Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYAYAZI INTO ENOKUKUNCEDA XA UNESTRES?

Ungakwazi Ukuphila Ngaphandle Kwestres

Ungakwazi Ukuphila Ngaphandle Kwestres

Ubulumko obuseBhayibhileni bunokusinceda singabi nastres. Asinako ukuziphelisa zonke izinto ezisenza sibe naso. Kodwa uThixo angaziphelisa, kangangokuba ukhethe umntu ukuze asincede. Loo mntu nguYesu Kristu. Kungekudala, uza kwenza izinto ezimangalisa kakhulu kunezo wazenzayo xa wayelapha emhlabeni. Nazi ezinye zezo zinto:

UYESU UZA KUPHILISA ABAGULAYO.

“Bazisa kuye bonke abantu abanezifo . . . , waza wabaphilisa.”​—MATEYU 4:24.

UYESU UZA KUNIKA BONKE ABANTU UKUTYA NEENDAWO ZOKUHLALA.

“[Abantu abaza kulawulwa nguKristu] baza kwakha izindlu, bahlale kuzo, batyale amasimi eediliya, batye iziqhamo zawo. Abazukwakha kuhlale abanye, bengazukutyala izinto eziza kutyiwa ngabanye.”​—ISAYA 65:21, 22.

UYESU UZA KWENZA KUBEKHO UXOLO NOKHUSELEKO XA ELAWULA.

“Xa elawula, amalungisa aza kutyatyamba, isekhona nje inyanga, kuza kuhlala kukho uxolo kuyo yonke indawo. Uza kulawula abantu ukususela elwandle ukuyokutsho elwandle. Nokusuka eMlanjeni ukuya kwezona ndawo zikude emhlabeni. . . . Neentshaba zakhe ziza kukhotha uthuli.”​—INDUMISO 72:7-9.

UYESU UZA KWENZA KUBEKHO UBULUNGISA.

“Uza kubasizela abangathathi ntweni nabangamahlwempu, uza kusindisa ubomi bamahlwempu. Uza kubakhulula kwingcinezelo nobundlobongela.”​—INDUMISO 72:13, 14.

UYESU UZA KUDE APHELISE IINTLUNGU NOKUFA.

“Kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu.”​—ISITYHILELO 21:4.