Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Thuthuzeleka—Uthuthuzele Abanye

Thuthuzeleka—Uthuthuzele Abanye

Ngenxa yokungafezeki, sonke sikhe sigule, ibe abanye bade bagulele ukufa. Yintoni enokusinceda singaphelelwa lithemba xa sikule meko?

Enye into enokusinceda yintuthuzelo esiyifumana entsatsheni, kubahlobo, nakubazalwana bethu.

Amazwi obubele nothando lomhlobo, anokufana namafutha asiphilisayo aze asihlaziye. (IMize. 16:24; 18:24; 25:11) Kodwa amaKristu okwenene akaxhalabeli nje ukuthuthuzelwa. Azabalazela ‘ukuthuthuzela abo bakulo naluphi na uhlobo lwembandezelo ngayo intuthuzelo athuthuzelwa ngayo nawo nguThixo.’ (2 Kor. 1:4; Luk. 6:31) UAntonio, umveleli wesithili eMexico, wakubona kuye oku.

Xa kwafunyaniswa ukuba unohlobo oluthile lomhlaza ekuthiwa yilymphoma, waba buhlungu gqitha. Kodwa wazama ukuyilawula indlela avakalelwa ngayo. Njani? Wayedla ngokuzikhumbuza iingoma zoBukumkani aze azicule ukuze eve amazwi azo, emva koko acamngce ngawo. Wathuthuzelwa gqitha nakukuthandaza nokufunda iBhayibhile ngokuvakalayo.

Kodwa, uAntonio uyaqonda ukuba enye yezinto ezamnceda gqitha ngabazalwana bakhe. Uthi: “Sinomkam sasisithi xa kunzima sicele isalamane sethu esingumdala webandla ukuba size kuthandaza nathi. Oku kwakusithuthuzela size sizole.” Wongeza athi: “Enyanisweni ngenxa yokuncedwa yintsapho nokuxhaswa ngabazalwana sakwazi ukoyisa intlungu esikuyo ngexesha nje elingephi.” Unombulelo ongazenzisiyo ngokuba nabahlobo abanothando nenkathalo ngolo hlobo!

Olunye uncedo silufumana kumoya oyingcwele esawuthenjiswayo. Umpostile uPetros wathi umoya oyingcwele kaThixo ‘sisipho sesisa.’ (IZe. 2:38) Oko kwenzeka ngokwenene xa kwathanjiswa inkitha ngePentekoste yowama-33 C.E. Nakuba uPetros wayethetha ngabathanjiswa, umoya oyingcwele siyawufumana nathi. Esi sipho asipheli, ngoko simele sihlale sisicela?—Isa. 40:28-31.

YIBA NOMDLA WOKWENENE KWABABANDEZELEKILEYO

Umpostile uPawulos wanyamezela ubunzima obungathethekiyo, ejamelana nokufa maxa wambi. (2 Kor. 1:8-10) Sekunjalo, uPawulos akazange akoyike ukufa. Wathuthuzelwa kukwazi ukuba uThixo uyamxhasa. Wathi: “Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise onenceba noThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu.” (2 Kor. 1:3, 4) UPawulos akazange avumele iingxaki anazo zimongamele. Kunoko, iimvavanyo awazinyamezelayo zamnceda waba novelwano kwabanye, watsho wakwazi ukuthuthuzela abanye.

Ukuphila kwakhe, uAntonio wabuyela kumsebenzi wokuhambahamba. Wayekade enomdla kwimpilo-ntle yabazalwana bakhe, kodwa emva koko yena nomfazi wakhe benza umgudu okhethekileyo betyelela baze bakhuthaze abagulayo. Ngokomzekelo, emva kokutyelela omnye umKristu owayegula kakhulu, uAntonio wafumanisa ukuba lo mzalwana wayengafuni kuya kwiintlanganiso. UAntonio uthi: “Wayengenziwa kukungathandi uYehova okanye abazalwana, kodwa ngenxa yokugula wayevakalelwa kukuba akusekho yakhe.”

Into awayenzayo uAntonio ukuze amkhuthaze wacela lo mzalwana ugulayo ukuba athandaze kwenye yeembutho ababeza kubanayo. Nakuba wayeziva engafaneleki, wavuma. UAntonio uthi: “Watsho ngomthandazo ochukumisayo, kangangokuba emva kwawo, waba ngomnye umntu. Waziva ethandwa kwakhona.”

Yinyaniso ukuba, sonke sikhe sibandazeleke ngandlel’ ithile enoba kukancinane okanye kakhulu. Kodwa njengokuba uPawulos watshoyo, oku kunokusinceda sikwazi ukuthuthuzela abanye abasentlungwini. Simele sibe novelwano xa abazalwana bethu bebandezeleka size sixelise uThixo wethu, uYehova, ngokuba ngumthombo wentuthuzelo kubo.