INGOMA 153
Ndenze Ndibe Nesibindi
1. Ndiyoyika ibe—
Ndiyathandabuza.
Kodwa wen’ uyandinceda;
Uyandalathisa.
Ubomi bunzima,
Kodwa ndiyayazi,
Ukuba uthembekile;
Ndithembele ngawe.
(CHORUS)
Yehova, ndinik’ ukholo
Ukuze ndibone,
Baninzi abo bangakuthi,
Kunabalwa nathi.
Ndiphe isibindi;
Sokunyamezela.
Yehova, ndiph’ isbindi;
Uza kus’hlangula
2. Ndoyika kakhulu.
Andinaw’ amandla.
Awuzange undilahle;
Akhont’ ik’xakayo.
Ndicel’ undincede,
Ndibe nesibindi.
Izinto ezenzekayo—
Azindityhafisi.
(CHORUS)
Yehova, ndinik’ ukholo
Ukuze ndibone,
Baninzi abo bangakuthi,
Kunabalwa nathi.
Ndiphe isibindi;
Sokunyamezela.
Yehova, ndiph’ isbindi;
Uza kus’hlangula.
(CHORUS)
Yehova, ndinik’ ukholo
Ukuze ndibone,
Baninzi abo bangakuthi,
Kunabalwa nathi.
Ndiphe isibindi;
Sokunyamezela.
Yehova, ndiph’ isbindi;
Uza kus’hlangula.
Yehova, ndiph’ isbindi;
Uza kus’hlangula.