UkuThanda Imali Nezinto Ezikhoyo
Ngaba iBhayibhile iyayigxeka imali nezinto ezikhoyo okanye abantu abanazo?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
1Ku 3:11-14—UYehova usikelela uKumkani uSolomon ngobutyebi obuninzi ngenxa yokuba ethobekile
-
Yob 1:1-3, 8-10—UYobhi usisityebi kakhulu, kodwa eyona nto iphambili ngaye kukuba uyindoda ethembekileyo kuYehova
-
Kutheni ukuqokelela ubutyebi nezinto ezikhoyo kungasenzi saneliseke okanye sibe noxolo lwengqondo?
Zeziphi iindlela ubutyebi obungancedi ngazo?
Yeyiphi eyona ngozi enkulu ngemali nezinto ezikhoyo?
Bunokusikhohlisa njani ubutyebi?
IMi 11:4, 18, 28; 18:11; Mat 13:22
-
Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:
-
IZe 8:18-24—USimon uzikhohlisa ngokucinga ukuba angathenga umsebenzi okhethekileyo kwibandla lamaKristu
-
Ukuthanda imali kunokusenza silahlekelwe yintoni?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Mar 10:17-23—Umfana osisityebi othanda kakhulu izinto anazo uphoswa lithuba lokuba ngumlandeli kaYesu
-
1Ti 6:17-19—Umpostile uPawulos ulumkisa amaKristu azizityebi ukuba akuphephe ukuziphakamisa, kuba loo nto inokuwenza ayeke ukuthandwa nguThixo
-
Ukuthanda imali nezinto ezikhoyo kunokulwenza lube buthathaka njani ukholo lwethu aze uThixo angavuyiswa sithi?
Dut 8:10-14; IMi 28:20; 1Yo 2:15-17
Jonga neNd 52:6, 7; Amo 3:12, 15; 6:4-8
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Yob 31:24, 25, 28—UYobhi uyibona kakuhle ingozi yokuthembela ngobutyebi, yokuba angagqibela emphika uThixo
-
Luk 12:15-21—UYesu ulumkisa ngengozi yokuthanda imali nezinto ezikhoyo ngokuthetha ngendoda esisityebi kodwa engesosityebi kuThixo
-
Yintoni enokusenza saneliseke ngezinto esinazo?
Bobuphi ubutyebi obuxabiseke ngaphezu kwezinto ezikhoyo, futhi kutheni?
IMi 3:11, 13-18; 10:22; Mat 6:19-21
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Hag 1:3-11—UYehova usebenzisa umprofeti uHagayi ukuze achazele abantu Bakhe ukuba akabasikeleli ngezinto, kuba baye babeka kuqala imizi yabo nokuphila ubomi obutofotofo ngaphezu kokuphinda bakhe itempile Yakhe engcwele
-
ISi 3:14-19—UYesu ugxeka ibandla laseLawodike ngokuxabisa kakhulu ubutyebi basemhlabeni kunobutyebi bokukhonza uThixo
-
Kutheni sifanele simthembe uYehova ukuba uza kusinika izinto esizidingayo ukuze siphile?