UVUKANI! No. 3 2017 | Ngaba Nyhani IBhayibhile Ivela KuThixo?
Ngaba iBhayibhile ivela kuThixo? Okanye yincwadi njee eneengcinga zabantu?
Lo “Vukani!” unamanqaku amathathu abonisa ukuba iBhayibhile ivela kuThixo nyhani.
INQAKU ELINGUMXHOLO
IBhayibhile —Ngaba Nyhani ‘Iphefumlelwe NguThixo’?
Abanye bacinga ukuba ikho into edibanisa iBhayibhile noThixo. Kanti abanye bathi yingqokelela yeentsomi zakudala, yembali nemiyalelo eyabhalwa ngabantu.
INQAKU ELINGUMXHOLO
IBhayibhile —Ichane Kwinto Yonke
IBhayibhile yathetha ngezinto eziqhelekileyo ezenzekayo ebomini ngaphambi kokuba oososayensi basixelele ngazo. Yaprofeta nangokuphakama nokuwa kwezikumkani, yaza yasinika neempendulo ezanelisayo ngezinto ezibalulekileyo ebomini.
UKUNCEDA INTSAPHO
Imisebenzi Yasekhaya Ibalulekile
Ngaba niyonqena ukunika abantwana imisebenzi ekhaya? Ukuba niyonqena, khanifunde indlela ukunceda ekhaya okunokubafundisa ngayo ukwazi imisebenzi abamele bayenze kuze kubavuyise.
Inkqubo Yemithambo-luvo Esemathunjini —Ngaba ‘Yingqondo Yakho Yesibini’?
Le “ndawo igcina imichiza” isesiswini. Yintoni ekwenzela yona?
UDLIWANO-NDLEBE
Umntu Owenza Iinkqubo Zekhompyutha Ucacisa Ukholo Lwakhe
Xa uGqr. Fan Yu wayeqalisa umsebenzi wakhe wokuphanda ngezibalo, wayekholelwa ekubeni izinto zazivelela. Ngoku ukholelwa ekubeni izinto eziphilayo zadalwa nguThixo. Kutheni?
IMBONO YEBHAYIBHILE
Iingelosi
Iingelosi kukhe kuthethwe ngazo ezincwadini, zibe kwimifanekiso nakwiimuvi. Zithini iZibhalo ngazo?
NGABA YADALWA?
Uboya Bentini Yaselwandle
Ezinye izilwanyana ezincancisayo ezihlala emanzini zixhomekeke kwinqatha lazo elityebileyo ukuze zihlale zifudumele. Yona intini yaselwandle ayifudunyezwa lilo.
Izinto Ezingakumbi Ezifumaneka Kwi-intanethi
Ndinokuyifumana Njani Inkululeko Engakumbi?
Usenokucinga ukuba ufanele uphathwe njengomntu omdala, kodwa abazali bakho abavumelani nawe. Ziintoni onokuzenza ukuze bakuthembe?
Ngubani Umbhali WeBhayibhile?
Ukuba ibhalwe ngabantu, ngaba kufanelekile ukuba ibizwe ngokuba liLizwi likaThixo? Ineengcamango zikabani iBhayibhile?