Indlela Yokunceda Abo Banezigulo Eziphazamisa Iimvakalelo Zabo
IBHAYIBHILE ITHI: “Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke, ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.”—IMIZEKELISO 17:17.
Ithetha Ukuthini Loo Nto?
Sisenokuvakalelwa kukuba asinokwazi ukubanceda abahlobo bethu abanezigulo eziphazamisa iimvakalelo zabo. Kodwa singababonisa indlela esibakhathalele ngayo abahlobo bethu ukuze bamelane nezigulo ezibakhathaza kakhulu.
Isinceda Njani Le Nto?
‘Khawuleza ukuva.’—YAKOBI 1:19.
Enye indlela enomnceda kakhulu umhlobo wakho kukummamela xa efuna ukuthetha. Ungaziva unyanzelekile ukuba uphendule yonke into ayithethayo. Mqinisekise ukuba ummamele kwaye umkhathalele. Zama ukuyiqonda indlela avakalelwa ngayo uze ungambeki ityala. Usenokubhuda aze emva koko azisole ngento ayithethileyo.—Yobhi 6:2, 3.
“Nibathuthuzele abakhathazekileyo.” —1 TESALONIKA 5:14.
Kusenokwenzeka ukuba itshomi yakho inexhala kwaye inengxaki yokuzijongela phantsi. Ngokumqinisekisa ukuba umkhathalele unokumthuthuzela kwaye umkhuthaze nokuba awuyazi into omele uyithethe.
“Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke.”—IMIZEKELISO 17:17.
Cela ukuba nezinto onokumnceda kuzo. Kunokuba uzicingele ukuba ungamnceda njani, mbuze ukuba ungamnceda ngantoni. Ukuba kunzima kumhlobo wakho ukuba akuxelele eyona nto ayidingayo, mhlawumbi ungazama ukumcela nibe nento eniyenzayo nobabini njengokuthi chu nizihambele okanye ungacela ukumnceda ngokuya Galati 6:2.
evenkileni, ukuklina kunye neminye imisebenzi.—‘Yiba nomonde.’—1 TESALONIKA 5:14.
Itshomi yakho isenokungasoloko ikulungele ukuthetha. Kodwa mqinisekise ukuba xa efuna ukuthetha uzobe umlindile. Ngenxa yesigulo sakhe, itshomi yakho isenokuthetha okanye yenze izinto ezikukhathazayo. Usenokungaphumeleli kwizinto ebenizicebile uze umbone ukuba akaziva kamnandi. Yiba nomonde kwaye uzame ukumqonda njengoko uqhubeka umnceda ngezinto azidingayo.—IMizekeliso 18:24.
Uncedo Lwakho Lungakwazi Ukwenza Umahluko
“Ndiye ndiqinisekise ukuba ndingula mhlobo anokuziva ekhululekile ukuthetha naye. Ndisoloko ndiqinisekisa ukuba ndiyammamela xa efuna ukuthetha nokuba ndiyayazi ukuba andinokuziphelisa iingxaki anazo. Ngamanye amaxesha udinga nje umntu onokummamela ukuze azive bhetele.”—UFarrah, a onetshomi enengxaki yokutya ngendlela engaqhelekanga, ixhala nedepression.
“Enye itshomi yam inobubele kwaye ilukhuthazo kum. Wandimemela endlini yakhe ukuze sitye ukutya okumnandi. Ndandikwazi ukuthetha ngokukhululekileyo kuba wayenothando kakhulu. Kwandikhuthaza nyhani oko!”—UHa-eun, onedepression.
“Umonde ubaluleke nyhani. Xa umfazi wam endenze into endikhathazayo, ndiye ndizikhumbuze ukuba sisigulo sakhe esiye simenze enze loo nto, ayibobuntu bakhe. Oko kundenza ndingacaphuki ndize ndimcingele.”—UJacob, onomfazi onedepression.
“Umfazi wam uye wabaluncedo kakhulu kum waza wandithuthuzela. Xa ndiziva ndinexhala kakhulu, akandinyanzeli ukuba ndenze into endiziva ndingafuni ukuyenza. Ngamanye amaxesha oku kuthetha ukuba akazenzi izinto ebenokuthanda ukuzenza. Akukho nto ndinokuyifanisa nayo indlela azincama ngayo nanobubele ngayo.”—UEnrico, onengxaki yokuba nexhala.
a Amanye amagama atshintshiwe.