Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Imibuzo Yabafundi . . .

Ngaba Ulonwabo Luxhomekeke Emtshatweni?

Ngaba Ulonwabo Luxhomekeke Emtshatweni?

Ngaba iBhayibhile ifundisa ukuba umele utshate ukuze wonwabe? Ekuqaleni, kusenokubonakala ngathi iLizwi likaThixo liyayixhasa le ngcamango. Njani?

Ngokutsho kwengxelo yeGenesis, uThixo wabona ukuba “akulungile” ukuba umntu wokuqala uAdam abe yedwa. Ngoko uThixo wenza uEva ukuze abe “ngumphelelisi” ka-Adam. (Genesis 2:18) Igama elithi “umphelelisi” libhekisela ekwenzeni into iphelele. Ngokusuka kule ngxelo, sisenokugqiba kwelokuba umntu akaphelelanga xa engatshatanga. Ukongezelela koko, ezinye iingxelo zeBhayibhile ziye zabonisa umtshato njengomthombo wolonwabo neentsikelelo. Umzekelo woku libali likaRute.

Ngaba iingxelo ezinjengezo zenzelwe ukufundisa amaKristu anamhlanje ukuba akanakonwaba, aneliseke okanye aphelele ukuba akatshati aze abe nabantwana? Akunjalo! UYesu Kristu wayeyindoda epheleleyo neyanelisekileyo eyakhe yaphila. Sekunjalo, wahlala engatshatanga de wayokufa. UYesu, yeyona ndoda isisilumko eyakhe yaphila, nengumfanekiso ogqibeleleyo ‘woThixo onoyolo,’ uYehova. (1 Timoti 1:11; Yohane 14:9) UYesu wakuchaza oko kwenza umntu onwabe okanye asikelelwe kweli hlabathi. (Mateyu 5:1-12) Akazange awuquke umtshato kolu ludwe.

Ngoko ke, ngaba iBhayibhile ithetha iziphikisa kulo mba? Akunjalo. Simele sihlole injongo kaThixo ngomtshato nendlela awujonga ngayo. Nangona uYehova walungiselela umtshato ukuba ube ngumthombo wolonwabo, ubuhlobo obusenyongweni kunye nentuthuzelo, ukwawulungiselele ukuba ngamanye amaxesha ufezekise ukuthanda kwakhe. Ngokomzekelo, injongo kaThixo ngoAdam noEva yayikukuba ‘baqhame, bande, bawuzalise umhlaba.’ (Genesis 1:28) Akakho kubo owayenokukwazi ukuyiphumeza le njongo ngaphandle komnye. Omnye wayemdinga omnye ukuze baphelelisane.

Ngendlela efanayo, uThixo wayenenjongo ebalulekileyo ngomtshato nobomi bentsapho xa wayeqhubana nohlanga lakwaSirayeli. Wayefuna olo hlanga lwande ukuze lungoyiswa ziintshaba zalo. Kwakhona injongo yakhe yayikukuba uMesiya owayeza kuhlangula uluntu lonke kwimiphumo yesono nokufa, avele kwisizwe sakwaYuda. (Genesis 49:10) Ngenxa yoko, amabhinqa athembekileyo akwaSirayeli ayekujonga njengelungelo elikhulu ukutshata nokuzala abantwana. Ukungatshati nokungafumani bantwana kwakujongwa njengehlazo nentlungu.

Kuthekani namhlanje? Ngaba umgaqo kaThixo wangaphambili ‘wokuzalisa umhlaba’ uyawabophelela amaKristu aphila kulo mhlaba uzaliswe ngabantu ukuba atshate aze abe nabantwana? Akunjalo. (Mateyu 19:10-12) Akusekho mfuneko yokuba uThixo akhusele umnombo okanye uhlanga awayeza kuvela kulo uMsindisi onguMesiya. Ngoko ke, amaKristu amele akujonge njani ukutshata nokungatshati?

Eneneni, zombini ezi meko zinokujongwa njengesiphiwo esivela kuThixo. Njengoko usazi, isipho esimlungeleyo omnye umntu sisenokungamfaneli omnye. Umtshato lilungiselelo elingcwele elinokuzisa uthando, ubuhlobo obusenyongweni kunye nesiseko esihle sentsapho. Kwangaxeshanye, iBhayibhile itsho phandle ukuba abo batshatayo kweli hlabathi lingafezekanga baya kujamelana neengxaki okanye babe “nembandezelo enyameni.” UYehova akakujongi ukungatshati njengehlazo okanye intlungu. Kunoko, iLizwi lakhe lithi ukungatshati kuneengenelo zako ongenakuzifumana xa utshatile.—1 Korinte 7:28, 32-35.

Ngoko iBhayibhile ayikugqibeli ukuba umele utshate okanye ungatshati. UYehova, uMseki womtshato neentsapho, ufuna abakhonzi bakhe bonwabe baze baneliseke, enoba batshatile okanye abatshatanga.