Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukutshata “Kuphela ENkosini”—Ngaba Kusasebenza Nangoku?

Ukutshata “Kuphela ENkosini”—Ngaba Kusasebenza Nangoku?

“Awekh’ amasoka ebandleni, ibe andifuni kude ndidudelwe nguJambase mna.”

“Akhon’ amadoda ehlabathi anobubele, athandekayo nanovelwano. Akanangxaki neenkolelo zam, ibe abhetele kunabany’ abazalwana.”

Bakho abanye abakhonzi bakaThixo abangatshatanga abaye bathetha amazwi afana nala. Bayazi ukuba uYehova ufuna ukuba abakhonzi bakhe batshate “kuphela eNkosini,” nto leyo etheth’ ukuthi, batshate amaKristu kuphela. (1 Korinte 7:39) Yintoni ke ebenza bathethe ngolu hlobo?

ISIZATHU SOKUBA ABANYE BETHANDABUZA

AmaKristu athetha la mazwi athi baninzi oodade abangatshatanga kunabazalwana. Nyhani ke kunjalo kumazwe amaninzi. Ngokomzekelo, eKorea, bayi-57 pesenti oodade abangatshatanga, abazalwana bona babe yi-43 pesenti. Kwaye eColombia, i-66 pesenti ngoodade baze babe yi-34 pesenti abazalwana.

Kwezinye iindawo, abazali abangengomaNgqina banokulixhoma kakhulu ikhazi okanye bafune izipho ezibizayo xa iintombi zabo zitshata. Ibe abanye abazalwana abangatshatanga abanakukwazi ukuzifikelela. Le nto yenza abanye oodade abangatshatanga babe nexhala lokuba abasoze bakwazi ukutshata nomKristu. *—Funda umbhalo osemazantsi.

KUBALULEKILE UKUTHEMBELA NGOYEHOVA

Ukuba nawe ukhe wavakalelwa ngolu hlobo, siyakuqinisekisa ukuba uYehova uyayiqonda imeko okuyo ibe wazi kakuhle ukuba uvakalelwa njani.—2 Kronike 6:29, 30.

Sekunjalo, eBhayibhileni, uYehova usiyalela ukuba sitshate kuphela eNkosini. Ngoba kutheni? Kuba uyazi ukuba yintoni esilungeleyo ibe ufuna ukusikhusela. Akafuni senze izigqibo eziza kusifaka entlungwini okanye zisenze singonwabi. Ngexesha likaNehemiya, amaYuda amaninzi ayetshata abafazi abangamkhonziyo uThixo. Ngenxa yoko, uNehemiya wawaxelela ngokugqwidiza kukaSolomon. “Wayethandwa nguThixo wakhe, kangangokuba uThixo wamenza ukumkani wakhe wonke uSirayeli. Kwanaye abafazi basemzini bamonisa.” (Nehemiya 13:23-26) UYehova uyazi ukuba izikhumbuzo zakhe zisilungele, ibe yiloo nto kanye eyalele amaKristu ukuba atshate kuphela eNkosini. (INdumiso 19:7-10; Isaya 48:17, 18) Siyambulela ngokuba esicebisa ngendlela enothando nesinokuyithemba. Xa simthobela uMlawuli wethu onguYehova, siyayamkela into yokuba unelungelo lokusixelela into emasiyenze.—IMizekeliso 1:5.

Siqinisekile ukuba awufuni “ukubotshwa edyokhweni” nomntu ongamthandiyo uYehova. Umntu onjalo unokukuyekisa ukukhonza uThixo. (2 Korinte 6:14) Amacebiso kaThixo ahlal’ esebenza, ibe amaKristu amaninzi kule mihla aye alumka ngokuthi akhethe ukuthobela uYehova. Kodwa ke, amanye aye ahamba ngayibonayo.

KUSASEBENZA

Omnye udade ekuthiwa nguMaggy waseOstreliya wathandana nomntu ongengomKristu. * (Funda umbhalo osemazantsi.) Uthi: “Ndaya manqaphanqapha kwiintlanganiso ukuze ndibe kunye naye. Ndaye ndaphola.” Eny’ intwazana yaseIndia enguRatana yathandana nomfana eyayikunye naye eklasini nowaqalisa ukufundelwa iBhayibhile. Kodwa ke yena lo mfana wafunda iBhayibhile kuba nje efuna ukuthandana nayo. Le ntombi yavele yayeka ukukhonza uYehova yaya kwenye icawa ukuze itshate nalo mfana.

UNdenguè waseCameroon yena wayeneminyaka eyi-19 xa watshata nendoda engamkhonziyo uYehova. Ngaphambi komtshato, le ndoda yamthembisa ukuba wayenokuqhubeka eliNgqina. Kodwa ke, emva nje kweeveki ezimbini, yamxelela ukuba akasavumelekanga ukuya kwiintlanganiso. Lo dade uthi: “Ndashiyeka ndilila ibe ndililolo. Ndandingasakwazi ukulawula ubomi bam. Ndandihlala ndityiwa sisazela.”

Asinakuyiphika into yokuba akho amaKristu atshate abantu abangamkhonziyo uYehova kodwa babe benobubele kwaye belungile. Kodwa ke, enoba loo mntu unobubele, ubuhlobo bakho noYehova buya kuba njani? Uza kuziva njani ngento yokuba ungalithobelanga icebiso likaYehova ebeliya kukwenza wonwabe? Ngaphezu koko, yena uYehova uza kuvakalelwa njani ngale nto uyenzileyo?—IMizekeliso 1:33.

Abazalwana noodade abaye balithobela icebiso likaYehova lokutshata “kuphela eNkosini” baqinisekile ukuba esi sesona sigqibo sihle. Abazalwana noodade abangatshatanga bazimisele ukuvuyisa uYehova ngokutshata nomntu omkhonzayo. UMichiko waseJapan yena wayezimisele ukuthobela uThixo nangona izizalwana zakhe zazama ukumenza atshate nendoda engamthandiyo uYehova. Ibe yayimnzimela into yokubukela abahlobo bakhe betshata namanye amaKristu ngoxa yena engade abonwe. Uthi: “Ndandisithi kuba uYehova ‘enguThixo onoyolo,’ ukonwaba kwethu akuxhomekekanga emtshatweni. Ndandikholelwa nokuba uyasinika izinto esizinqwenelayo. Ngoko ukuba aside simfumane umntu esinokutshata naye, kungcono sihlale singatshatanga okwangoku.” (1 Timoti 1:11) Ethubeni, uMichiko watshata nomzalwana olungileyo, ibe uyivuyela nyhani into yokuba eye walithobela icebiso likaYehova.

Bakho nabazalwana abaye balinda umntu ofanelekayo abanokumtshata. Ngokomzekelo, uBill waseOstreliya akayiphiki into yokuba ngamanye amaxesha wayekhe aphazanyiswe ziintombi ezingengomaNgqina. Kodwa ke, zange ade azisondeze kuzo kuba wayengafuni ukwenza ubuhlobo obabuza kumenza ‘abotshwe edyokhweni’ kunye nabangakholwayo. Kule minyaka igqithileyo, bakho noodade ababemphandla, kodwa babe bengekho kuloo nto bona. UBill walinda iminyaka eyi-30 yonke ukuze ade afumane inkosikazi emfaneleyo. Uthi: “Andizisoli tu. Ndiziva ndisikelelwe kuba sishumayela kunye, sifunda kunye kwaye sinqula kunye. Ndiyakuvuyela ukuba kunye neetshomi zenkosikazi kuba zonke zikhonza uYehova. Siphila ngemigaqo yeBhayibhile emtshatweni wethu.”

NGOXA ULINDELE KUYEHOVA

Njengoko ulandela icebiso likaYehova, yintoni ongabe uyenza ngoxa ulinde umyeni okanye inkosikazi emkhonzayo? Unokucinga ngokuba kutheni ungekatshati. Ukuba uthi kungenxa yokuba ufuna ukuthobela umyalelo kaYehova, qiniseka ukuba imvuyisa nyhani loo nto. (1 Samuweli 15:22; IMizekeliso 27:11) Eny’ into ongabe uyenza kukuthandaza kuYehova, umkhuphele yonk’ imbilini yakho. (INdumiso 62:8) Njengokuba usilwa nezilingo kunye neminqweno engalunganga, ubuhlobo bakho noYehova buza kuya busomelela. Siyakuthembisa ukuba uYehova uyazihoya izinto ozinqwenelayo nozidingayo kuba uyakuthanda. Akathembisi kunika mntu umyeni okanye inkosikazi. Kodwa ukuba nyhani uyawudinga umtshato, uYehova uyayazi eyona ndlela anokukwanelisa ngayo.—INdumiso 145:16; Mateyu 6:32.

Ngamanye amaxesha usenokuziva njengoDavide, owathi: “Khawuleza, undiphendule, Yehova. Umoya wam uphelile. Musa ukubufihla ubuso bakho kum.” (INdumiso 143:5-7, 10) Ungapheli mandla. Mnike ithuba uYehova akubonise into afuna uyenze. Mmamele uYehova ngokufunda iBhayibhile nangokucinga nzulu ngento oyifundileyo. Loo nto iza kukunceda wazi ukuba uYehova ulindele ukuba wenze ntoni nokuba uye wabanceda njani abakhonzi bakhe ngaphambili. Ngokummamela kwakho, uya kutsho umthobele ngokuzithemba.

AmaKristu angatshatanga alulutho ebandleni, ibe adla ngokunceda iintsapho nolutsha

Yintoni enye ongabe uyenza ukuze uhlale wonwabile kwaye ungenasithukuthezi ngoxa ungekatshati? Unokuzama ukomeleza ubuhlobo bakho noYehova nokuzenzela igama elihle. Eny’ into, unokufunda ukuba nobubele, ukusebenza nzima, ukuthandeka nokunyaniseka kuYehova. Ezi ziimpawu ezifunekayo ukuze wonwabe emtshatweni. (Genesis 24:16-21; Rute 1:16, 17; 2:6, 7, 11; IMizekeliso 31:10-27) Funa kuqala uBukumkani ngokuhlala uxakekile kumsebenzi wokushumayela nasebandleni. Ezi zinto ziza kukunceda ukuba ungenzi izigqibo ezingalunganga. UBill uthi xa ethetha ngeminyaka yokuba lisoka kwakhe: “Yavele yathi shwaka ngokukhawuleza! Elo xesha ndalisebenzisela ukukhonza uYehova njengovulindlela.”

Umyalelo kaYehova wokutshata “kuphela eNkosini” awuphelelwanga lixesha. Xa sikhetha ukutshata nomKristu, siyamhlonela uYehova ibe siza konwaba. IBhayibhile iyibeka kanje le nto: “Unoyolo umntu owoyika uYehova, oyoliswa kakhulu yimiyalelo yakhe. Izinto zexabiso nobutyebi zisendlwini yakhe; nobulungisa bakhe bumi ngonaphakade.” (INdumiso 112:1, 3) Ngoko ke zimisele ukuthobela umyalelo kaThixo wokutshata “kuphela eNkosini.”

^ isiqe. 7 Eli nqaku libhalwe kucingwa ngoodade. Kodwa ke, imigaqo elapha iyasebenza nakubazalwana.

^ isiqe. 13 Amanye amagama atshintshiwe.