Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYehova Uyasiva Isikhalo Soxhwalekileyo

UYehova Uyasiva Isikhalo Soxhwalekileyo

UYehova Uyasiva Isikhalo Soxhwalekileyo

NJENGOKO uKumkani uSolomon wakwaSirayeli wamandulo watshoyo, ‘sonke sehlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.’ (INtshu. 9:11) Xa uhlelwe yinto ebuhlungu okanye ujamelene nobunzima, unokuxheleka ngokunzulu. Ngokomzekelo, ukufelwa ngequbuliso lilungu lentsapho elisondeleyo kunokubangela intlungu engathethekiyo. Kwiiveki neenyanga ezilandelayo, unokuba buhlungu gqitha yaye uphelelwe lithemba. Umntu unokuphelelwa ngamandla kude kube nzima nokuthandaza kuYehova.

Xa ekuloo meko, kufuneka akhuthazwe, kubonakaliswe uvelwano nothando kuye. Umdumisi uDavide usiqinisekisa ngala mazwi: “UYehova uyabaxhasa bonke abawayo, yaye uyabaphakamisa bonke abaqubudileyo.” (INdu. 145:14) IBhayibhile ithi “amehlo [kaYehova] asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.” (2 Kron. 16:9) ‘Oxhwalekileyo wabiza, waza uYehova weva. Yaye wamsindisa kuko konke ukubandezeleka kwakhe.’ (INdu. 34:6) UYehova umxhasa njani umntu oxhwalekileyo nobandezelekileyo?

“Ilizwi Elithethwa Ngexesha Elifanelekileyo”

Enye yeendlela uYehova asinceda ngazo ngexesha elifanelekileyo, kukusebenzisa abazalwana bethu abangamaKristu. AmaKristu ayalelwa ukuba ‘athuthuzele imiphefumlo edandathekileyo.’ (1 Tes. 5:14) Amazwi abonakalisa inkxalabo nothando athethwa ngumKristu onovelwano, anokumomeleza umntu osentlungwini. Enoba uthuthuzela umntu ngamazwi nje ambalwa, unokumkhuthaza. Loo mazwi anokuthethwa ngumntu oye watyhubela kwintlungu efanayo. Okanye asenokuthethwa ngumhlobo onamava obomi. Ezi ziindlela uYehova anokumhlaziya ngazo umntu oxhwalekileyo.

Cinga ngoAlex ongumdala ongumKristu owayesandul’ ukutshata waza umfazi wakhe waba nesifo esinganyangekiyo esambulala ngequbuliso. Omnye umveleli ohambahambayo onovelwano wamthuthuzela uAlex. Naye wayefelwe ngumfazi kodwa wayesele ephinde watshata. Lo mveleli uhambahambayo wachaza indlela awayebuhlungu ngayo emva kokufelwa ngumfazi. Wayeziva ebhetele xa ekunye nabanye entsimini nakwiintlanganiso zebandla. Noko ke, xa engena egumbini lakhe wayeziva elilolo gqitha. UAlex uthi: “Kuyandithuthuzela ukwazi ukuba akukho nto iphosakeleyo ngendlela endandivakalelwa ngayo, nabanye baye bavakalelwa ngendlela efanayo.” Ngokuqinisekileyo, “ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo” linokumthuthuzela umntu osentlungwini.—IMize. 15:23.

Omnye umdala ongumKristu, owayesazi abantu abaliqela abaye bafelwa ngamaqabane, wakhuthaza uAlex. Ngovelwano, wabonisa uAlex ukuba uYehova uyayazi indlela esivakalelwa ngayo noko sikusweleyo. Lo mzalwana wathi: “Ukuba emva kweenyanga okanye iminyaka ethile uvakalelwa kukuba kuyimfuneko ukuba ufumane iqabane, uYehova wenze ilungiselelo lokuba ukwazi ukutshata kwakhona.” Kakade ke, abanye abantu abaye bafelwa ngamaqabane baze banqwenele ukutshata kwakhona emva koko, iimeko zabo zisenokungabavumeli ukuba baphinde batshate. Ecinga ngamazwi awathethwa ngulo mzalwana, uAlex, wathi, “Ukukhunjuzwa ukuba eli lilungiselelo likaYehova kukwenza uyeke ukuba nesazela sokuba, xa utshata kwakhona uya kuba ngathi akunyanisekanga kwiqabane lakho okanye kwilungiselelo likaYehova lomtshato.”—1 Kor. 7:8, 9, 39.

Umdumisi uDavide, naye owajamelana nobunzima neemvavanyo ezininzi, wathi: “Amehlo kaYehova akumalungisa, neendlebe zakhe zibhekiswe ekukhaleleni kwawo uncedo.” (INdu. 34:15) Ngokuqinisekileyo, uYehova uyasiva isikhalo soxhwalekileyo aze amncede ngexesha elifanelekileyo esebenzisa amaKristu anovelwano naqolileyo. Eli lungiselelo lixabisekile yaye liluncedo.

Ukufumana Uncedo Kwiintlanganiso ZamaKristu

Kulula ngomntu odandathekileyo ukucinga izinto ezibuhlungu ezinokumenza afune ukuzenza ikheswa. Noko ke, iMizekeliso 18:1 iyasilumkisa: “Ozahlulayo uya kufuna ulangazelelo lwakhe lokuzingca; uya kuphambuka kubo bonke ubulumko bobuqili.” UAlex uthi: “Xa ufelwe liqabane, ucinga izinto ezibuhlungu.” Uthi yena wayenale mibuzo engqondweni yakhe: “‘Ngaba bethu ayikho enye into engendiyenzile? Ngaba ngendiye ndabonisa ulwazelelelo ngakumbi?’ Ndandingafuni ukuhlala ndodwa. Ndandingafuni ukuhlala ndingatshatanga. Ndandingakwazi ukuzithintela ezi ngcinga kuba yayihlala ithe thaa engqondweni yam into yokuba ndindodwa.”

Umntu oxhwalekileyo kufuneka abe phakathi kwabantu abaza kumakha. Olo khuthazo unokulufumana kwiintlanganiso zebandla. Xa silapho, sihlala sicinga ngeemfundiso zikaThixo ezakhayo.

Iintlanganiso zamaKristu zisinceda sibe nembono elungeleleneyo ngemeko esikuyo. Njengoko siphulaphula yaye sicamngca ngeendinyana zeBhayibhile, siye sinikele ingqalelo kwizinto ezimbini ezizezona zibalulekileyo—ukuthethelelwa kolongamo lukaYehova nokungcwaliswa kwegama lakhe—kungekhona kwintlungu esikuyo. Ngapha koko, xa sikwiintlanganiso somelezwa kukwazi ukuba enoba abanye abantu abayiqondi intlungu esijamelene nayo okanye abayazi indlela esivakalelwa ngayo, ngokuqinisekileyo uYehova yena uyayazi. Uyazi ukuba “ngenxa yobuhlungu bentliziyo umoya uyaxhwaleka.” (IMize. 15:13) UThixo oyinyaniso ufuna ukusinceda, aze asomeleze ukuze siqhubeke simkhonza.—INdu. 27:14.

Xa wayetshutshiswa ziintshaba zakhe, uKumkani uDavide wathi: “Nomoya wam utyhafile ngaphakathi kwam; phakathi kwam intliziyo yam iba ndindisholo.” (INdu. 143:4) Iinkxwaleko zidla ngokumthez’ amandla umntu zize zimdandathekise. Sisenokuxhwaleka ngenxa yokugula okanye ukuba nesiphene. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kusinceda sinyamezele. (INdu. 41:1-3) Nangona uThixo engaphilisi bantu ngokungummangaliso namhlanje, unika umntu oxhwalekileyo ubulumko namandla okunyamezela. Khumbula ukuba xa uDavide wayecinezelekile wathandaza kuYehova. Wacula: “Ndikhumbule imihla yakudala; ndicamngce ngawo wonke umsebenzi wakho; ngokuzithandela ndihleli ndizixhalabisa ngomsebenzi wezandla zakho.”—INdu. 143:5.

Ukubhalwa kwala mazwi aphefumlelweyo kwiLizwi likaThixo kubonisa ukuba uYehova uyayiqonda indlela esivakalelwa ngayo. La mazwi ayasiqinisekisa ukuba uyasiphulaphula xa sithandaza kuye. Ukuba siyalwamkela uncedo lukaYehova, ‘uya kusixhasa.’—INdu. 55:22.

“Thandazani Ngokungapheziyo”

UYakobi 4:8 uthi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” Enye indlela esinokusondela ngayo kuThixo, kukuthandaza kuye. Umpostile uPawulos uthi ‘masithandaze ngokungapheziyo.’ (1 Tes. 5:17) Enoba asiyazi eyona nto masiyithethe, “umoya ngokwawo uyasibongozela ngokugcuma okungathethekiyo.” (Roma 8:26, 27) Ngokuqinisekileyo uYehova uyayazi indlela esivakalelwa ngayo.

UMonika, onolwalamano olusondeleyo noYehova, uthi: “Ukuthandaza, ukufunda iBhayibhile nokwenza ufundisiso lobuqu, kundenze ndavakalelwa kukuba uYehova ngoyena Mhlobo wam usondeleyo. Uyandinceda ngalo lonke ixesha. Kuyandithuthuzela ukwazi ukuba, enoba andikwazi ukuchaza indlela endivakalelwa ngayo, yena uyayiqonda. Ndiyazi ukuba usoloko endiphatha ngobubele yaye uyandisikelela.”

Ngoko masilwamkele uncedo lwamanye amaKristu xa esithuthuzela, masisebenzise iziluleko nezikhumbuzo esiziva kwiintlanganiso zamaKristu size sizityand’ igila kuYehova ngomthandazo. Onke la ngamalungiselelo kaYehova okusibonisa ukuba usikhathalele. Ngokusuka kumava akhe uAlex uthi, “Ukuba senza konke okusemandleni ethu, sisebenzise onke amalungiselelo uYehova uThixo asenzele wona okusomeleza ngokomoya siya kuba ‘namandla angaphaya koko kuqhelekileyo’ size sinyamezele naluphi na uvavanyo esijamelana nalo.”—2 Kor. 4:7.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 18]

Thuthuzela Oxhwalekileyo

Incwadi yeendumiso inamazwi amaninzi achaza indlela abantu abavakalelwa ngayo kunye namazwi aqinisekisa ukuba uYehova uyasiva isikhalo soxhwalekileyo. Phawula ezi ndinyana zilandelayo:

“Ekubandezelekeni kwam ndaqhubeka ndibiza kuYehova, ndaqhubeka ndikhalela uncedo kuThixo wam. Esetempileni yakhe waliva ilizwi lam, nokukhalela uncedo kwam phambi kwakhe kwafika ezindlebeni zakhe.”—INdu. 18:6.

“UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”—INdu. 34:18.

“[UYehova] uyabaphilisa abo baphuke intliziyo, uyazibopha iindawo zabo ezibuhlungu.”—INdu. 147:3.

[Umfanekiso okwiphepha 17]

“Ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo” linokusithuthuzela xa sisentlungwini!