Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

Ngaba unokuphila ­ngonaphakade?

Umntu wokuqala uAdam waphila iminyaka emininzi. Kodwa wafa ekugqibeleni ngoba wayemdala. Ukususela ngoko, abantu akhonto bangayizamanga besilwa ukuguga. Sekunjalo akakho umntu oye wakuphepha ukufa. Ngoba kutheni? UAdam woluphala waza wafa kuba kaloku wona uThixo. Nathi siyoluphala kuba ngenxa ka-Adam sinesono yaye siyafa.Funda iGenesis 5:5; Roma 5:12.

Ukuze siphile ngonaphakade, simele sihlawulelwe kuqala. (Yobhi 33:24, 25) Intlawulelo lixabiso elihlawulwayo ukuze kukhululwe umntu, ngoko thina sifuna intlawulelo ukuze sikhululwe ekufeni. (Eksodus 21:29, 30) UYesu wasihlawulela ngokufa kwakhe.Funda uYohane 3:16.

Sinokubufumana njani ubomi obungunaphakade?

Asingomntu wonke oza kukhululwa ekuguleni nasekoluphaleni. Eneneni, abantu abangamthobeliyo uThixo njengoAdam abazokubufumana obo bomi. Ngabaxolelwe izono kuphela abaza kuphila ngonaphakade.—­Funda uIsaya 33:24; 35:3-6.

Ukuze sixolelwe simele senze okuthile. Sifanele simazi uThixo ngokuthi sifunde iLizwi lakhe iBhayibhile. Kuyo sifunda ngendlela entle esinokuphila ngayo noko sinokukwenza ukuze uThixo asithande size sifumane ubomi obungunaphakade.Funda uYohane 17:3; ­IZenzo 3:19.

Yintoni enokusikhulula ekufeni?