Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 5

Inyaniso Ngomlingo, Ukukhafula Nobugqwirha

Inyaniso Ngomlingo, Ukukhafula Nobugqwirha

 1. Yande kangakanani inkolelo kumlingo, ukukhafula nobugqwirha?

 INCWADI ethi African Traditional Religion ithi: “Ungathelwa nqa eAfrika ukuba unokubuza enoba bukho okanye abukho kusini na ubugqwirha, kuba zonke iindidi zabantu baseAfrika zikugqala ukuthakatha njengento ebaluleke kakhulu.” Abo bakholelwa kumlingo, ukukhafula nobugqwirha ngabantu abangafundanga nabafundileyo. Bakwaquka neenkokeli zobuSilamsi nezeNgqobhoko.

 2. Ngokwenkolelo edumileyo, avela phi amandla omlingo?

2 EAfrika kukho inkolelo edumileyo yokuba kukho amandla athile angaqondakaliyo omoya, alawulwa nguThixo. Oomoya kunye nezinyanya zinako ukuwasebenzisa. Yaye bakho nabantu abakwaziyo ukufikelela kuwo baze bawasebenzise, enoba bawasebenzisela injongo entle (ubugqi) okanye embi (ukuthakatha).

 3. Yintoni ukuthakatha, yaye abantu bakholelwa ukuba kunokwenza ntoni?

3 Kuthakathwa abo baziintshaba. Kukholelwa ukuba abo bathakathayo banamandla okuthumela amalulwane, iintaka, iimpukane nezinye izilwanyana ukuze zihlasele abantu. Kukwakholelwa nokuba ukuthakatha kubangela imilo, ubudlolo, ukugula nokufa.

 4. Yintoni abaninzi abayikholelwayo ngokuphathelele amagqwirha, yaye bathini abanye ababekade bengawo?

4 Kunento yokwenza nobugqwirha. Kuthiwa amagqwirha ashiya imizimba yawo ebusuku aze abhabhe, aye kudibana namanye okanye aye kutshabalalisa amaxhoba awo. Ekubeni imizimba yala magqwirha ishiyeka ilele ezibhedini zawo, ngoko ekuphela kobungqina obukhoyo boko bobo bunikelwa ngabo bantu baye bayeka ukuthakatha. Ngokomzekelo, elinye iphephancwadi laseAfrika licaphula oko kuthethwa ngabo babesakuba ngamagqwirha (inkoliso yabo ingamantombazana akwishumi elivisayo) besithi: “Ndabulala abantu abali-150 ngokubangela iingozi zeenqwelo-mafutha.” “Ndabulala abantwana abahlanu ngokumfimfitha lonke igazi labo.” “Ndabulala izithandwa zam ezithathu ngenxa yokuba zandala.”

 5. Buyintoni ubugqi, yaye benziwa njani?

5 Kuthiwa ubugqi bona buyakhusela ebubini. Abo benza ubugqi banxiba imisesane okanye izacholo zobugqi. Basela amayeza okubakhusela okanye bawahlikihle emzimbeni. Emakhayeni abo okanye eyadini, bafihla izinto abakholelwa ukuba zinamandla okubakhusela. Bathembela kumakhubalo anemibhalo ethile yeKoran okanye yeBhayibhile.

Ubuxoki Nenkohliso

 6. Yintoni aye wayenza uSathana needemon zakhe kwixesha elidluleyo, yaye sifanele siwagqale njani amandla abo?

6 Liyinyaniso elokuba uSathana needemon zakhe ziintshaba eziyingozi zabantu. Banamandla okuphembelela iingqondo nobomi babantu, yaye kwixesha elidluleyo babengena ebantwini nasezilwanyaneni baze bazilawule. (Mateyu 12:43-45) Ngoxa singafanele siwajongele phantsi loo mandla abo, asifanele siwabaxe.

 7. Yintoni uSathana afuna ukuba siyikholelwe, yaye kuzekeliswe njani oku?

7 USathana ngumkhohlisi olichule. Ukhohlisela abantu ekucingeni ukuba unamandla angakumbi kunokuba kunjalo. Ngokomzekelo: Kumlo obuqhubeka kutshanje kwelinye ilizwe laseAfrika, amajoni asebenzisa izixhobo ezinesandi esirekhodiweyo ukuze oyikise iintshaba zawo. Ngaphambi kokuhlasela, amajoni ayevulela ngamandla ezo zandi zirekhodiweyo zokudubula koombayimbayi nemipu. Ayefuna utshaba lucinge ukuba luhlaselwa ngumkhosi onezixhobo ezininzi ezinamandla. Ngendlela efanayo, uSathana ufuna abantu bakholelwe ukuba amandla akhe akasikelwanga mda. Injongo yakhe kukoyikisa abantu ukuze benze ukuthanda kwakhe kungekhona ukuthanda kukaYehova. Ngoku makhe sihlolisise iindidi ezintathu zobuxoki uSathana afuna ukuba abantu babukholelwe.

 8. Bubuphi obunye ubuxoki uSathana abukhuthazayo?

8 Obunye ubuxoki uSathana abukhuthazayo bobokuba: Akukho nanye into embi eyenzeka ngengozi; yonke into embi engenziwa ngokuthe ngqo ngumntu ibangelwa ngamandla athile angaqondakaliyo. Masithi ngokomzekelo, umntwana ubulawa yimalariya. Kusenokwenzeka ukuba unina uyazi ukuba imalariya sisifo seengcongconi. Kodwa usenokukholelwa ukuba kukho mntu uthile othakathe umntwana wakhe ukuba alunywe yingcongconi.

Ngamany’ amaxesha izinto ezimbi zivele zenzeke

 9. IBhayibhile ibonisa njani ukuba asingoSathana obangela zonke iingxaki?

9 Ngoxa uSathana enawo amandla okubangela iingxaki ezithile, kuphosakele ukukholelwa ukuba unamandla okubangela zonke iingxaki. IBhayibhile ithi: “Ukukhawuleza asikokwababalekayo, idabi asilolabanamandla, nokutya asikokwezilumko, nobutyebi asibobabanokuqonda, kwanobabalo asilolwabanokwazi; ngenxa yokuba bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” (INtshumayeli 9:11) Enye imbaleki isenokuba namendu kunenye, kodwa isenokungaphumeleli. Isenokuphazamiseka ngenxa ‘yesihlo esithile esingenakubonwa kwangaphambili.’ Isenokukhubeka ize iwe okanye igule okanye ikruneke. Ezi zinto zinokwenzeka nakubani na. Oko akuthethi kuthi zibangelwa nguSathana okanye ligqwirha; ziyazenzekela nje.

10. Kuthiwani ngamagqwirha, yaye sazi njani ukuba oku kububuxoki?

10 Ubuxoki besibini uSathana abukhuthazayo bobu: Amagqwirha ashiya imizimba yawo ahambe ngobusuku aye kudibana namanye okanye aye kutshabalalisa amaxhoba awo. Ngoku khawuzibuze: ‘Ukuba amagqwirha anokwenza oko, yintoni kanye le ishiya umzimba?’ Njengoko sibonile, umphefumlo ungumntu, kungekhona into enokuphuma emntwini. Ngaphezu koko, umoya ngamandla obomi omeleza umzimba kodwa awukwazi kwenza nto ngaphandle komzimba.

Amagqwirha akanakuyishiya imizimba yawo

11. Sazi njani ukuba amagqwirha akanakuyishiya imizimba yawo, yaye ngaba uyakukholelwa oku?

11 Umphefumlo kunye nomoya azikwazi kuwushiya umzimba zize zenze enye into, enoba intle okanye imbi. Ngoko ke, amagqwirha akanakuyishiya imizimba yawo. Akazenzi ngokwenene izinto athi ayazenza okanye acinga ukuba azenzile.

12. USathana ubenza njani abantu bakholelwe ukuba baye benza izinto abangazenzanga?

12 Kuthiwani ke ngezinto amagqwirha athi aye azenza? USathana unako ukwenza abantu bakholelwe ukuba benze izinto abangazenzanga. Ngokusebenzisa imibono, uSathana unokwenza abantu bacinge ukuba baye babona, beva, baza benza izinto abangazenzanga. USathana ukwenza oku ngenjongo yokutyekisa abantu kuYehova aze abenze bacinge ukuba iBhayibhile ayichananga.

13. (a) Ngaba ubugqi bulungile? (b) Zithini iZibhalo ngomlingo?

13 Ubuxoki besithathu bobu bokuba, ubugqi bulungile. IBhayibhile ayenzi mahluko phakathi kokuthakatha nobugqi. Igweba lonke uhlobo lomlingo. Khawucinge nje ngemithetho uYehova awayinika uhlanga lwakwaSirayeli ngokuphathelele umlingo kunye nabo babewusebenzisa:

  •   “Nize . . . ningaqheliseli mlingo.”​—Levitikus 19:26.

  •   “Ukuba ithe indoda okanye umfazi baba neshologu okanye umoya wokuxela kwangaphambili, mababulawe bafe.”​—Levitikus 20:27.

  •   “Maze kungafunyanwa namnye kuwe . . . oqhelisela umlingo, nohlaba izihlabo nokhafulayo, nobopha ngoomabophe, nobuza koneshologu.”​—Duteronomi 18:10-14.

14. Kwakutheni ukuze uYehova awise imithetho nxamnye nokusebenzisa umlingo?

14 Le mithetho yenza kwacaca ukuba uThixo wayengafuni ukuba abantu bakhe basebenzise umlingo. UYehova wabanika le mithetho abantu bakhe ngenxa yokuba wayebathanda yaye engafuni ukuba bakhotyokiswe luloyiko naziinkolelo. Wayengafuni ukuba bacinezelwe ziidemon.

15. IBhayibhile ibonisa njani ukuba uYehova unamandla ngakumbi kunoSathana?

15 Nangona iBhayibhile ingakuchazi ngokweenkcukacha oko iidemon zikwaziyo nezingakwaziyo ukukwenza, kodwa ibonisa ukuba uYehova uThixo unamandla ngakumbi kunoSathana needemon zakhe. UYehova wamkhuphela ngaphandle kwezulu uSathana. (ISityhilelo 12:9) Kwakhona, phawula ukuba uSathana wacela imvume ukuze alinge uYobhi yaye wathobela isilumkiso sikaThixo sokuba angambulali uYobhi.​—Yobhi 2:4-6.

16. Sifanele siyifune kubani inkuselo?

16 IMizekeliso 18:10 ithi: “Yinqaba eyomeleleyo igama likaYehova. Ilungisa libalekela kulo lize likhuseleke.” Ngoko sifanele siyifune kuYehova inkuselo. Abakhonzi bakaThixo abakholosi ngamakhubalo okanye amayeza ukuba abakhusele kwizenzo ezibi zikaSathana needemon zakhe, okanye boyike ukuthakathwa. Abakhonzi bakaThixo bayakukholelwa oko kuthethwa yiBhayibhile, xa isithi: “Ngokubhekisele kuYehova, amehlo akhe asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.”​—2 Kronike 16:9.

17. Yintoni asiqinisekisa ngayo uYakobi 4:7, kodwa yintoni esimele siyenze?

17 Nawe unokuba nayo le ntembelo ukuba ukhonza uYehova. UYakobi 4:7 uthi: “Zithobeni, ke ngoko, kuThixo; kodwa mchaseni uMtyholi, wonibaleka.” Ukuba ukhonza uThixo oyinyaniso, uzithobe kuye, unokuqiniseka ukuba uYehova uya kukukhusela.