Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Liliphi ikhala elalisetyenziswa ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile?

Ikhala laliphuma kumthi iAGARWOOD

IBhayibhile ithi kwakusetyenziswa ikhala xa kuqholwa iimpahla neebhedi. (INdumiso 45:8; IMizekeliso 7:17; INgoma yazo iiNgoma 4:14) Kusenokwenzeka ukuba ikhala ekuthethwa ngalo eBhayibhileni laliphuma kumthi oyiAgarwood. Xa lo mthi ubola, ukhupha ioli enevumba elimnandi kunye nentlaka. Wawucolwa ube ngumgubo owawusiba ‘likhala’ uze uthengiswe.

IBhayibhile ifanisa iintente zakwaSirayeli ‘nekhala elityalwe nguYehova.’ (Numeri 24:5, 6) Oku kusenokubhekisela kwindlela owawumi ngayo umthi oyiAgarwood, owawufikelela kubude obumalunga neemitha eziyi-30 yaye wawunaba. Nangona lo mthi ungasafumaneki kummandla wakwaSirayeli namhlanje, iA Dictionary of the Bible ithi: “Asinakuyikhanyela into yokuba lo mthi neminye yayikho kwiNtlambo yaseYordan eyayichumile, nangona ingasekho [kuloo mmandla] ngoku.”

Yiyiphi iminikelo eyayisamkeleka kwitempile yaseYerusalem?

Eli tywina lodongwe elalikwitempile yaseYERUSALEM lineminyaka emalunga neyi-2 000 likhona

UMthetho kaThixo wawusithi yonke iminikelo yasetempileni yayimele ibe yephile qete. UThixo wayengayamkeli iminikelo enesiphene okanye egulayo. (Eksodus 23:19; Levitikus 22:21-24) Ngokutsho kombhali ongumYuda, uPhilo, owayephila ngexesha labapostile, ababingeleli babezihlola izilwanyana “ukususela entloko ukusa elunyaweni” ukuze baqiniseke ukuba ziphilile yaye “azinaso nasiphi na isiphene.”

Umphengululi uE. P. Sanders uthi mhlawumbi amagosa asetempileni “ayevumela abantu abathengisa izilwanyana zokubingelela ukuba bathengise kuphela ezo sele zihloliwe ngababingeleli. Umthengisi kwakufuneka anike umthengi irisithi ebonisa ukuba eso silwanyana asinasiphene yaye siphile qete.”

Ngo-2011, abembi bezinto zakudala bafumana enye yezo risithi kummandla owawunetempile—itywina lodongwe elilingana nengqekembe elalisetyenziswa kwixesha eliphakathi kweminyaka elikhulu ngaphambi kokuba uYesu abe semhlabeni nonyaka ka-70. Amagama amabini esiAramiki akuyo aye aguqulelwa ngokuthi “Kunokunikelwa Ngaso KuThixo.” Kucingelwa ukuba amagosa asetempileni ayencamathisela loo risithi kwizinto okanye kwizilwanyana ekuza kunikelwa ngazo.