Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba kufanelekile ukuba abazali abangamaKristu bahlale ndawonye nomntwana wabo osusiweyo kubudlelane ezintlanganisweni?

Akuyomfuneko ukube sizixhalabisa ngendawo aza kuhlala kuyo umntu osusiweyo kubudlelane xa ekwiHolo yoBukumkani. Eli phephancwadi lizame konke ukukhuthaza abazali abangamaKristu ukuba babancede bamthande uThixo abantwana babo abasahlala ekhaya ngoxa besusiwe kubudlelane, xa kufanelekile ukwenjenjalo. Njengoko kubonisiwe kwiMboniselo kaNovemba 15, 1988 iphepha 19 no-20, abazali basenokude bamqhubele isifundo seBhayibhile umntwana oselula osahlala nabo ngoxa esusiweyo kubudlelane. Sihlala sinethemba lokuba oko kuya kukhuthaza loo mntwana alungise iindlela zakhe.

Akukho nto iphosakeleyo xa umntwana oselula osusiweyo kubudlelanane ehlela nabazali bakhe azole kwiHolo yoBukumkani. Ekubeni kungekho nto ithi umntu osusiweyo kubudlelane umele ahlale ngasemva eholweni, akukho nto iphosakeleyo xa umntwana osusiweyo eza kuhlala ecaleni kwabazali bakhe, enoba bahleli ndawoni na eholweni. Njengoko abazali benceda lo mntwana wabo abe nolwalamano noThixo, bamele baqinisekise ukuba uphulaphula ngenyameko kwiintlanganiso. Ngoko ukuhlala kunye naye kunokuba luncedo kule meko.

Kuthekani, ukuba umntwana osusiweyo akasahlali kowabo? Ngaba iya hluka eyakhe imeko? Ngaphambili, iMboniselo yasichaza kakuhle isimo sengqondo amele abe naso umKristu ngokunxulumana nesalamane esisusiweyo kubudlelane angahlali naso ekhaya. * Noko ke, ukuvumela kwezalamane umntu osusiweyo kubudlelane ukuba ahlale ezolile ecaleni kwazo kwiintlanganiso kwahlukile ekufuneni nje kwazo ithuba lokunxulumana naye. Ukuba la malungu entsapho athembekileyo asiphatha ngendlela efanelekileyo eso salamane sawo sisisusiweyo ngoxa ethobela isiluleko seZibhalo esiphathelele ukunxulumana naso, akuyomfuneko ukuzixhalabisa.1 Kor. 5:11, 13; 2 Yoh. 11.

Akukho mfuneko yakuzixhalabisa ngento yokuba umntu osusiweyo uhlala ecaleni kukabani kwiHolo yoBukumkani, logama nje eziphatha kakuhle. Ukumisela imiqathango ngendawo amele ahlale kuyo umntu kunokubangela iingxaki eziliqela, kuxhomekeka kwiimeko. Ukuba bonke abakhoyo ebandleni, kuquka amalungu entsapho athembekileyo bazabalazela ukuthobela imigaqo yeBhayibhile ephathelele umntu osusiweyo kubudlelane, yaye oko akubakhubekisi abanye akukho mfuneko yakuzixhalabisa ngendlela abamele bahlale ngayo abo beze kwiintlanganiso. *

^ isiqe. 5 Funda iMboniselo, kaMatshi 1, 1982, iphepha 23 no-24.

^ isiqe. 6 Le ngcaciso ihlaziya oko kwakupapashwe kwiMboniselo yesiNgesi ka-Aprili 1, 1953, iphepha 223.