Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Zuza Ngokupheleleyo Kufundo LweBhayibhile

Zuza Ngokupheleleyo Kufundo LweBhayibhile

“Ngokwenene ndiyayoliswa ngumthetho kaThixo.”—ROMA 7:22.

1-3. Ziziphi iingenelo esizifumana ngokufunda iBhayibhile nokwenza oko ikutshoyo?

“NTSASA nganye ndiye ndimbulele uYehova ngokundinceda ndiyiqonde iBhayibhile.” Udade osekhulile owathetha la mazwi sele eyifunde yonke iBhayibhile izihlandlo ezingaphezu kwama-40, ibe akakayeki nangoku. Omnye udade oselula wabhala wathi ukufunda kwakhe iBhayibhile kumncede waqonda ukuba uYehova ungumntu wokwenene. Ngenxa yoko, uye wasondela ngakumbi kuYise wasezulwini. Uthi: “Zange khe ndonwaba kangaka ebomini bam!”

2 Umpostile uPetros wakhuthaza bonke abantu ukuba ‘balangazelele ubisi olungangxengwanga lwelizwi.’ (1 Pet. 2:2) Xa sifunda iBhayibhile size senze oko ikutshoyo, siba nesazela esicocekileyo nenjongo ebomini. Isinceda sibe nobuhlobo obomeleleyo nabanye abamthandayo nabamkhonzayo uThixo. Ezi zizizathu ezivakalayo ‘zokuyoliswa ngumthetho kaThixo.’ (Roma 7:22) Akupheleli apho, zikhona nezinye iingenelo.

3 Okukhona sifunda ngoYehova noNyana wakhe, kokukhona sibathanda ngakumbi kuquka nabanye abantu. Ukuba nolwazi oluchanileyo lweZibhalo kusinceda sibone indlela aza kuthi uThixo kungekudala asindise ngayo abantu abathobelayo kule nkqubo ifayo. Sinesigidimi esikhuthazayo seendaba ezilungileyo esimele sisishumayele ebantwini. UYehova uya kusisikelela njengoko sixelela abanye ngezinto esizifundileyo eBhayibhileni.

FUNDA UZE UCAMNGCE

4. Kuthetha ukuthini ukufunda iBhayibhile “ngesandi esiphantsi”?

4 UYehova akafuni senze uphela-sonwabe xa sifunda iLizwi lakhe. Wathi kuYoshuwa: “Le ncwadi yomthetho ayifanele isuke emlonyeni wakho, yaye umele uyifunde ngesandi esiphantsi imini nobusuku.”  (Yosh. 1:8; INdu. 1:2) Ngaba oku kuthetha ukuba simele sicothe okanye sisebeze xa sifunda iBhayibhile? Akuthethwa loo nto. Eyona nto ithethwayo kukuba simele siyifunde ngenjongo nangesantya esiza kusivumela sicamngce. Ukufunda iBhayibhile “ngesandi esiphantsi,” kusinceda sinikele ingqalelo kwiivesi ezibalulekileyo nezilukhuthazo. Xa ufika kwezo vesi, okanye iingxelo yithi chu, mhlawumbi uphimisele amagama ngolwimi nemilebe. Into oyifundayo iya kufikelela entliziyweni. Kutheni kubalulekile nje? Kaloku ukuva isiluleko sikaThixo kukwenza ufune ukumthobela uphile ngaso.

5-7. Zekelisa indlela ukufunda iLizwi likaThixo ngesandi esiphantsi okunokukunceda ngayo (a) uhlale uziphatha ngokucocekileyo; (b) ube nomonde nobubele kwabanye; (c) uthembele kuYehova nakumaxesha anzima.

5 Ukufunda ngesandi esiphantsi kuluncedo ingakumbi xa ufunda iincwadi zeBhayibhile ongaqhelananga nazo. Umzekelo, khawucinge nje ngezi meko zintathu. Eyokuqala, cinga ngomzalwana oselula ofundisisayo aze afike kwisiprofeto sikaHoseya. Kwisahluko 4, emva kokufunda ngesandi esiphantsi ivesi 11 ukusa kweye-13, uyanqumama. (Funda uHoseya 4:11-13.) Kutheni enqumama nje? Kaloku, ezi vesi zimenza acinge kuba mva nje esikolweni kukhe kwanzima, elingelwa ekuziphatheni okubi. Njengoko ecinga ngazo kuthi qatha: ‘UYehova uyazibona izinto ezimbi ezenziwa ngabantu emfihlekweni. Andifuni kumkhathaza.’ Emva koko wenza isigqibo sokuhlala ecocekile emehlweni kaThixo.

6 Kwimeko yesibini, udade ufunda isiprofeto sikaYoweli aze afike kwisahluko 2, ivesi 13. (Funda uYoweli 2:13.) Njengoko efunda le vesi ngesandi esiphantsi, ucinga indlela amele amxelise ngayo uYehova, ‘onobabalo nenceba, ozeka kade umsindo nonobubele bothando obuninzi.’ Ugqiba ekubeni awayeke amazwi ahlabayo nawokugqajukelwa ngumsindo adla ngokuwaphosa kumyeni wakhe nakwabanye maxa wambi.

7 Eyesithathu, yindoda engumKristu ephelelwe ngumsebenzi, ngoku ixhalabele ukunyamekela umfazi nabantwana bayo. KuNahum 1:7, ifunda ngesandi esiphantsi ukuba uYehova “uyabazi abo bafuna kuye indawo yokusabela” ibe ubakhusela ‘njengegwiba ngemini yokubandezeleka.’ Ithuthuzelwa gqitha ngala mazwi. Iyayiqonda indlela asinyamekele ngothando ngayo uYehova ize iyeke ukuxhalaba ngokugqithiseleyo. Emva koko, ifunda ivesi 15 ngesandi esiphantsi. (Funda uNahum 1:15.) Umzalwana wethu uyabona ukuba ngokushumayela iindaba ezilungileyo nakumaxesha anzima, ubonisa ukuba uYehova umgqala njengegwiba lakhe ngokwenene. Ngoxa ekhangela umsebenzi, ngoku uzimisele nokuxhasa umsebenzi wokushumayela phakathi evekini.

8. Khawuthi gqaba nje ngobuncwane obuzuze xa ubufunda iBhayibhile.

8 Le mizekelo sigqiba kuyichaza ifumaneka kwiincwadi zeBhayibhile ekuthiwa kunzima ukuziqonda ngabanye. Njengoko uhlola ngomdla wokufunda kwincwadi kaHoseya, ekaYoweli nekaNahum, uya kuba nomdla wokufunda nezinye iivesi zazo ngesandi esiphantsi. Cinga nje ngentabalala yobulumko nokhuthazo oya kulufumana kwezi ncwadi zabaprofeti! Kuthekani ngezinye iincwadi zeBhayibhile? ILizwi likaThixo lifana nomgodi ovelisa intabalala yedayimani. Zibhokoxe wembe kulo mgodi! Ewe, yifunde yonke iBhayibhile ukuze uzuze ubuncwane bokhokelo nokhuthazo oluvela kuThixo.

ZABALAZELA UKUYIQONDA

9. Yintoni esinokuyenza ukuze siyiqonde ngakumbi iBhayibhile?

9 Ngoxa kubalulekile ukufunda inxalenye ethile yeBhayibhile mihla le, umele uzabalazele ukuyiqonda nokufumana  intsingiselo yoko ukufundayo. Ngoko, phanda kwiimpapasho zentlangano kaYehova ukuze ufumane imvelaphi yabantu, yeendawo neyezo ziganeko ufunda ngazo. Ukuba akuqiniseki ngendlela imfundiso ethile yeBhayibhile ekuchaphazela ngayo wena, unokucela uncedo kumdala webandla okanye omnye umKristu oqolileyo. Ukuze sibone indlela ekubaluleke ngayo ukuziqonda izinto esizifundayo, makhe sihlolisise umzekelo womnye umKristu wenkulungwane yokuqala owazabalazela ukwenza kanye loo nto. Lowo yayinguApolo.

10, 11. (a) UApolo wancedwa njani waphucula ekushumayeleni iindaba ezilungileyo? (b) Sifunda ntoni kule ngxelo ka-Apolo? (Funda ibhokisi ethi “Ngaba Ufundisa Izinto Ezisexesheni?”)

10 UApolo wayengumYuda ongumKristu “ezazi kakuhle iZibhalo” yaye “evutha ngumoya.” Incwadi yeZenzo ithi ngaye: “Wayehamba ethetha kwaye efundisa ngokuchanileyo izinto ezingoYesu, kodwa eqhelene nobhaptizo lukaYohane kuphela.” UApolo wayengazi ukuba uYesu wayesele ebafundise into entsha ngobhaptizo abafundi bakhe. Emva kokumva efundisa e-Efese, isibini esingamaKristu uPrisila noAkwila samcacisela “ngokuchane ngakumbi indlela kaThixo.” (IZe. 18:24-26) Kwamnceda njani oko uApolo?

11 Emva kokushumayela e-Efese, uApolo waya eAkhaya. “Akufika apho, wabanceda kakhulu abo babekholiwe ngenxa yobubele obungasifanelanga bukaThixo; kuba ngokucokiseke kakhulu wawangqina esidlangalaleni amaYuda ukuba aphosisile, ngoxa wayebonakalisa ngeZibhalo ukuba uYesu unguKristu.” (IZe. 18:27, 28) Ngoku, uApolo wayesele eyiqonda kakuhle intsingiselo yobhaptizo lwamaKristu. Watsho wakwazi ‘ukubanceda kakhulu’ abasebatsha benze inkqubela kunqulo  lwenyaniso. Sifunda ntoni kule ngxelo? NjengoApolo, simele sizabalazele ukukuqonda oko sikufunda eBhayibhileni. Kodwa, simele sithobeke size silwamkele icebiso lendlela yokushumayela esilifumana kumKristu onamava. Oko kuya kusinceda siphucule kwinkonzo yethu engcwele.

NCEDA ABANYE NGEZINTO OZIFUNDAYO

12, 13. Zekelisa indlela ubuchule bokusebenzisa iZibhalo okunokunceda ngayo isifundo seBhayibhile senze isigqibo sokukhonza uYehova.

12 NjengoPrisila, uAkwila, noApolo, nathi sinokuba yintsikelelo kwabanye. Uziva njani xa uye wakhuthaza umntu onomdla wakwazi ukoyisa umqobo ekukhonzeni uThixo? Njengomdala, uziva njani xa umvakalisi ebulela ngesiluleko seBhayibhile omncede ngaso watsho wajamelana nobunzima? Asithandabuzi ukuba, ukusebenzisa iLizwi likaThixo ukuze sincede abanye baphucule ubomi babo, ngowona mthombo wolwaneliseko novuyo. * Phawula indlela onokukwenza ngayo oku.

13 Kumba wonqulo oluyinyaniso nolobuxoki, amaSirayeli amaninzi ngomhla kaEliya ayekhwel’ ecingweni. Isiluleko esakhutshwa nguEliya kumaSirayeli sinokunceda isifundo seBhayibhile esingade senze isigqibo sokukhonza uYehova. (Funda eyoku-1 yooKumkani 18:21.) Ngokomzekelo: Ukuba umntu onomdla woyika ukugxekwa ngabahlobo okanye intsapho yakhe, unokumkhuthaza ngokufunda uze uqiqe naye ngala mazwi akuIsaya 51:12, 13.Yifunde.

14. Yintoni eya kukunceda ukhumbule iivesi zeBhayibhile xa ufuna ukunceda abanye ngazo?

14 Kucacile ukuba, iBhayibhile izaliswe ngamazwi anokukhuthaza, anokulungisa, nanokubomeleza abo bayifundayo. Mhlawumbi uzibuza oku, ‘Ndingenza njani ukuze ndikwazi ukukhumbula izibhalo xa ndifuna ukuzisebenzisa?’ Funda iBhayibhile uze ucamngce ngeyona nto ifunwa nguThixo yonk’ imihla. Oko kuya kukunceda uqhelane namazwi kaThixo uze umoya oyingcwele kaYehova ukuncede uwakhumbule xa uwafuna.—Marko 13:11; funda uYohane 14:26. *

15. Yintoni eya kukunceda uliqonde ngakumbi iLizwi likaThixo?

15 Xelisa uKumkani uSolomon, uthandaze ucele kuYehova ubulumko bokuphumeza iimbopheleleko akunike zona. (2 Kron. 1:7-10) Njengabaprofeti bamandulo, ‘buzisa ngenkuthalo uze wenze nophengululo lwenyameko’ kwiLizwi likaThixo, ufune kuYehova ulwazi oluchanileyo nokuthanda kwakhe. (1 Pet. 1:10-12) Umpostile uPawulos wakhuthaza uTimoti ukuba azondle “ngamazwi okholo nawemfundiso entle.” (1 Tim. 4:6) Ngokwenjenjalo, uya kutsho ukwazi kakuhle ukunceda abanye bazi uThixo. Kwangaxeshanye, uya kwakha ukholo lwakho.

UKUFUNDA IBHAYIBHILE KUYASIKHUSELA

16. (a) ‘Ukuzincina ngenyameko iZibhalo mihla le,’ kwawanceda njani amaYuda aseBhereya? (b) Kutheni ukufunda iBhayibhile yonk’ imihla kubalulekile nje kuthi namhlanje?

16 AmaYuda aseMakedoni esixeko saseBhereya ayenomkhwa ‘wokuzincina ngenyameko iZibhalo mihla le.’ Xa uPawulos washumayela kuwo iindaba ezilungileyo, athelekisa oko wayekuthetha nolwazi lwawo lweZibhalo. Waba yintoni umphumo? Abaninzi beyiseka ukuba wayebafundisa inyaniso, baze “baba ngamakholwa.”  (IZe. 17:10-12) Oku kubonisa ukuba ukufunda iBhayibhile yonk’ imihla kuyalomeleza ukholo lwethu kuYehova. Olo kholo, “ulindelo oluqinisekisiweyo lwezinto ezithenjisiweyo,” lubalulekile ukuze singene kwihlabathi elitsha likaThixo.—Heb. 11:1.

17, 18. (a) Ukholo olomeleleyo nothando luyikhusela njani intliziyo yomfuziselo yomKristu? (b) Ithemba lisikhusela njani engozini?

17 Ngesizathu esivakalayo uPawulos wathi: “Thina ke bangabemini, masithi qwa, sinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando nesigcina-ntloko esilithemba losindiso.” (1 Tes. 5:8) Ijoni kufuneka liyikhusele intliziyo yalo kutshaba. Ngokufanayo, umKristu umele ayikhusele intliziyo yakhe yokomfuziselo kumandla esono. Kwenzeka ntoni xa umkhonzi kaYehova enokholo olomeleleyo kumadinga akhe kuba ethanda uThixo nabanye abantu? Oko kuthetha ukuba lo mkhonzi unxiba isigcina-sifuba sokomoya somgangatho ophezulu. Akanakufane enze into eza kwenza aphulukane nolwalamano analo noThixo.

18 UPawulos wakhankanya nesigcina-ntloko, “ithemba losindiso.” Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ijoni elingenasigcina-ntloko lalinokubulawa lula emfazweni. Kodwa ukusinxiba kwakunokulisindisa xa libethwe entloko. Sakha ithemba esinalo kwizenzo zokusindisa zikaYehova xa sifunda iLizwi lakhe. Ithemba elomeleleyo lisinceda sikwazi ukuxhathisa abawexuki ‘neentetho zabo ezililize’ ezifana nesilonda esibhidlayo. (2 Tim. 2:16-19) Ithemba lethu liya kusinika amandla okuthi hayi kwabo basiphembelela ukuba senze izinto ezingafunwayo nguYehova.

INDLELA YOKUSINDA

19, 20. Kutheni silixabisa gqitha nje iLizwi likaThixo, yaye sikubonisa njani oko? (Funda ibhokisi ethi “UYehova Undinika Kanye Oko Ndikufunayo.”)

19 Njengoko singena enzulwini yeli xesha lesiphelo, kokukhona kufuneka sithembele ngakumbi kwiLizwi likaYehova. Lisinceda silungise imikhwa emibi size silwe notyekelo lwesono. Ngenxa yokhuthazo nentuthuzelo esiyifumana kulo, siya kukwazi ukuxhathisa izilingo zikaSathana nehlabathi lakhe. Ukhokelo oluvela kwiLizwi likaYehova luya kusinceda singaphambuki kwindlela esa ebomini.

20 Khumbula ukuba ukuthanda kukaThixo kukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe.” Abakhonzi bakaYehova baphakathi kwazo “zonke iintlobo zabantu.” Kunjalo ke nangabo sinokubanceda ngomsebenzi wethu wokushumayela nokufundisa. Kodwa bonke abafuna ukusinda bamele bazuze ‘ulwazi oluchanileyo lwenyaniso.’ (1 Tim. 2:4) Oku kubonisa ukuba ukuze sisinde kule mihla yokugqibela simele sifunde iBhayibhile size sithobele imiyalelo yayo ephefumlelweyo. Ukuyifunda kwethu rhoqo iBhayibhile kubonisa ukuba silixabisa gqitha iLizwi lenyaniso likaYehova.—Yoh. 17:17.

^ isiqe. 12 Kakade ke, isiluleko seBhayibhile asisisebenzisi ukuze sinyanzele okanye sigwebe abanye. Simele sibe nomonde nobubele kwabo sibafundela iBhayibhile kanye njengokuba uYehova esenjenjalo kuthi.—INdu. 103:8.

^ isiqe. 14 Kuthekani xa ukhumbula amazwi athile eso sibhalo, kodwa ulibele ukuba yiyiphi loo vesi? Usenokuyifumana loo vesi xa ukhangela loo magama athi qatha kwisalathiso samagama esingasemva kwiBhayibhile yakho iNguqulelo Yehlabathi Elitsha.