Kutheni Inzondo Ixhaphake Kangaka?
Kutheni ixhaphake kangaka inzondo emhlabeni? Ukuze siqonde isizathu kufuneka siqonde ukuba yintoni inzondo, kutheni abantu benayo, ibe isasazeka njani.
Yintoni Inzondo?
Inzondo kukucaphukela umntu okanye iqela labantu kakhulu. Yimvakalelo yokungamthandi umntu ngokuqhubekayo.
KUTHENI ABANTU BESIBA NENZONDO?
Zininzi izizathu ezenza abantu baqalise ukuba nenzondo. Abantu baye bazondwe hayi nje ngenxa yezinto abazenzayo kodwa ngenxa yobuntu babo. Abo bazondwayo banokubonakala njengabo bangalunganga, abo baneenjongo zokuvisa abanye ubuhlungu nabangenakutshintsha. Basenokubonwa njengabantu abangabalulekanga, abayingozi, nababangela iingxaki. Kusenokwenzeka abo babazondayo abanye abantu bakhe babethwa, baqhathwa, benziwa izinto ezabenza baziva bengathandwa.
INDLELA ESASAZEKA NGAYO
Umntu usenokubacaphukela abanye nangona engazange wadibana nabo. Ngokomzekelo, umntu usenokuvakalelwa ngendlela abahlobo nentsapho yakhe abavakalelwa ngayo ngeqela elithile. Ngenxa yaloo nto inzondo inokusasazeka lula baze bazondwe ngakumbi abantu belo qela.
Xa siqonda indlela esasazeka ngokulula ngayo inzondo sitsho sibone ukuba kutheni abantu abaninzi benayo. Kodwa ke, ukuze siphelise inzondo eqhubekayo kufuneka sifunde ukuba inzondo yaqala njani. Singafunda ngayo eBhayibhileni.
IBHAYIBHILE ICHAZA UKUBA ISUKA PHI INZONDO
AYINGOBANTU ABAQALA INZONDO. Yaqalwa nguSathana uMtyholi ingelosi eyayisezulwini xa yavukela uThixo. UMtyholi ‘wayengumbulali xa wayeqalisa’ ukuvukela. ‘Kuba elixoki, ibe ubuxoki beza ngaye,’ uqhubeka ebangela inzondo nomsindo. (Yohane 8:44; 1 Yohane 3:11, 12) IBhayibhile ithi ukhohlakele ibe unomsindo omkhulu.—Yobhi 2:7; ISityhilelo 12:9, 12, 17.
KULULA KUBANTU ABANESONO UKUBA BABENENZONDO. Indoda yokuqala uAdam yalandela uSathana yaza yenza isono. Ngenxa yaloo nto abantu bosulelwa sisono ibe loo nto yenza benze impazamo. (Roma 5:12) Ngenxa yenzondo unyana wokuqala ka-Adam, uKayin wabulala umntakwabo uAbheli. (1 Yohane 3:12) Ewe kona, abantu abaninzi bayalubonisa uthando novelwano. Ngenxa yesono esasifumana kuAdam abantu abaninzi bazicingela bodwa, banomona ibe banekratshi—mpawu ezo ezenza inzondo.—2 Timoti 3:1-5
OYENA MNTU UBA NENZONDO NGUMNTU OBACAPHUKELAYO ABANTU ABOHLUKILEYO. Kwihlabathi esiphila kulo ukungabi nanceba, iingcinga ezimbi nokuziphatha okwenzakalisayo kwenza inzondo engakumbi. Ukungakwazi ukubanyamezela abantu, ukuba nomkhethe, ukuthetha amazwi ahlabayo, ukuphatha kakubi abanye nokonakaliswa kwezakhiwo kuyanda kuba “lonke ihlabathi lilawulwa nguSathana uMtyholi”.—1 Yohane 5:19.
Kodwa ke iBhayibhile ayisichazeli nje unobangela wenzondo ikwasixelela nendlela yokuyiphelisa.