Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Izinto Ezenza Kube Nzima Ukumazi Ngegama UThixo

Izinto Ezenza Kube Nzima Ukumazi Ngegama UThixo

KUKHO ndoda ithile engafuniyo ukuba umazi ngegama uYehova uze ube nobuhlobo obusenyongweni naye. Ngubani eso sikhohlakali? IBhayibhile iyasichaza isithi: ‘Uthixo wale nkqubo yezinto uye wamfamekisa iingqondo zabangakholwayo.’ Uthixo weli hlabathi lonakeleyo nguSathana uMtyholi. Ufuna ukukugcina ungazi ukuze intliziyo yakho ingakhanyiselwa “ngolwazi oluzukileyo lukaThixo.” USathana akafuni umazi ngegama uYehova. Ubamfamekisa njani abantu?—2 Korinte 4:4-6.

USathana uye wasebenzisa unqulo lobuxoki ukuze enze abantu bangamazi ngegama uThixo. Ngokomzekelo, kunokuba anamathele kwiZibhalo eziphefumlelweyo, kumaxesha amandulo amaYuda akhetha izithethe ezazibalela abantu ukuba basebenzise igama likaThixo. Kwathi kufika iinkulungwane zokuqala zeXesha lethu Eliqhelekileyo babe abafundi basesidlangalaleni bamaYuda beyalelwe ukuba bangalibizi igama likaThixo elalibhalwe kwiZibhalo zabo eziNgcwele xa befunda esidlangalaleni, kunoko babize elithi ʼAdho·nai′, elithetha ukuthi “Nkosi.” Ngokungathandabuzekiyo loo nto yafaka isandla ekuphelelweni kwabantu lukholo kuThixo. Abaninzi baphulukana neentsikelelo ababeza kuzifumana xa benobuhlobo noThixo. Kuthekani ngoYesu? Wayelijonga njani igama likaYehova?

UYesu Nabalandeli Bakhe Balazisa Igama LikaThixo

Xa wayethandaza kuYise, uYesu wathi: “Ndilazisile igama lakho . . . yaye ndiza kulazisa.” (Yohane 17:26) Ngokuqinisekileyo uYesu wayelibiza igama likaThixo xa efunda, ecaphula okanye echaza iivesi ezithile zeZibhalo zesiHebhere ezineli gama libalulekileyo. Ngaloo ndlela uYesu ufanele ukuba wayelisebenzisa ngokukhululekileyo igama likaThixo njengabaprofeti ababengaphambi kwakhe. Ukuba ayekho amaYuda awayengalisebenzisi igama likaThixo xa uYesu wayeshumayela emhlabeni, yena wayengenakwenza ngokweso sithethe sawo. Wazigxeka iinkokeli zonqulo esithi: “Nilitshitshisile ilizwi likaThixo ngenxa yesithethe senu.”—Mateyu 15:6.

UYesu wamisela umzekelo ngokwazisa igama likaThixo

Nabalandeli bakaYesu baqhubeka belazisa igama likaThixo emva kokufa nokuvuka kwakhe. (Funda ibhokisi ethi  “Ngaba AmaKristu Enkulungwane Yokuqala Ayelisebenzisa Igama LikaThixo?”) Kanye ngosuku elasekwa ngalo ibandla lamaKristu ngePentekoste yowama-33 C.E. umpostile uPetros wacaphula amazwi kaYoweli waza wathi kumaYuda namaguquka  awayelapho: “Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.” (IZenzo 2:21; Yoweli 2:32) AmaKristu enkulungwane yokuqala anceda abantu beentlanga ngeentlanga ukuba bamazi ngegama uYehova. Ngenxa yoko, kwintlanganiso yabapostile namadoda amakhulu eyayiseYerusalem umfundi uYakobi wathi: “UThixo. . . waphethulela. . . ingqalelo yakhe ezintlangeni ukuba kuzo athabathe isizwana segama lakhe.”—IZenzo 15:14.

Nakuba kunjalo, utshaba lwegama likaThixo aluzange lunikezele. Bathi besakufa abapostile uSathana watyala uwexuko ngoko nangoko. (Mateyu 13:38, 39; 2 Petros 2:1) Ngokomzekelo, uJustin Martyr owayesithi ungumKristu wazalwa malunga nexesha lokufa kukampostile uYohane. Nakuba kunjalo, uJustin wayekhondoza kwimibhalo yakhe esithi lowo usinika zonke izinto “nguThixo ongenagama.”

Xa ayekhuphela iZibhalo zamaKristu zesiGrike,  amaKristu awexukileyo alisusa igama likaYehova aza afaka igama lesiGrike uKy′ri·os, elithetha ukuthi “Nkosi.” Kwenziwa into efanayo nakwiZibhalo zesiHebhere. Ababhali bamaYuda abawexukileyo ababe ngasalifundi esidlangalaleni igama likaThixo kwiZibhalo zabo babhala elithi ʼAdho·nai′ izihlandlo ezingaphezu kwe-130. Inguqulelo yeBhayibhile yesiLatin ebalulekileyo ebizwa ngokuba yiVulgate neyagqitywa nguJerome ngowama-405 C.E.yalikhupha igama likaThixo.

Amalinge Akutshanje Okususa Igama LikaThixo

Iicawa ziye zalisusa igama likaThixo eBhayibhileni ngenxa yezithethe zamaYuda okanye ingeniso yemali

Abaphengululi banamhlanje bayaqonda ukuba igama likaYehova livela izihlandlo ezingaphezu kwama-7 000 eBhayibhileni. Ngenxa yoko, ezinye iinguqulelo ezisetyenziswa ngabantu abaninzi, njengeJerusalem Bible yamaKatolika, iLa Biblia Latinoamérica yamaKatolika yesiPanish, neReina-Valera edumileyo ziyalisebenzisa igama likaThixo. Ezinye iinguqulelo ziliguqulela ngokuthi “Yahweh” igama likaThixo.

Okubuhlungu kukuba iicawa ezininzi ezikuxhasa ngezimali zazo ukuguqulelwa kweBhayibhile zinyanzela abaphengululi ukuba balisuse igama likaThixo kwiiBhayibhile zabo. Ngokomzekelo, kwileta kaJuni 29, 2008 eyayibhalelwe abongameli boobhishopu bamaKatolika, iVatican yathi: “Mva nje kuye kwabuyelwa kwelona gama loThixo kaSirayeli.” Kuloo leta lakhutshwa latsola elokuba: “Igama likaThixo . . . alifanele lisetyenziswe okanye libizwe.” Ukongezelela, “xa kuguqulelwa iBhayibhile ngeelwimi zanamhlanje, . . . itetragrammaton ifanele iguqulelwe ngokuthi Adonai/Kyrios: ‘Nkosi.’” Kucacile ukuba injongo yalo myalelo waseVatican kukuba lingasetyenziswa igama likaThixo.

NamaProtestanti aye akalihlonela igama likaYehova. Isithethi seNew International Version yamaProtestanti eyapapashwa ngowe-1978 sathi: “UYehova lelona gama likaThixo, ngoko ke bekufanele ukuba silisebenzisile. Sichithe izigidi zeerandi ezili-17 kule nguqulelo yaye siya kube sidlale ngayo yonke le mali ukuba siguqulela iNdumiso 23 ngokuthi, ‘UYahweh ngumalusi wam.’”

Ukongezelela koko, iicawa ziye zenza abantu baseLatin Amerika abalazi igama likaThixo. Umguquleli weUnited Bible Societies uSteven Voth (UBS) ubhala athi: “AmaProtestanti aseLatin Amerika asaphikisana nanamhla oku ngendlela elimele lisetyenziswe ngayo igama elithi Jehová . . . Okubangela umdla kukuba amapentekoste anamhlanje amaninzi . . . athi ayefuna  ukusebenzisa uhlelo lowe-1960 lweReina-Valera, kodwa ke ingabi nalo igama elithi Jehová. Kunoko ayefuna ibe negama elithi Señor [Nkosi].” UVoth uthi ekuqaleni iUBS yasikhaba ngawo omane esi sicelo kodwa ekugqibeleni yagob’ uphondo yaza yapapasha inguqulelo yeReina-Valera “engenalo igama elithi Jehová.”

Ukususa igama likaThixo kwiLizwi lakhe elibhaliweyo uze ufakele elithi “Nkosi” kwenza abafundi bangamazi ukuba ungubani uThixo. Loo nto iyababhida abantu. Ngokomzekelo, umfundi usenokungakwazi ukwahlula enoba igama elithi “Nkosi” libhekisela kuYehova okanye kuNyana wakhe uYesu. Ngenxa yoko, kwiinguqulelo ezininzi amazwi kaDavide awacatshulwa nguPetros esithi: “UYehova wathi eNkosini yam [uYesu ovusiweyo]: ‘Hlala ngasekunene kwam,’” aguqulelwa ngokuthi: “INkosi yathi eNkosini yam.” (IZenzo 2:34, NIV) Ukanti, kwisincoko sakhe esithi “UYahweh noThixo Ofundiswa NgamaKristu,” uDavid Clines uthi: “Omnye wemiphumo yokukhutshwa kukaYahweh kubuKristu uye waba kukubalaseliswa okugqithiseleyo kukaKristu.” Ngenxa yoko, abantu abaninzi abahamba icawa abazi ukuba uThixo oyinyaniso awayethandaza kuye uYesu nguThixo ophilayo nonegama—elinguYehova.

USathana uye wazama ngandlela zonke ukuze enze abantu bangamazi uThixo. Nakuba kunjalo, unokuba nobuhlobo obunzulu noYehova.

Unako Ukumazi Ngegama UYehova

Ewe kona, uSathana uye walwa negama likaThixo yaye uye wasebenzisa nonqulo lobuxoki ukuze lumncedise. Kodwa ke akukho nabani na, ezulwini okanye emhlabeni onokuthintela iNkosi enguMongami uYehova ekwenzeni igama layo laziwe ngabo bafuna ukwazi inyaniso nangenjongo yayo ezukileyo ngoluntu.

AmaNgqina kaYehova afuna ukukunceda ufunde ngendlela onokusondela ngayo kuThixo ngokufunda iBhayibhile. Axelisa uYesu owathi kuThixo: “Ndilazisile igama lakho kubo.” (Yohane 17:26) Njengoko ucamngca ngezibhalo ezahlukeneyo ezichaza izinto ezahlukahlukeneyo eziye zenziwa nguYehova ukuze asikelele uluntu, uya kwazi neempawu ezininzi zobuntu bakhe.

Usolusapho uYobhi ‘wayesondelelene noThixo’ yaye nawe unako. (Yobhi 29:4) UYehova unokumazi ngegama xa ulazi iLizwi likaThixo. Ulwazi olunjalo luya kukwenza uqiniseke ukuba uYehova uya kwenza ngokuvisisana nentsingiselo yegama lakhe ethi—‘Ndiya kuba yiyo nantoni na endifuna ukuba yiyo.’ (Eksodus 3:14) Ngokuqinisekileyo uya kuzizalisekisa zonke izithembiso zakhe.