Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA USATHANA NGUMNTU WOKWENENE?

Ngaba Nyhani USathana Ukho?

Ngaba Nyhani USathana Ukho?

Umfanekiso oseMadrid, eSpain, obonisa uSathana eliqothaqikili lengelosi

“Ndikhumbula ndisakhula e-El Salvador. Xa ndingamameli umama wayedla ngokuthi ‘UMtyholi uyeza!’ Ndandiye ndiphendule ndithi, ‘Makeze!’ Akho Sathan’ apha, mna ndazi uThixo.”—UROGELIO.

Ngaba uyangqinelana noRogelio? Yiyiphi kwezi mbono zilandelayo ebonakala iyinyani kuwe?

  • Akukho mntu kuthiwa nguSathana, yingcinga nje embi engaphakathi emntwini.

  • USathana ukho, kodwa akanamdla ebantwini.

  • USathana sisidalwa somoya esinamandla esilahlekisa abantu.

Nganye kwezi mbono ixhaswa zizigidi zabantu. Kodwa ngaba simele sizikhathaze ngokwazi eyona nyani kwezi? Ukuba uSathana akakho, loo nto ithetha ukuba abo bathi ukho balahlekisiwe. Kwelinye icala ukuba uSathana ukho kodwa akanamdla ebantwini, abo bamoyikayo boyika nje inyoka efileyo. Kodwa ke ukuba uSathana liqothaqikili lomlahlekisi, loo nto ithetha ukuba unobungozi ngaphezu kokuba abantu becinga.

Makhe sihlolisise indlela iZibhalo Ezingcwele eziyiphendula ngayo le mibuzo: Yintoni okanye ngubani kanye kanye uSathana? Ngaba yingcinga nje embi, okanye ngumntu womoya? Ukuba ungumntu, ngaba uyingozi kuwe? Xa kunjalo, ungazikhusela njani?