Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

2 Yintoni Enokukunceda Xa Uneengxaki

2 Yintoni Enokukunceda Xa Uneengxaki

Ezinye iingxaki azipheli, ngamany’ amaxesha zihlala iminyaka, ibe kusenokwenzeka ukuba siye saziqonda sekukudala ukuba sinazo. Ngaba iBhayibhile iyasibonisa indlela esinokuzilungisa ngayo ezi ngxaki zingapheliyo nezisikhathazayo? Makhe sive le mizekelo.

XA UKHATHAZEKE KAKHULU

URosie uthi, “Ndandihlala ndizikhathaza ngeengxaki endandiye ndicinge ukuba zinkulu kunokuba zinjalo nyhani.” Zeziphi iivesi zeBhayibhile ezamncedayo? Enye yazo nguMateyu 6:34 othi: “Musani ukuxhalela ingomso, kuba ingomso liya kuba namaxhala alo. Imini nganye inobayo ububi obuyilingeneyo.” Ngoku uRosie uthi loo mazwi amnceda wayeka ukuzikhathaza ngento esenokwenzeka ngomso. Uphinda athi, “Andisazenzeli iingxaki ezininzi ngokuzikhathaza ngezinto ezingazange zenzeke nekusenokwenzeka ukuba soze zenzeke.”

NoYasmine uthi, indlela awayekhathazeka ngayo wayengasakwazi ukuzibamba. “Iintsuku ezininzi ndandisoloko ndikhala, kube nzima nokulala ngamany’ amaxesha. Ukucinga ngezinto ezikhathazayo kwakundigqiba.” Wancedwa sesiphi isibhalo? Yeyoku-1 kaPetros 5:7 ethi: “Liphoseni kuye [uThixo] lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.” Uthi: “Ndandisoloko ndithandaza kuYehova, ibe wandiphendula. Yaba ngathi kususwe into enzima emagxeni am. Ngamany’ amaxesha ndiyacinga ngezinto ezindikhathazayo, kodwa ngoku ndiyayazi into emandiyenze.”

UKUZIBEKEL’ AMANGOMSO IZINTO

Elinye ibhinqa eliselitsha uIsabella lithi: “Ndicinga ukuba ndifuze utata ngokuzibekel’ amangomso izinto. Ndiyayeka ukwenza izinto ezibalulekileyo, ndihlale njee okanye ndibukele iTV. Ngumkhwa ombi ukuzibekel’ amangomso izinto kuba ubangela istres, kwenza umntu angawenzi kakuhle umsebenzi.” Isibhalo esiye samnceda yeyesi-2 kaTimoti 2:15, ethi: “Yenza unako-nako ukuba uzinikele ukholekile kuThixo, ungumsebénzi ongenazintloni nganto.” UIsabella uthi: “Ndandingafuni uYehova abe neentloni ngomsebenzi wam kuba ndiwubekela amangomso.” Uzama kakhulu ukuwuyeka lo mkhwa.

Yena uKelsey uthi: “Ndandiwuyeka umsebenzi de kube ngumzuzu wokugqibela. Ndandiwenza sendilila, ndiphelelwe bubuthongo futhi ndikhathazeke. Le nto yayindenza ndingonwabi.” UKelsey uthi wancedwa yiMizekeliso 13:16 ethi: “Wonk’ ubani onobuqili uya kwenza ngokwazi, kodwa osisidenge uya kusasaza ngokubanzi ubudenge.” Uthi ukucingisisa ngalo mbhalo kumfundise le nto: “Kuhle ukuzixelela ukuba unomsebenzi ekufuneka uwenze uze uzilungiselele kusengethuba. Ngoku ndinencwadi ehlala phezu kwedesika endibhala kuyo umsebenzi ekufuneka ndiwenze nexesha endiza kuwenza ngalo. Le nto indinceda ndiyazi into ekufuneka ndiyenze nexesha ekufuneka ndiyenze ngalo ukuze ndingayeki izinto de ibe ngumzuzu wokugqibela.”

UKUBA LILOLO

UKirsten uthi: “Umyeni wam wemka ekhaya endishiya nabantwana abane.” Wancedwa ngowuphi umbhalo? IMizekeliso 17:17 ithi: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.” Wafuna uncedo nakubazalwana noodade abasebandleni. Walufumana ke? Uthi: “Abahlobo bam bandikhuthaza ngeendlela ezininzi! Abanye babendishiyela ukutya neentyatyambo emnyango. Amaxesha amathathu xa ndandifuduka nabantwana bam sancediswa lelinye iqela labahlobo bam. Omnye wandinceda ndafumana umsebenzi. Babesoloko bekho xa ndifuna uncedo.”

NoDelphine ekuthethwe ngaye kwinqaku elingaphambi kweli waba lilolo. Emva kokuba eswelekelwe yintombazana, washiywa ngumyeni, walahlekelwa nangumsebenzi, uthi: “Ndandibukele abantu bezenzela izinto zabo, kodwa mna ndandililolo kwaye ndingonwabanga.” Wancedwa yiNdumiso 68:6 ethi: “UThixo ubangela abo babodwa ukuba bahlale endlwini.” Uthi: “Ndandisazi ukuba indlu ekuthethwa ngayo apha asiyondlu nje eqhelekileyo. Kunoko, uThixo usinike indawo ekhuselekileyo esenza sisondelelane ngokwenyaniso nabantu abamthandayo. Ndandisazi ukuba ukuze ndisondelelane naba bantu, kufuneka ndiqale ndisondele kuYehova. INdumiso 37:4 yandinceda kuba ithi: ‘Ziyolise ngokugqibeleleyo ngoYehova, yaye uya kukunika izicelo zentliziyo yakho.’”

Uthi: “Ndaqonda ukuba kufuneka ndisondele kakhulu kuYehova. Ngoyena mhlobo ulungileyo. Emva koko ndabhala phantsi zonke iindlela endinokuzonwabisa ngazo nabantu abathanda uYehova, ukuze babe ngabahlobo bam. Ndafunda ukujonga izinto ezintle kubo ukuze ndihlale ndibazi ngazo.”

Ewe kona, nabahlobo abakhonza uThixo abafezekanga. AmaNgqina KaYehova aneengxaki njengabantu bonke. Kodwa iBhayibhile isiqeqeshela ukuba sibancede abanye xa sinendlela. Kuhle ukuba nabahlobo abanjalo. Kodwa ngaba iBhayibhile inokukunceda kwiingxaki ezingalungisekiyo namhlanje, ezinjegezigulo ezinganyangekiyo neentlungu ezifana nokufelwa?

Ukusebenzisa amacebiso eBhayibhile kunokukunceda ufumane abahlobo abaza kusoloko benawe