ISIHLOMELO A
Iinyaniso Esithandayo Ukuzifundisa
UYesu wathi abantu abanomdla baza kuyazi into eyinyani xa beyiva. (Yoh. 10:4, 27) Nanini ke xa sithetha nabantu, sifuna ukubafundisa izinto ezicacileyo ezithethwa yiBhayibhile. Ungazama ukuyisa eBhayibhileni incoko ngokubuza: “Ubusazi ukuba . . . ?” okanye “Wawukhe weva ukuba . . . ?” Emva koko uyicacise loo nyaniso ngesibhalo okanye ngezibhalo ezihambelana nayo. Ukuxelela umntu inyaniso elula yeBhayibhile kunokutyala imbewu entliziyweni yakhe, futhi uThixo angayikhulisa loo mbewu!—1 Kor. 3:6, 7.
IKAMVA
-
1. Izinto ezenzekayo nendlela abantu abayiyo zibonisa ukuba sekukufutshane ukuba izinto zitshintshe.—Mat. 24:3, 7, 8; Luka 21:10, 11; 2 Tim. 3:1-5.
-
2. Umhlaba soze utshatyalaliswe.—INdu. 104:5; INtshu. 1:4.
-
3. Umhlaba uza kuyeka ukungcoliseka uze uphinde ube kwimeko entle.—Isa. 35:1, 2; ISityhi. 11:18.
-
4. Wonke umntu uzophila qete.—Isa. 33:24; 35:5, 6.
-
5. Ungaphila ngonaphakade emhlabeni.—INdu. 37:29; Mat. 5:5.
INTSAPHO
-
6. Umyeni ufanele ‘amthande umfazi wakhe, kanye njengokuba ezithanda.’—Efe. 5:33; Kol. 3:19.
-
7. Umfazi ufanele amhloniphe kakhulu umyeni wakhe.—Efe. 5:33; Kol. 3:18.
-
8. Umyeni ufanele athembeke kumfazi wakhe, nomfazi ufanele athembeke kumyeni wakhe.—Mal. 2:16; Mat. 19:4-6, 9; Heb. 13:4.
-
9. Abantwana ababahloniphayo nababathobelayo abazali babo baza kuphumelela.—IMize. 1:8, 9; Efe. 6:1-3.
UTHIXO
-
10. UThixo unegama.—INdu. 83:18; Yer. 10:10.
-
11. UThixo uthetha nathi.—2 Tim. 3:16, 17; 2 Pet. 1:20, 21.
-
12. UThixo akanamkhethe.—Dut. 10:17; IZe. 10:34, 35.
-
13. UThixo ufuna ukusinceda.—INdu. 46:1; 145:18, 19.
UMTHANDAZO
-
14. UThixo ufuna sithandaze kuye.—INdu. 62:8; 65:2; 1 Pet. 5:7.
-
15. IBhayibhile isifundisa indlela yokuthandaza.—Mat. 6:7-13; Luka 11:1-4.
-
16. Kufuneka sithandaze qho.—Mat. 7:7, 8; 1 Tes. 5:17.
UYESU
-
17. UYesu wayengumfundisi omkhulu futhi amacebiso akhe asasebenza nanamhlanje.—Mat. 6:14, 15, 34; 7:12.
-
18. UYesu wazichaza kwangaphambili izinto ezenzekayo namhlanje.—Mat. 24:3, 7, 8, 14; Luka 21:10, 11.
-
19. UYesu nguNyana kaThixo.—Mat. 16:16; Yoh. 3:16; 1 Yoh. 4:15.
-
20. UYesu akanguye uThixo uSomandla.—Yoh. 14:28; 1 Kor. 11:3.
UBUKUMKANI BUKATHIXO
-
21. UBukumkani BukaThixo ngurhulumente okhoyo osezulwini.—Dan. 2:44; 7:13, 14; Mat. 6:9, 10; ISityhi. 11:15.
-
22. UBukumkani BukaThixo buza kuthatha indawo yoorhulumente babantu.—INdu. 2:7-9; Dan. 2:44.
-
23. BuBukumkani BukaThixo kuphela obunokulungisa iingxaki zabantu.—INdu. 37:10, 11; 46:9; Isa. 65:21-23.
IINTLUNGU
-
24. AyingoThixo obangela iintlungu zethu.—Dut. 32:4; Yak. 1:13.
-
25. NguSathana olawula ihlabathi.—Luka 4:5, 6; 1 Yoh. 5:19.
-
26. UThixo uyikhathalele intlungu yakho.—INdu. 34:17-19; Isa. 41:10, 13.
-
27. UThixo sele eza kuziphelisa iintlungu.—Isa. 65:17; ISityhi. 21:3, 4.
UKUFA
-
28. Abantu abaswelekileyo abaphili; abeva zintlungu.—INtshu. 9:5; Yoh. 11:11-14.
-
29. Abantu abaswelekileyo abanakusinceda okanye basenzakalise.—INdu. 146:4; INtshu. 9:6, 10.
-
30. Abantu esibathandayo abaswelekileyo baza kuvuswa.—Yobhi 14:13-15; Yoh. 5:28, 29; IZe. 24:15.
-
31. ‘Ukufa soze kuphinde kubekho.’—ISityhi. 21:3, 4; Isa. 25:8.
UNQULO
-
32. Ayizizo zonke iinkonzo azamkelayo uThixo.—Yer. 7:11; Mat. 7:13, 14, 21-23.
-
33. UThixo uyakucaphukela ukuzenzisa.—Isa. 29:13; Mika 3:11; Marko 7:6-8.
-
34. Eyona nkonzo yokwenyani ibonakala ngokuba nothando lokwenene.—Mika 4:3; Yoh. 13:34, 35.