Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bazinikela Ngokuvumayo—EBrazil

Bazinikela Ngokuvumayo—EBrazil

KWIMINYAKA eyadlulayo, uRúbia, udade osele eneminyaka engama-30 ubudala, waya kutyelela uSandra, onguvulindlela nowayekwibandla elincinane elikumazantsi eBrazil. Njengoko wayetyelele, kwenzeka into eyamchukumisa kakhulu uRúbia kangangokude itshintshe ubomi bakhe. Yintoni leyo? Makhe siphulaphule njengoko uRúbia esibalisela.

“NDANDINGAYIKHOLELWA LE NTO”

“USandra wacela ukuba siye kwibhinqa awayelifundela iBhayibhile. Sisaqhubeka isifundo, eli bhinqa lathi lizincokolela: ‘Sandra, amantombazana amathathu endisebenza nawo afuna ukufunda iBhayibhile, kodwa ndiwaxelele ukuba kuya kufuneka alinde de kufike elawo ithuba. Ndiyazi ukuba unabantu obafundelayo kulo nyaka.’ Ndandingayikholelwa le nto. Abantu abafuna ukufunda ngoYehova kuthiwe  mabalinde! Kwibandla endisuka kulo, kwakunzima nokufumana isifundo esinye. Kanye ngoxa sasikwikhaya leso sifundo, ndaziva ndikufuna ngamandla ukunceda abantu bedolophu encinane esasihlala kuyo. Kungekudala emva koko, ndafuduka kwisixeko endandihlala kuso ndaya kuhlala kwidolophu awayenguvulindlela kuyo uSandra.”

Waphelela phi uRúbia? Uthi: “Kwiinyanga nje ezimbini emva kokufudukela apho, ndandisele ndiqhuba izifundo ezili-15, yaye akuzange kube kudala, kanye njengoSandra, nam ndanabantu abalinde ukuqhutyelwa izifundo!”

KWAFUNEKA ABUHLOLISISE UBULUNGISELELI BAKHE

UDiego, umzalwana osesenyeleni kwiminyaka engama-20 ubudala, watyelela isibini esingoovulindlela ePrudentópolis, idolophana ekumazantsi eBrazil. Ukutyelela kwakhe apho kwamfundisa izinto ezibalulekileyo; enyanisweni, kwamshukumisela ekubeni abuhlolisise ubulungiseleli bakhe. Uthi: “Ndandisenza nje uphela-sonwabe ebandleni, ndishumayela iiyure ezimbalwa. Kodwa ndathi ndakutyelela aba vulindlela ndaza ndabaphulaphula bendibalisela amava, ndazibona sele ndithelekisa uvuyo abanalo nokungabukhathaleli kwam ubulungiseleli. Ndathi ndakubona indlela abonwabe ngayo, ndabawela ukuphila njengabo.” Ukubuya kwakhe apho, uDiego waba nguvulindlela.

Ngaba nawe njengoDiego, uliNgqina eliselula elishumayelayo lize liye kwiintlanganiso zamaKristu kodwa elivakalelwa kukuba abusemnandanga ubulungiseleli kunoko buyindinisa? Ukuba kunjalo, ngaba mhlawumbi akunakutshintsha indlela obenza ngayo ukuze uxhamle uvuyo olubangelwa kukukhonza kwindawo efuna abavakalisi boBukumkani abangakumbi? Liyinene elokuba, usenokukubona kunzima ukushiya ubomi obutofotofo. Sekunjalo, luninzi ulutsha olukhethe ukwenjenjalo. Luye lwazimisela ukutshintsha usukelo nezinto oluzinqwenelayo ukuze lukhonze uYehova ngokupheleleyo. Makhe sihlolisise omnye umzekelo kaBruno.

NGABA WABA YINGCALI YOMCULO OKANYE UMLUNGISELELI?

Kwiminyaka eyadlulayo, uBruno, osele eneminyaka engama-28 ubudala, wayefunda kwisikolo somculo esidumileyo, yaye wayenosukelo lokuba ngumbhexeshi  womculo weokhestra. Eneneni, waqhuba kakuhle nezifundo zakhe kangangokuba izihlandlo ezininzi wayecelwa ukuba abhexeshe ikwayala yomculo weokhestra. Yayisele ibonakala imhlophe indlela eya empumelelweni. UBruno uthi: “Kwakusavakala ukuba ikho le nto ingenzeki kakuhle ebomini bam. Ndandizahlulele kuYehova, kodwa ndandisazi ukuba andizinikeli ngokupheleleyo kumsebenzi wakhe, ibe yayindikhathaza loo nto. Ndathandaza kuYehova ndaza ndamchazela indlela endivakalelwa ngayo yaye ndathetha nabazalwana abanamava ebandleni. Emva kokuzihlolisisa kakuhle izinto, ndagqiba kwelokuba ndinikele ingqalelo kubulungiseleli kunasemculweni, ndawuyeka umculo ndaza ndazimisela ukuya kukhonza kwindawo efuna abashumayeli boBukumkani abangakumbi.” Saphumela phi isigqibo sakhe?

UBruno wafudukela kwidolophu yaseGuapiara (ehlala abantu abamalunga nama-7 000), emalunga neekhilomitha ezingama-260 ukusuka kwisixeko saseSão Paulo. Olo yaba lutshintsho olukhulu. Uthi: “Ndafudukela kwindlwana engenafriji, umabonwakude okanye iingcingo zeInternet. Kodwa le ndlu yayinezinto endingazange ndibe nazo ngaphambili—igadi yemifuno kwakunye nemithi yeziqhamo!” Ngoxa wayekwibandla lalapho elincinane, kanye ngeveki uBruno wayehlohla ukutya, amanzi kwakunye neencwadi kwibhegi yakhe aze akhwele isithuthuthu sakhe ukuya kumaphandle alapho. Abantu abaninzi kuloo ndawo babengazange bazive iindaba ezilungileyo ngaphambili. Uthi: “Ndandiqhuba izifundo zeBhayibhile ezili-18. Ukubona indlela izifundo ezazibutshintsha ngayo ubomi bazo kwandivuyisa gqitha!” Waleka ngelithi: “Ndandisele ndiqonda ukuba ndiyifumene into ekwakukudala ndiyifuna—ulwaneliseko lokwenene olubangelwa kukubeka kuqala uBukumkani. Bendingenakuze ndilufumane olo lwaneliseko ukuba ndandizifunele izinto eziphathekayo.” Phofu uBruno lo wayeyifumana phi imali yokuzondla eGuapiara? Uyancuma aze athi: “Ndandifundisa abantu ukudlala isiginkci.” Wayengekayeki ncam ukuba yingcali yomculo.

“KWAFUNEKA NDIHLALE”

UMariana, osele eyigabhule iminyaka engama-20 ubudala, waba kwimeko efana nekaBruno. Wayeligqwetha, kodwa nakuba wayenomsebenzi osemgangathweni ngolo hlobo, wayenganelisekanga ncam. Uthi:  “Ndandivakalelwa ngathi ‘ndisukelana nomoya.’” (INtshu. 1:17) Abazalwana noodade abaliqela babemkhuthazela ukuba abe nguvulindlela. Emva kokucingisisa ngalo mba, uMariana, kunye nabahlobo bakhe uBianca, uCaroline, noJuliana, bagqiba kwelokuba baye kunceda kwibandla eliseBarra do Bugres, eyidolophu ekwanti kufutshane neBolivia, kumawakawaka eekhilomitha ukusuka kwamawabo. Kwathini emva koko?

UMariana uthi: “Ndandizimisele ukuhlala iinyanga ezintathu apho. Kodwa lathi liphela elo xesha, ndabe sele ndiqhuba izifundo zeBhayibhile ezili-15! Kakade ke, ezo zifundo zazifuna uncedo ukuze zenze inkqubela enyanisweni. Ngenxa yoko, kwaba nzima gqitha ukuzixelela ukuba ndiyahamba. Kwanyanzeleka ukuba ndihlale.” Ibe bobane aba dade bahlala apho. Ngaba lo msebenzi mtsha kaMariana wamenza waphila ubomi obunenjongo? Uthi: “Indonwabisa gqitha into yokusetyenziswa nguYehova ukuba ndincede abantu baphucule ubomi babo. Kuyintsikelelo kum ukwazi ukuba ixesha namandla am ndiwasebenzisela ukwenza umsebenzi obalulekileyo.” UCaroline uthi xa eshwankathela indlela abavakalelwa ngayo bobane aba dade: “Xa ndilala ngokuhlwa, ndiziva ndaneliseke ngokwenene kuba ndiye ndazibhokoxa ekusebenzeleni uBukumkani. Eyona nto ibalulekileyo kum kukunceda izifundo zam. Konwabisa gqitha ukuzibona zisenza inkqubela. Ndiwabona kum amazwi athi: ‘Ngcamlani nibone ukuba uYehova ulungile.’”—INdu. 34:8.

UYehova umele ukuba uvuya ngokwenene xa ebona inkitha yabazalwana noodade abaselula ehlabathini lonke ‘abazinikela ngokuvumayo’ ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani bakhe kwiindawo ezikwanti! (INdu. 110:3; IMize. 27:11) Abasebenzi abazinikela ngokuvumayo ngolo hlobo basikelelwa ngokwenene nguYehova.—IMize. 10:22.