Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 1

Imfihlelo Esikuvuyelayo Ukuyazi

Imfihlelo Esikuvuyelayo Ukuyazi

Ngaba wakha waxelelwa imfihlelo?— * IBhayibhile isichazela ngemfihlelo ebalulekileyo, eyibiza ngokuba ‘yimfihlelo engcwele.’ Ingcwele kuba yekaThixo. Abantu abaninzi babengayazi, yiyo loo nto kusithiwa yimfihlo. Neengelosi zazifuna ukuyazi le mfihlo. Awubaweli ukuyazi wena le mfihlo?—

Ungathi yintoni le iingelosi zazifuna ukuyazi?

Kudala-dala, uThixo wenza indoda kunye nebhinqa. Amagama abo yayinguAdam noEva. Wabanika ikhaya elihle, umyezo wase-Eden. Ukuba uAdam noEva babemmamele uThixo, babeza kuwenza wonke umhlaba ube yiparadesi efana naloo myezo. Ibe babeza kuhlala kuloo Paradesi, bangafi. Kodwa, usakhumbula yintoni eyenziwa nguAdam noEva?—

UAdam noEva abazange bammamele uThixo, yiyo loo nto singahlali kwiparadesi namhlanje. Kodwa uThixo wathi uza kuwenza mhle wonke umhlaba, ibe bonke abantu baza kuhlala kuwo kamnandi, bangafi. Wayeza kuyenza njani le nto? Kangangexesha elide abantu babengayazi, yayiyimfihlo.

Ngokuya uYesu wayelapha emhlabeni, wabafundisa izinto ezininzi abantu ngale mfihlo. Wathi ingoBukumkani bukaThixo. UYesu wathi abantu mababuthandazele obu Bukumkani ukuba bufike. Buza kwenza umhlaba ube yiparadesi entle.

Awuvuyi kukwazi le mfihlo?—Ukhumbule ke ukuba eParadesi kuza kuphila abantu abamamela uYehova. IBhayibhile inamabali amaninzi amadoda namabhinqa awamamela uYehova. Uyafuna ukuva ngawo?— Masifunde ngamanye ala madoda namabhinqa nokuba sinokufana njani nawo.

^ isiqe. 3 Kula mabali uza kumane ubona uphawu olufana nolu (—) emva kwemibuzo. Xa ukolu phawu nqumama ukuze unike umntwana ithuba lokuphendula.