Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 118

‘Sinike Ukholo Olungakumbi’

‘Sinike Ukholo Olungakumbi’

(Luka 17:5)

  1. 1. Thixo wethu Yehova sinesono,

    Sigungqisa intliziyo yethu.

    Senz’ ukuba siphelelwe lukholo

    Kuwe Thixo onguMdali wethu.

    (CHORUS)

    Nceda Thixo usinike ukholo.

    Siphendule isicelo sethu.

    Nceda Thixo ngayo inceba yakho,

    Wandise ukholo lwethu kuwe.

  2. 2. Ngal’ ukholo siya kukukholisa,

    Thixo wethu koko sikwenzayo.

    Ngoko Thixo qinis’ ukholo lwethu,

    Lusincede sihlal’ ethembeni.

    (CHORUS)

    Nceda Thixo usinike ukholo.

    Siphendule isicelo sethu.

    Nceda Thixo ngayo inceba yakho,

    Wandise ukholo lwethu kuwe.