Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Icandelo 4 Khawutsho

Icandelo 4 Khawutsho

Ncokolani ngale mibuzo nomntu ofunda naye iBhayibhile:

  1. Funda iMizekeliso 13:20.

    • Kutheni kubalulekile ukubakhetha kakuhle abahlobo bakho?

      (Jonga Isifundo 48.)

  2. Leliphi icebiso eliseBhayibhileni elinokukunceda ukuba . . . 

    • ungumyeni okanye umfazi?

    • ungumzali okanye umntana?

      (Jonga Isifundo 49 no-50.)

  3. Yeyiphi indlela yokuthetha emvuyisayo uYehova? Yeyiphi indlela yokuthetha ayicaphukelayo uYehova?

    (Jonga Isifundo 51.)

  4. Yeyiphi imigaqo enokusinceda siyikhethe kakuhle indlela esizilungisa ngayo?

    (Jonga Isifundo 52.)

  5. Ungayikhetha njani indlela yokuzonwabisa evuyisa uYehova?

    (Jonga Isifundo 53.)

  6. Funda uMateyu 24:45-47.

    • Ngubani “olikhoboka elithembekileyo neliyingqondi”?

      (Jonga Isifundo 54.)

  7. Ungalisebenzisa njani ixesha, amandla nemali yakho ukuze uncede ibandla?

    (Jonga Isifundo 55.)

  8. Funda iNdumiso 133:1.

    • Zeziphi iindlela onokuncedisa ngazo ekwenzeni ibandla limanyane?

      (Jonga Isifundo 56.)

  9. UYehova angasinceda njani xa senze isono esinzulu?

    (Jonga Isifundo 57.)

  10. Funda 1 Kronike 28:9.

    • Ungabonisa njani ukuba ‘uzinikele ngokupheleleyo’ kuYehova xa abanye bengayifuni inyaniso okanye beyishiya?

    • Zikhona izinto omele uzitshintshe ukuze uhlale uthembekile kuYehova ibe awunanto ekudibanisa nenkonzo yobuxoki?

      (Jonga Isifundo 58.)

  11. Ziintoni onokuzenza ukuze ukwazi ukunyamezela xa uphathwa kakubi?

    (Jonga Isifundo 59.)

  12. Uza kwenza ntoni ukuze uqhubeke usondela kuYehova?

    (Jonga Isifundo 60.)