Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA UKUFA SISIPHELO?

Inxeba Lokufelwa

Inxeba Lokufelwa

Ukufa yinto engathandekiyo, kangangokuba abantu abaninzi abathandi ukuthetha ngako. Kodwa ke, sonke siyazi ukuba asinakukuphepha. Ibe inxeba elibangelwa kukufa libuhlungu kakhulu.

Akukho nto sinokuyenza enokusinceda sikulungele ngokupheleleyo ukufa komzali, kweqabane okanye komntwana. Loo ntlungu inokusifikela singalindelanga okanye ngokuthe ngcembe. Enoba kuza njani na, asinakuyiphepha intlugu eza nokufa, ibe kunokusishiya sixhwalekile.

UAntonio, owaswelekelwa ngutata wakhe kwingozi yemoto uthi: “Kuba ngathi mntu uthile utshixe indlu yakho waza wemka nezitshixo. Awunakukwazi ukuphinda ungene. Ushiyekelwe ziinkumbulo zodwa, ibe kufuneka uphile naloo nto. Ekubeni oko kubonakala njengokungabi nanceba, usenokungakukholelwa, kodwa kube kungekho nto unokuyenza.”

Xa wafikelwa yintlungu efanayo, uDorothy, owaba ngumhlolokazi eneminyaka eyi-47, wagqiba kwelokuba akhangele iimpendulo. Ekubeni wayefundisa kwisikolo secawa sabantwana, wayengacingi ukuba ukufa sisiphelo, kodwa wayengazi ukuba kwenzeka ntoni kanye-kanye xa umntu efile. Wabuza kumfundisi wakhe waseTshetshi wathi: “Kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa?” Lo mfundisi waphendula wathi: “Akukho mntu uyaziyo loo nto, kufuneka silinde de sizibonele.”

Ngaba ayikho enye into esinokuyenza ngaphandle ‘kokulinda de sizibonele’? Ngaba singaze sazi enoba ukufa sisiphelo sento yonke?