Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ubuchule Bokuphulaphula Ngothando

Ubuchule Bokuphulaphula Ngothando

Ubuchule Bokuphulaphula Ngothando

“ENKOSI ngokundiphulaphula.” Ngaba kukho umntu okhe wathetha la mazwi kuwe mvanje? Wakuncoma ngokwenene! Bonke abantu bayamthanda umntu obaphulaphulayo xa bethetha. Ngokuphulaphula ngenyameko, sinokuzisa isiqabu kwabo bacinezelekileyo nabo badimazekileyo ngenxa yeengxaki. Ngaba ukuphulaphula xa abanye bethetha akusenzi sikuvuyele ukuba kunye nabanye? Kwibandla lamaKristu, ukuphulaphula ngothando kungundoqo ekubeni ‘sinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle.’—Hebhere 10:24.

Noko ke, abanye abantu abakwazi nje ukuphulaphula. Bayakuthanda ukunikela amacebiso, ukubalisa into eyenzeke kubo, okanye ukudlulisela ezabo izimvo kunokuphulaphula oko abanye bakuthethayo. Ukuphulaphula eneneni bubuchule. Sinokubufunda njani ubuchule bokuphulaphula ngothando?

Inkalo Ebalulekileyo

“UmYaleli wethu Ozukileyo” nguYehova. (Isaya 30:20) Unokusifundisa lukhulu ngokuphulaphula. Cinga indlela awaba luncedo ngayo kumprofeti uEliya. Etyityinjiselwa umnwe nguKumkanikazi uIzebhele, ngoloyiko uEliya wasabela entlango, evakalelwa kukuba kwakubhetele afe. Ingelosi kaThixo yathetha naye. Njengoko lo mprofeti wayechaza indlela awayevakalelwa ngayo, uYehova wayephulaphule waza wabonakalisa amandla Akhe amakhulu. Waba yintoni umphumo? Kwathi qabu kuEliya, waza wabuyela esabelweni sakhe. (1 Kumkani 19:2-15) Kutheni uYehova ezipha ixesha lokuphulaphula iingxaki zabakhonzi bakhe? Kungenxa yokuba ubakhathalele. (1 Petros 5:7) Nanku ke undoqo ukuze ukwazi ukuphulaphula ngenyameko: Ukubakhathalela abanye, uze ubonakalise umdla wokwenene kubo.

Xa enye indoda yaseBolivia yenza isono esinzulu, yayixabisa ngokwenene inkathalo eyabonakaliswa ngomnye umzalwana. Le ndoda ithi: “Ngelo xesha ndandenyele ngaphakathi. Kusenokwenzeka ukuba kwakusele nje kancinane ukuba ndiyeke ukukhonza uYehova ukuba lo mzalwana wayengazanga azinike ixesha lokundiphulaphula. Akukho nto ingako wayithethayo, kodwa ukwazi nje ukuba wayendikhathalele ngokwaneleyo ukuze andiphulaphule kwandomeleza. Ndandingafuni sicombululo kwingxaki endandinayo, ndandikwazi kakuhle endandimele ndikwenze. Ndandifuna ukwazi ukuba kukho uthile owayenomdla kwindlela endandivakalelwa ngayo. Ukuphulaphula kwakhe kwaba lukhuthazo olukhulu.”

Oyena mntu unguMzekelo obalaseleyo ngobuchule bokuphulaphula nguYesu Kristu. Emva kokufa kwakhe, abafundi ababini babehamba besuka eYerusalem besiya kwidolophana ekumgama omalunga nekhilomitha ezili-11. Alithandabuzeki elokuba babedimazekile. Ngoko, uYesu Kristu ovusiweyo waqalisa kuhamba nabo. Ngobuchule wabuza imibuzo ukuze bavelise oko kwakusezintliziyweni zabo, ibe nabo bamphendula ngokukhululekileyo. Bathetha ngethemba ababenalo, ukuphoxeka nokudideka kwabo. UYesu wayebakhathalele ibe ukuphulaphula kwakhe kwenza nabo baphulaphula. Ngoko uYesu “wabatolikela zonke izinto eziphathelele yena kuzo zonke iZibhalo.”—Luka 24:13-27.

Ukuphulaphula kuqala, yindlela yothando yokukhuthaza abanye basiphulaphule. Elinye ibhinqa laseBolivia libalisa lisithi: “Abazali bam nabazali bomyeni wam babeyigxeka indlela endandibaqeqesha ngayo abantwana bam. Ndandingayithandi indlela ababethetha ngayo, oko kwakundenza ndingazithembi njengomzali. Ngelo xesha kwafika iNgqina likaYehova. Landixelela ngezithembiso zikaThixo. Kodwa, yindlela elandibuza ngayo oko ndandikucinga, okwenza ndabona ukuba lo mntu wayezimisele ukundiphulaphula. Sahlala phantsi, ndaza ndalixelela ngengxaki endandinayo. Landiphulaphula ngomonde. Landibuza oko ndandikunqwenelela abantwana bam nendlela umyeni wam wayevakalelwa ngayo ngoko. Kwakuvuyisa ukubona umntu onomdla kum. Xa landibonisa oko iBhayibhile ikuthethayo ngobomi bentsapho, ndandiqinisekile ukuba ndithetha nomntu onomdla kwimeko endandikuyo.”

IBhayibhile ithi: “Uthando. . . alufuni ezalo izilangazelelo.” (1 Korinte 13:4, 5) Ukuphulaphula ngothando kuthetha ukuyibekela ecaleni iminqweno yethu. Oku kunokuthetha ukucima umabonwakude, ukubeka phantsi iphephandaba okanye ukucima i-cellphone xa abanye bethetha nathi ngezinto ezibalulekileyo. Ukuphulaphula ngothando kuthetha ukuba nomdla onyanisekileyo koko abanye bakucingayo. Oku kufuna sikuphephe ukuthetha ngeziqu zethu njengokuthi, “Yakha yandehlela ke le nto uyithethayo.” Nakuba le ndlela yokuthetha ifanelekile xa nincokola, kufuneka sibeke izinto zobuqu ecaleni xa ubani ethetha ngengxaki yakhe enzulu. Ikho nenye indlela yokubonakalisa umdla kwabanye.

Yiqonde Indlela Omnye Avakalelwa Ngayo

Amaqabane kaYobhi aphulaphula ubuncinane iintetho zakhe ezilishumi. Kodwa uYobhi wadanduluka wathi: “Owu akwaba bendinothile wokundiphulaphula!” (Yobhi 31:35) Kwakutheni ukuze athethe la mazwi? Ukuphulaphula kwabo akuzange kumzisele ntuthuzelo. Babengamkhathalelanga uYobhi bengafuni nokuziqonda iimvakalelo zakhe. Ngokwenene babengamphulaphulanga ngendlela ebonisa uvelwano. Umpostile uPetros wanikela eli cebiso: “Cingani ntonye nonke, nivelane, ninomsa wobuzalwana, nemfesane, nithobekile engqondweni.” (1 Petros 3:8) Sinokubonakalisa njani ukuba sinovelwano ngabanye? Oku sinokukwenza ngokuzikhathalela iimvakalelo zabanye abantu size siqiniseke ukuba siyayiqonda intsusa yazo. Enye indlela kukuthetha amazwi abonakalisa uvelwano anjengokuthi “kumele ukuba akuzange kukuphathe kakuhle oko” okanye “umele ukuba wacinga ukuba akuqondwa oko ukuthethayo.” Enye indlela yokwenza oku kukuthetha ngawethu amazwi oko lowo simphulaphuleyo akutshoyo. Ukuphulaphula ngothando kuthetha ukunikela ingqalelo kwiimvakalelo ezingachazwanga ngokuphandle kunamagama nje kuphela.

URobert a ngumshumayeli wexesha elizeleyo wamaNgqina kaYehova. Ubalisa esithi: “Kwakukho ixesha apho izinto zazingahambi kakuhle emsebenzini wam wokushumayela. Ngoko ndathetha nomveleli wesiphaluka. Waphulaphula ngenyameko ibe wazama ukuqonda indlela endandivakalelwa ngayo. Wabonakala ngathi uyakuqonda ukuba ndandikoyika ukugxekwa. Lo mzalwana wandiqinisekisa ukuba indlela endandivakalelwa ngayo yayisengqiqweni, kuba naye wakha wanjalo. Oku kwandinceda ndaqhubeka nomsebenzi wam.”

Ngaba xa siphulaphula simele sibe ngoovumazonke? Ngaba singamxelela loo mntu ukuba siyakuxabisa ukuyiva indlela avakalelwa ngayo? Ewe. Kuthekani ukuba umfana oselula uye walwa esikolweni okanye intombazana ekwishumi elivisayo ifika ekhaya isithi ibonwe lisoka? Ngaba asibobuchule ngomzali ukuhlala phantsi aze aphulaphule ukuze aqonde oko lowo uselula akucingayo ngaphambi kokuchaza oko kufanelekileyo nokungafanelekanga?

Incwadi yeMizekeliso 20:5 ithi: “Icebo entliziyweni yomntu linjengamanzi anzulu kodwa umntu wokuqonda ulitsala linyuke.” Ukuba umntu osisilumko nonamava akakhawulezi anikele icebiso, kungafuneka simgrumbe ukuze sifumane icebiso lakhe. Oku kufana twatse naxa siphulaphula ngothando. Kufuna ukuqola ukuze umenze ubani akhuphe imbilini yakhe. Ukubuza imibuzo kuyanceda, kodwa sichul’ ukunyathela ukuze imibuzo yethu ingachukumisi imibandela yobuqu entununtunu. Kuluncedo ukucebisa ukuba loo mntu aqale ngemibandela ekulula ukuthetha ngayo. Ngokomzekelo, umfazi ofuna ukuthetha ngeengxaki zomtshato usenokukufumanisa kulula ukuqala athethe ngendlela abaqala ngayo ukuthandana nomyeni wakhe ngaphambi kokuba batshate. Umntu oye waphola ngokomoya usenokuqala akubalisele indlela awayifumana ngayo inyaniso.

Ukuphulaphula Ngothando Kunzima

Ukuphulaphula xa ubani ecaphukile akuyondlwan’ iyanetha, ngokwemvelo siyazikhusela kumntu onjalo. Sinokumelana njani noku? IMizekeliso 15:1 ithi: “Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo.” Mcele ngobubele ukuze athethe, nawe ngomonde yiphulaphule ngenyameko intlungu yakhe uze uphendule ngobulali.

Impikiswano idla ngokubangelwa ngabantu ababini abaphindaphinda into enye. Ngamnye kubo uqinisekile ukuba omnye akamphulaphuli. Hayi indlela ebekunokuba kuhle ngayo ukuba omnye athule aze aphulaphule! Kakade, kubalulekile ukuzibamba uze uthethe ngobuchule nangothando. IBhayibhile ithi: “Oyinqandayo imilebe yakhe wenza ngokunengqiqo.”—IMizekeliso. 10:19.

Ubuchule bokuphulaphula ngothando asinto sizalwa sinayo. Noko ke, ukuba senza umgudu size siziqeqeshe, sinokubufunda obu buchule. Ngokwenene obu bubuchule esifanele sibe nabo. Ngokwenene ukubaphulaphula abanye kuyimbonakaliso yothando. Kusenza sonwabe. Hayi indlela ekububulumko ngayo ukuhlakulela ubuchule bokuphulaphula ngothando!

[Umbhalo osemazantsi]

a Amagama atshintshiwe.

[Umfanekiso okwiphepha 11]

Xa siphulaphula, simele siyibeke ecaleni iminqweno yethu

[Umfanekiso okwiphepha 12]

Ukuphulaphula xa ubani ecaphukile akuyondlwan’ iyanetha