INtsapho
NguYehova owadala intsapho
Abazali
Jonga umxholo othi “AbaZali”
Ootata
Jonga umxholo othi “OoTata”
Oomama
Jonga umxholo othi “OoMama”
Abayeni, Abafazi
Jonga umxholo othi “UmTshato”
Oonyana Neentombi
Yintoni elindelekileyo ebantwaneni?
Kutheni abantwana befanele bathobele abazali babo?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Nd 78:1-8—AmaSirayeli abalisela abantwana babo izinto ezenziwa ngookhokho babo ukuze abantwana babo bathembele ngoThixo futhi bangavukeli
-
Luk 2:51, 52—Nangona egqibelele, uYesu uhlala engumntwana obathobelayo abazali bakhe abangagqibelelanga
-
Kutheni kusenokuba nzima ebantwaneni ukuba bathobele abazali babo?
UThixo ubajonga njani abantwana abangamameliyo?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Dut 21:18-21—UMthetho KaMoses ufuna ukuba abulawe unyana okhule waba linxila elinenkani, elingamameliyo nelingafuniyo tu ukulungiswa
-
2Ku 2:23, 24—Amakhwenkwe aliqela agezela umprofeti uElisha ongummeli kaThixo, aze amaninzi kuwo adliwe ziibhere
-
Abazali bafanele bazive njani ngenyhweba yokukhulisa abantwana?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Lev 26:9—AmaSirayeli akujonga njengentsikelelo evela kuYehova ukuzala abantwana
-
Yob 42:12, 13—UYehova usikelela uYobhi ngenxa yokuthembeka kwakhe ngokunika yena nenkosikazi yakhe abanye abantwana abayi-10
-
Abantwana abazalwa kunye bangaphathana njani ngendlela ebonisa imbeko kuYehova?
-
Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:
-
Gen 27:41; 33:1-11—UYakobi unembeko kumntakwabo, uEsawu, evula indlela yokuba kubekho uxolo, aze uEsawu athambe
-
Abantwana abadala yintoni abafanele bayenze kubazali nakubazali babazali babo?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Gen 11:31, 32—Xa efuduka eUre, uAbraham uhamba notata wakhe, uTera, aze amhoye de asweleke
-
Mat 15:3-6—UYesu usebenzisa uMthetho KaMoses ukuze abonise ukuba abantwana abadala bafanele baxhase abazali babo ngezinto abadingayo
-
Abantu Bakulomyeni Okanye Bakulonkosikazi
Jonga umxholo othi “AbaNtu Bakulomyeni Okanye Bakulonkosikazi”
Abazali Babazali
Jonga umxholo othi “AbaZali Babazali”