2 | “Intuthuzelo Esuka EBhayibhileni”
IBHAYIBHILE ITHI: “Kuba zonke izinto ezabhalwa kwixesha eladlulayo zabhalwa ukuze kufundiswe thina, ukuze ukunyamezela kwethu nokuthuthuzelwa ziZibhalo kusincede sibe nethemba.”—ROMA 15:4.
Ithetha Ukuthini Loo Nto?
IBhayibhile isikhuthaza ngezinto ezithuthuzelayo ezincedayo xa sicinga ngendlela engafanelekanga. Umyalezo oseBhayibhileni uphinda usinike ithemba lokuba, ukuba buhlungu ngokweemvakalelo kuza kuphela.
Isinceda Njani Le Nto?
Sonke ngamanye amaxesha sikhe singonwabi, kodwa abo banedepression nabanexhala banokusoloko bebuhlungu ngokweemvakalelo. Inceda njani iBhayibhile?
IBhayibhile isinika izinto ezininzi ezintle esinokucinga ngazo ezinokuthathela indawo iingcinga ezimbi. (Filipi 4:8) Inokugcwalisa iingqondo zethu ngeengcinga ezisithuthuzelayo nezisenza sizole size sikwazi ukulawula iimvakelelo zethu.—INdumiso 94:18, 19.
IBhayibhile iyasinceda siyeke ukucinga ukuba akho yethu.—Luka 12:6, 7.
Iivesi ezininzi eziseBhayibhileni ziyasiqinisekisa ukuba asikho sodwa, ibe uThixo uMdali wethu uyiqonda kakuhle indlela esivakalelwa ngayo.—INdumiso 34:18; 1 Yohane 3:19, 20.
IBhayibhile ithembisa ukuba uThixo uza kuziphelisa iingcinga ezibuhlungu. (Isaya 65:17; ISityhilelo 21:4) Xa sikhathazwa ziingcinga neemvakalelo ezibuhlungu, sinokufumanisa ukuba esi sithembiso sisinika amandla okunyamezela.