IMBONISELO—EFUNDWAYO Matshi 2013

Le Mboniselo ikhumbuza onke amaKristu ukuba ahlale kugqatso lobomi. Yaye isazisa ngendlela yokwazi iintliziyo zethu noThixo wethu, uYehova.

Kwabo Bathanda UYehova, “Akukho Mqobo Usisikhubekiso”

Kwenzeka njani ukuba kungabikho mqobo usisikhubekiso kwabo bathanda uYehova? Funda ngento enokusinceda sihlale kolu gqatso lobomi.

Ngaba Unayo ‘Intliziyo Yokwazi’ uYehova?

Amazwi omprofeti uYeremiya angakunceda ube netliziyo efanelekileyo uze uyigcine injalo.

Ekubeni ‘Nifikelele Ekumazini UThixo’—Yintoni Enimele Niyenze?

Funda ukuba kutheni kuyimfuneko ukusoloko sihlola ukholo lwethu nendlela esizinikele ngayo kuYehova uThixo.

Thuthuzeleka—Uthuthuzele Abanye

Bonke abantu bakhe bagula kanti abanye bakhe bagulela ukufa. Xa sikwiimeko ezinjalo, sinokunyamezela njani?

UYehova—Indawo Yethu Yokuhlala

Nangona siphila kwihlabathi elingendawo, kutheni siqinisekile ukuba uYehova uya kubakhusela abantu bakhe?

Zukisa Igama LikaYehova Elikhulu

Ulijonga njani ilungelo onalo lokusebenzisa igama likaYehova? Kuthetha ukuthini ukwazi igama likaThixo nokuhamba ngalo?

Ngaba Yabhalwa NguJosephus Ngokwenene?

Ngaba isicatshulwa esaziwa ngokuba yiTestimonium Flavianum sabhalwa nguFlavius Josephus, umbhali-mbali ongumYuda?

Ungaze Ulahle Ithemba!

Ungaze uyeke ukuba nethemba lokuba ekugqibeleni omnye umntu uza kuyamkela inyaniso. Funda ngabathile abaye abalahla themba nangesizathu sokuba benjenjalo.