nomfazi womntu, wapheka neqhinga lokubulalisa indoda yakhe emfazweni.—2 Sam. 11:4, 14, 15.
2 IBhayibhile iphinda isixelela nangezinto ezintle abazenzayo ookumkani abaninzi ababengathembekanga kuYehova. Ngokomzekelo, uRehobhoham “wenza okubi” emehlweni kaYehova. (2 Kron. 12:14) Kodwa wamthobela uYehova xa wayesithi makangalwi nezizwe eziyi-10 zakwaSirayeli, aziyeke zibe nokumkani wazo. Waqinisa nezixeko ezininzi awayelawula kuzo, ukuze akhusele abantu bakaThixo kwiintshaba zabo.—1 Kum. 12:21-24; 2 Kron. 11:5-12.
3. Ngowuphi umbuzo obalulekileyo ekufuneka sazi impendulo yawo? Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?
3 Nanku umbuzo obalulekileyo ekufuneka sazi impendulo yawo: Ukuba ookumkani bakwaSirayeli babesenza izinto ezimbi nezilungileyo, ziintoni ezazisenza uYehova agqibe ukuba ukumkani uthembekile okanye akathembekanga? Impendulo yalo mbuzo iza kusinceda siqonde ukuba ziintoni uYehova azilindeleyo kuthi. Siza kuthetha ngezinto ezintathu awayezijonga ukuze agqibe ukuba ukumkani uthembekile na okanye akathembekanga: wayejonga ukuba umkhonza ngentliziyo yakhe yonke na, uguquka ngokunyanisekileyo na, futhi uqhubeka emkhonza ngendlela ayifunayo na.
BABEMKHONZA NGENTLIZIYO YABO YONKE UYEHOVA
4. Yeyiphi into ababohluke ngayo ookumkani abathembekileyo kwabangathembekanga?
4 Ookumkani ababevuyisa uYehova babemkhonza ngentliziyo b yabo yonke. UKumkani uYehoshafati owayelungile ‘wafuna uYehova ngentliziyo yakhe yonke.’ (2 Kron. 22:9) Xa iBhayibhile ithetha ngoYosiya ithi: “Kwakungekho kumkani unjengaye phambi kwakhe, owabuyela kuYehova ngentliziyo yakhe yonke.” (2 Kum. 23:25) Ithini ngoSolomon, owaye wenza izinto ezimbi ebudaleni? Zange ‘amkhonze ngentliziyo yakhe yonke uYehova.’ (1 Kum. 11:4) Xa ithetha ngomnye ukumkani owayengathembekanga, uAbhiyam, iBhayibhile ithi: “Intliziyo yakhe yayingaphelelanga kuYehova.”—1 Kum. 15:3.
5. Kuthetha ukuthini ukukhonza uYehova ngentliziyo yakho yonke?
5 Kuthetha ukuthini ukukhonza uYehova ngentliziyo yakho yonke? Umntu okhonza uYehova ngentliziyo yakhe yonke akamkhonzi njee kuba esazi ukuba umele akhonzwe. Umkhonza kuba emthanda nyhani futhi emhlonipha. Loo nto uyenza ubomi bakhe bonke.
6. Yintoni esinokuyenza ukuze sihlale simkhonza ngentliziyo yethu yonke uYehova? (IMizekeliso 4:23; Mateyu 5:29, 30)
6 Sinokubalinganisa njani ookumkani ababethembekile, size sihlale simkhonza ngentliziyo yethu yonke uYehova? Ngokuphepha nantoni na enokusenza singamthandi. Ngokomzekelo, ukuzonwabisa ngendlela engafanelekanga kunokusenza singamkhonzi ngentliziyo yethu yonke uYehova. Kuza kwenzeka loo nto ke naxa sivana nabantu abangalunganga okanye sicinga ngokuba nemali eninzi. Xa sibona ukuba kukho into eqalisa ukusenza singamthandi uYehova, masikhawuleze sahlukane nayo.—Funda iMizekeliso 4:23 noMateyu 5:29, 30.
7. Kutheni kubalulekile ukuba siphephe nantoni na enokusenza singamthandi uYehova?
7 Masilumkele izinto ezinokusenza singamkhonzi ngeentliziyo ezipheleleyo uYehova. Ukuba asilumkanga, sisenokucinga ukuba xa sixakeke kukusebenzela uYehova akukho mfuneko yokuba siziphephe izinto ezinokusenza siyeke ukumthanda. Le nto sinokuyizekelisa kanje: Masithi kukho umoya, uklina indlu yakho. Uthi wakugqiba, uvule iifestile neminyango. Kuza kwenzeka ntoni? Loo moya uza kungena endlini, uze wenze kugcwale uthuli. Le nto sinokuyifanisa nobuhlobo bethu noYehova. Masingapheleli nje ekwenzeni izinto ezilungileyo, ezisenza siye simthanda. Njengokuba sifuna uthuli lungangeni endlini yethu, sifuna nantoni na yeli hlabathi enokusenza siyeke ukumthanda uYehova ingangeni ezintliziyweni zethu.—Efe. 2:2.
BAGUQUKA NGOKUNYANISEKILEYO
8-9. Yintoni awayenzayo uKumkani uDavide noKumkani uHezekiya xa babelungiswa? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)
8 Njengoko kubonisiwe ekuqaleni, uKumkani uDavide wenza isono esinzulu. Kodwa xa umprofeti uNatan wathetha naye ngesono sakhe, uDavide wazithoba, waguquka. (2 Sam. 12:13) Waguquka ngokunyanisekileyo. Loo nto siyibona kumazwi akhe akwiNdumiso 51. Zange enze ngathi uyazisola kuba efuna ukuqhatha uNatan okanye ukungohlwaywa.—INdu. 51:3, 4, 17, umbhalo osemantla.
9 NoKumkani uHezekiya wamona uYehova. IBhayibhile ithi: “Intliziyo yakhe yaba nekratshi, ezisela yena, uYuda neYerusalem umsindo kaThixo.” (2 Kron. 32:25) Kwakutheni ukuze abe nekratshi? Mhlawumbi wayezibona ebhetele kunabanye abantu kuba esisityebi, oyise ama-Asiriya okanye ephiliswe ngendlela emangalisayo. Kusenokwenzeka ukuba yayilikratshi elamenza waqhayisa ngobutyebi bakhe kumaBhabhiloni, nto leyo eyamenza walungiswa ngumprofeti uIsaya. (2 Kum. 20:12-18) Kodwa njengoDavide, uHezekiya wazithoba, waguquka. (2 Kron. 32:26) Ngenxa yaloo nto, kuYehova uHezekiya wayengukumkani othembekileyo, ‘owaqhubeka esenza izinto ezilungileyo.’—2 Kum. 18:3.
10. Yintoni awayenzayo uKumkani uAmatsiya xa wayelungiswa?
10 Yena uKumkani uAmatsiya wenza izinto ezilungileyo, “kodwa engazenzi ngentliziyo epheleleyo.” (2 Kron. 25:2) Konakala phi? Emva kokuba uYehova emncede woyisa amaEdom, uAmatsiya waqubuda koothixo bawo. c Xa umprofeti kaThixo wathetha naye ngaloo nto, lo kumkani waba nenkani, esithi makathule afe.—2 Kron. 25:14-16.
11. Ama-2 Korinte 7:9, 11 abonisa ukuba yintoni esifanele siyenze ukuze sixolelwe nguYehova? (Jonga nemifanekiso.)
11 Yintoni esiyifundayo kwaba kumkani? Kufuneka siguquke kwizono ebesizenza, size sizame ngamandla ethu onke ukungaziphindi. Siza kuthini xa abadala besiluleka nakwinto esibona ngathi ayinamsebenzi? Akufuneki sicinge ukuba uYehova okanye bona abasasithandi. Kaloku kwanookumkani bakwaSirayeli ababelungile babekudinga ukulungiswa. (Heb. 12:6) Xa silungiswa, kufuneka (1) sithobeke, (2) silungise loo nto, size (3) siqhubeke sikhonza uYehova ngeentliziyo zethu zonke. Ukuba siyaguquka, uYehova uza kusixolela.—Funda ama-2 Korinte 7:9, 11.
BABEKHONZA UYEHOVA NGENDLELA AYIFUNAYO
12. Yintoni eyayisenza ookumkani ababethembekile bahluke kwababengathembekanga?
12 Ookumkani ababethembekile emehlweni kaYehova babemkhonza ngendlela ayifunayo, bekhuthaza nabantu bakaThixo ukuba benze loo nto. Ewe kona babezenza iimpazamo, kanye njengokuba sesivile. Kodwa babezinikele ngokupheleleyo kuYehova, besenza konke ababenokukwazi ukukwenza ukuze kutshatyalaliswe oothixo bobuxoki. d
13. Kwakutheni ukuze uYehova athi uKumkani uAhabhi wayengathembekanga?
13 Kwakutheni ukuze uYehova athi abanye ookumkani babengathembekanga? Ngokuqinisekileyo zazikhona izinto ezilungileyo ababezenza. KwanoKumkani uAhabhi owayekhohlakele wathobeka waza wazisola ngenxa yokufaka isandla ekubulaweni kukaNabhoti. (1 Kum. 21:27-29) Wakha izixeko, wanceda namaSirayeli oyisa iintshaba zawo. (1 Kum. 20:21, 29; 22:39) Kodwa ikhona into awayenzayo, eyayimbi kakhulu. Wavumela inkosikazi yakhe yamenza wakhuthaza abantu ukuba bakhonze oothixo bobuxoki waza akaguquka.—1 Kum. 21:25, 26.
14. (a) Kwakutheni ukuze uYehova athi uKumkani uRehobhoham akathembekanga? (b) Yintoni eyayisenziwa ngookumkani abaninzi ababengathembekanga?
14 Makhe sithethe ngomnye ukumkani owayengathembekanga, uRehobhoham. Njengokuba sesivile kwisiqendu 2, zikhona izinto ezilungileyo awazenzayo. Kodwa bathi bakomelela ubukumkani bakhe, akawuthobela umthetho kaYehova, waqalisa ukukhonza oothixo bobuxoki. (2 Kron. 12:1) Emva koko wakhonza uYehova, engabayekanga ke noothixo bobuxoki. (1 Kum. 14:21-24) AyingoRehobhoham noAhabhi kuphela ookumkani abayekayo ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo. Phofu phantse bonke ookumkani ababengathembekanga babefaka isandla ekukhonzweni koothixo bobuxoki. Kucacile ukuba eyona nto wayeyijonga uYehova ukuze agqibe ukuba ukumkani ulungile na okanye akalunganga, kukuba wayemkhonza ngendlela ayifunayo na.
15. Kutheni kubalulekile kuYehova ukumkhonza ngendlela ayifunayo?
15 Kutheni yayibaluleke kangaka kuYehova indlela ookumkani ababemkhonza ngayo? Kaloku enye yezinto ekwakulindeleke ukuba ukumkani azenze kukunceda abantu abaphantsi kwakhe bakhonze uYehova ngendlela ayifunayo. Kaloku xa abantu bekhonza oothixo bobuxoki babesenza izinto ezimbi, bebaphatha kakubi nabanye. (Hos. 4:1, 2) Enye into, ookumkani nabantu ababebalawula babezinikele kuYehova. Ngenxa yaloo nto, ukukhonza kwabo oothixo bobuxoki iBhayibhile ikufanisa nokukrexeza. (Yer. 3:8, 9) Umntu okrexezayo umenza buhlungu kakhulu umntu atshate naye. Ngendlela efanayo ke, noYehova uba buhlungu kakhulu xa umntu ozinikele kuye ekhonza nantoni na angayifuniyo. e—Dut. 4:23, 24.
16. KuYehova yintoni umahluko phakathi komntu olungileyo nongalunganga?
16 Sifunda ntoni? Masizimisele ukuphepha nantoni na enento yokwenza nonqulo lobuxoki. Eyona nto kufuneka siyenze kukuhlala sixakeke kukukhonza uYehova ngendlela eyifunayo. Umprofeti uMalaki wayicacisa kakuhle indlela uYehova amahlula ngayo umntu olungileyo kongalunganga. Wathi: “Niza kuphinda niwubone umahluko phakathi kwelungisa nomntu owenza ububi, phakathi kwalowo ukhonza uThixo nalowo ungamkhonziyo” (Mal. 3:18) Ngoko masizimisele ukungavumeli nantoni na, nkqu neempazamo esizenzayo, zisityhafise de siyeke ukukhonza uThixo. Kaloku ukuyeka ukukhonza uYehova sisono esinzulu.
17. Yintoni enokwenzeka xa sinokukhetha ukutshata nomntu ongamkhonziyo uYehova?
17 Ukuba ufuna ukutshata, into eyathethwa nguMalaki ngokukhonza uThixo ingakunceda njani xa ukhetha umntu ofuna ukutshata naye? Kaloku umntu usenokuba neempawu ezintle. Kodwa ukuba akakhonzi uThixo wokwenene, ungathi loo mntu lilungisa emehlweni kaYehova? (2 Kor. 6:14) Xa utshate naye, angakunceda uhlale ungumhlobo kaThixo? Cinga kaloku: Kusenokwenzeka ukuba abafazi bakaKumkani uSolomon babenazo iimpawu ezintle. Kodwa babengamkhonzi uYehova. Ngoko kancinci kancinci, bamtsalela ekukhonzeni oothixo bobuxoki.—1 Kum. 11:1, 4.
18. Abazali bafanele babafundise ntoni abantwana babo?
18 Bazali, ninokusebenzisa ingxelo yeBhayibhile ethetha ngookumkani bakwaSirayeli, ukuze nincede abantwana benu bakufune nyhani ukukhonza uYehova. Bancedeni baqonde ukuba eyona nto yayisenza uYehova agqibe ukuba ukumkani ulungile okanye akalunganga, yayikukuba uyabakhuthaza na abantu ukuba bamkhonze ngendlela ayifunayo. Bafundiseni ngezinto enizithethayo nenizenzayo ukuba ukwenza izinto eziqinisa ukholo, ezifana nokufunda iBhayibhile, ukuya kwiintlanganiso nasentsimini yeyona nto imele ibaluleke ebomini bomntu. (Mat. 6:33) Ukuba aniyenzi loo nto, basenokucinga ukuba bangamaNgqina kaYehova kuba nje nani ningawo. Loo nto inokwenza ukukhonza uYehova kungabaluleki kangako kubo, okanye bade bayeke nokumkhonza.
19. Leliphi ithemba esinalo ngaye nabani na oyekileyo ukukhonza uYehova? (Jonga nebhokisi ethi “ Unokubuyela KuYehova!”)
19 Ngaba simele simncame umntu oyekileyo ukukhonza uYehova? Hayi, kuba unokuguquka aphinde amkhonze ngendlela ayifunayo. Ukuze yenzeke loo nto, kuza kufuneka azithobe, avumele abadala bamncede. (Yak. 5:14) Nokuba yintoni ekuza kufuneka ayenze, ukuba iza kumnceda aphinde abe ngumhlobo kaYehova soze azisole!
20. Ukuba silinganisa ookumkani ababethembekile, uza kusijonga njani uYehova?
20 Sifunde ntoni kookumkani bakwaSirayeli? Sinokufana nookumkani ababethembekile ukuba sihlala simkhonza ngentliziyo yethu yonke uYehova. Masifunde kwiimpazamo zethu, siguquke size silungise apho kufuneka silungise khona. Masingaze siyilibale nendlela okubaluleke ngayo ukuhlala simkhonza ngendlela ayifunayo okuphela koThixo wokwenene. Ukuba uhlala uthembekile uYehova, uza kukujonga njengomntu ohlala esenza izinto ezilungileyo.
INGOMA 45 Izinto Endizicingayo
a Kweli nqaku, xa kusithiwa ‘ookumkani bakwaSirayeli’ kuthethwa ngabo bonke ookumkani ababelawula abantu bakaYehova, noba babelawula izizwe ezibini zakwaYuda, izizwe eziyi-10 zakwaSirayeli okanye zoyi-12.
b IGAMA ELICACISIWEYO: IBhayibhile idla ngokusebenzisa igama elithi “intliziyo” xa ithetha ngomntu esinguye ngaphakathi: Izinto esizinqwenelayo nesizicingayo, izizathu zezinto esizenzayo nezinto esizimisele ukuzenza.
c Kuyabonakala ukuba ookumkani abangabahedeni babeqhele ukukhonza oothixo beentlanga abazoyisileyo.
d UKumkani uAsa wenza izinto ezimbi kakhulu. (2 Kron. 16:7, 10) Kodwa kuthethwa kakuhle ngaye eBhayibhileni. Nangona engazange avume ukulungiswa ekuqaleni, kusenokwenzeka ukuba waphinda waguquka. Ngoko iimpazamo awazenzayo zogqunywa ziimpawu zakhe ezintle. Kuyabonakala ukuba uAsa wakhonza uYehova kuphela, waza wazama ukubatshabalalisa bonke oothixo bobuxoki kwiindawo awayelawula kuzo.—1 Kum. 15:11-13; 2 Kron. 14:2-5.
e Kuyabonakala ukuba ukukhonzwa kubaluleke kakhulu kuYehova, kuba imithetho yokuqala emibini kuMthetho owabhalwa nguMoses ayikuvumeli ukukhonzwa kwayo nantoni na okanye nabani na ngaphandle kukaYehova.—Eks. 20:1-6.
f INGCACISO YEMIFANEKISO: UKumkani uDavide noKumkani uHezekiya bazithoba baza baguquka emva kokuba kuthethwe nabo ngezono ababezenzile. Umdala osengumfana uchazela umzalwana ukuba iyamxhalabisa indlela asela ngayo. Lo mzalwana uyazithoba, asamkele isiluleko, alungise aze aqhubeke ekhonza uYehova ethembekile.